Ingxelo Entle Ka-Aprili!
1 Siyavuyiswa yincopho entsha yabavakalisi abangama-55 727 ngoAprili. Ukongezelela, siye sanencopho entsha yezifundo zeBhayibhile ezingama-62 060. Niye nasebenza nzima yaye siyanincoma ngako oko. Qhubekani nomzekelo wenu wokuba nenzondelelo entsimini.
2 Ngaba singazenzela usukelo lwencopho entsha ngoAgasti? Kunokwenziwa njani oku? Ukuba umvakalisi ngamnye unokuba nesabelo ngokupheleleyo entsimini ebudeni buka-Agasti aze ayifake ngokukhawuleza ingxelo yakhe ekupheleni kwenyanga ngoko sikholelwa ukuba sinokuyifikelela enye incopho entsha. Kusenokufuneka umqhubi ngamnye wesifundo sencwadi abe nesixa esincinane seefomu zengxelo (S-4) kwisazulu sesifundo seqela ukuze azinikezele kwiqela lakhe. Ufanele akhumbuze abavakalisi bafake iingxelo zabo kwibhokisi ephawulwe ngokuthi “Ingxelo Yenkonzo Yasentsimini” kwiHolo yoBukumkani.
3 Kuthekani ngezifundo zeBhayibhile ezinenkqubela? Ngaba zikho kuzo ezifanelekayo ukuba zingabelana nathi kubulungiseleli ebudeni buka-Agasti? Kufanele kubekho ulwando oluthe ngcembe nyanga NGANYE olubangelwa zizifundo zeBhayibhile eziqhutywayo ezingaphezu kwama-62 000. Kutheni ningalandeli amacebiso amahle anikelwe kwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMeyi 1993 okuba sincede ngokubhekele phaya aba bantu benze inkqubela?
4 Ngamana sonke singenza umgudu wokunikela ubungqina ngokucokisekileyo kumhlaba wethu esiwabelweyo. Khumbulani ukuba nifanele “nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.”—1 Kor. 15:58.