IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/93 iphe. 3
  • Imisebenzi Ekhethekileyo NgoMatshi NangoAprili

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imisebenzi Ekhethekileyo NgoMatshi NangoAprili
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 2/93 iphe. 3

Imisebenzi Ekhethekileyo NgoMatshi NangoAprili

1 Emhlabeni jikelele onke amaNgqina kaYehova enza umgudu okhethekileyo ebudeni bukaMatshi noAprili nyaka ngamnye ukuze abe nesabelo kumsebenzi wokushumayela. Kuthekani ngawe? Ngaba uye wenza amalungiselelo aqinisekileyo okwandisa isabelo sakho kubulungiseleli?

2 Abavakalisi abafuna ukukhonza njengoovulindlela abangabancedani ngoMatshi nangoAprili bafanele benze amalungiselelo abo ngoku baze bafake izicelo kwangethuba. Oku kuya kunceda abadala ukuba benze amalungiselelo ayimfuneko enkonzo yasentsimini baze babe noncwadi olwaneleyo. Khumbula ukuba siya kuba nosuku olukhethekileyo lwamaphephancwadi ngoAprili 3. Amabandla afanele afake iiodolo ezikhethekileyo zamaphephancwadi ngokukhawuleza, ekwenza oko ngeefomu ezithi Iodolo Yabasasazi (M-AB-202).

3 Ngaba sinokuba nosukelo lwencopho entsha koovulindlela abangabancedani nasekuhambiseni amaphephancwadi kwinyanga ka-Aprili? Kunyaka ophelileyo eMzantsi Afrika saba noovulindlela abangabancedani abangama-6559. Ewonke, amaphephancwadi awahanjiswayo aba ngama-599 394. Ngaba sinokuwaphucula la manani ebudeni buka-Aprili 1993? Wuxubusheni lo mbandela njengentsapho. Thetha noYehova ngomthandazo. Abadala, ngokukodwa umveleli wenkonzo, ufanele ayilungiselele kusengaphambili le misebenzi ikhethekileyo, kwaye ufanele ahlale elazisa ibandla ngoku. Amabandla afuna intsimi engakumbi ngenxa yemisebenzi eyandileyo asenokusebenza kumhlaba wawo ongabelwanga bani. Ngamana sonke singenza okuninzi enkonzweni kaYehova ebudeni bukaMatshi noAprili.—1 Kor. 15:58.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share