Iimfaneleko Zomlungiseleli Osemtsha Nonamava
1 Umdumisi uDavide wabuza: “Yehova, ngubani na owophambukela ententeni yakho? Ngubani na owohlala entabeni yakho engcwele?” Ngamazwi ambalwa akhethwe kakuhle, uDavide waphendula: “Ngohamba ngokugqibeleleyo, esenza ubulungisa, othetha inyaniso.” (INdu. 15:1, 2) Ezo mfaneleko aziguqukanga. Bonke abo beza kunqula kwibandla lamaKristu namhlanje bamele bakulahle ukuziphatha okubi nobunxila. Phakathi kwabantu bakaYehova ayikho indawo yabo bathanda ukulwa, banomsindo ongalawulekiyo, okanye abangabakhohlisi. Enoba singabalungiseleli abasebatsha okanye abanamava, simele sithembeke ekulondolozeni imilinganiselo ephakamileyo eseLizwini likaThixo.—Gal. 5:19-21.
2 Kukho abaninzi abasebatsha abanxulumana nentlangano kaYehova. Abaselula nabakhulileyo baye baguqula ukucinga kwabo ukuze bavisisanise indlela yabo yobomi neemfaneleko ezifunwa nguThixo. Enye inkwenkwe kuMzantsi Merika yakhula ngaphandle kokhokelo lwabazali yaza yaba neengxaki ezinzulu zobuntu. Xa yayineminyaka eli-18, yayilikhoboka leziyobisi yaye yayisele ichithe ixesha elininzi entolongweni ngenxa yobusela kuba ifuna ukuxhasa lo mkhwa wayo. Ngoncedo lwesifundo seBhayibhile, yayeka ukunxulumana nabahlobo bayo bangaphambili, yafumana abahlobo abatsha phakathi kwamaNgqina kaYehova, yaza ekugqibeleni yahlulela ubomi bayo kuThixo.
3 Ngokufanayo, sifanele sizimisele ukukholisa uThixo kuyo yonke ihambo yethu, ‘ngobulungisa nangobungcwele benyaniso.’ (Efe. 4:24) Sinembopheleleko ‘yokuzihluba umntu omdala, kunye nezenzo zakhe’ size ‘sambathe lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle’ ukuba sifuna ukuhlala entlanganweni kaThixo enjengentaba.—Kol. 3:9, 10.
4 ILizwi LikaThixo, Liyimpembelelo Enamandla: Ubuntu bukaYehova njengoko sibutyhilelwe yiBhayibhile bunokukuchaphazela ngamandla ukucinga kwethu nezenzo zethu ngendlela entle. (Roma 12:2) ILizwi lakhe linamandla okuguqula iingqondo lize ligocagoce iintliziyo. (Heb. 4:12) IZibhalo eziphefumlelweyo zisifundisa ukuba uYehova ufuna siphile ubomi bokuziphatha okuhle, sibe nesabelo ngokupheleleyo kubulungiseleli basekuhleni, yaye singazityesheli iintlanganiso zamaKristu.
5 Kula maxesha anzima, iingcinezelo ezandayo zinokumphembelela umKristu aphule imithetho kaThixo. Ukuba ubani uyalutyeshela ufundisiso lobuqu, isifundo sentsapho, iintlanganiso zebandla, okanye ubulungiseleli, kwanokuba ebengumKristu owomeleleyo usenokukhukuliseka elukholweni, mhlawumbi awele kwihambo ephosakeleyo. Kungenxa yoko uPawulos wabhalela uTimoti wathi: “Zilumkele [ngokuzingisileyo, NW] wena nemfundiso yakho” waza wathi, “Ziqiqe [ngokuzingisileyo, NW] izinto endizithethayo.”—1 Tim. 4:16; 2 Tim. 2:7.
6 Enoba sisebatsha okanye sele sineminyaka emininzi yamava, simele sihlale sinikele ingqalelo ngokupheleleyo kwiimfaneleko ezifunwa nguThixo, silungelelane ngokupheleleyo kubulungiseleli, size sigcine ithemba lethu lomelele ukuba sifuna ubomi bethu bulondolozwe. (1 Pet. 1:13-16) Ukugcina imilinganiselo yobulungisa kaThixo imihla yonke kubaluleke kakhulu.
7 Kwenze usukelo lwakho ukuya kwinkonzo yasentsimini ebudeni bale nyanga yokugqibela yonyaka wenkonzo we-1993. Zimisele ukunceda abanye bakhule elukholweni yaye babe nemveliso ngakumbi kwinkonzo yasentsimini. (Roma 1:12) Qhubeka ucinga ngezinto ezilungileyo ngokwenza ufundisiso lobuqu, isifundo sentsapho nangokubakho kwiintlanganiso rhoqo. (Fil. 4:8) Imigudu yakho yokukholisa uThixo ngokuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe ayiyi kuba lilize.—Kol. 3:23, 24.