IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/93 iphe. 7
  • Izikhumbuzo Ezisexesheni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izikhumbuzo Ezisexesheni
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 12/93 iphe. 7

Izikhumbuzo Ezisexesheni

1 Uninzi lwethu luza kube lungekho emabandleni ethu ebudeni bukaDisemba. Inkoliso yabazalwana iza kuya endibanweni yesithili ibe abanye basenokuthabatha ikhefu labo lonyaka ngexesha abaya endibanweni ngalo. Ukuba asiyi kubakho ekupheleni kukaDisemba, kuya kufuneka siqinisekise ukuba sithumela ingxelo yethu yenkonzo yasentsimini kunobhala webandla. Oku kufanele kwenziwe kuselithuba ukuze iqukwe kwingxelo yebandla yenyanga nganye, athi unobhala ayidibanise aze ayithumele kuMbutho ngomhla wesithandathu enyangeni. Abazalwana abaninzi baya kuba kwiindibano zezizwe ngezizwe ukususela ngoDisemba 30 kuse kuJanuwari 2. Oku kusenokwenza kube nzima gqitha ngonobhala ukuba ayifumane kwangexesha ingxelo yenu yenkonzo yasentsimini. Sicebisa ukuba nizifake iingxelo zenu ngeCawa, ngoDisemba 26. Ukuba unesabelo kubulungiseleli emva kwaloo mhla, usenokuyidibanisa loo ngxelo kwingxelo yakho kaJanuwari 1994.

2 Kwakhona kufuneka siphaphele amathuba okunikela ubungqina obungacwangciswanga. Amathuba anjalo asenokuvela ngoxa siseluhambeni, sityelela nezalamane, okanye sithetha nabantu esidibana nabo. Ngaba amathuba okunikela ubungqina siwajonga ngendlela uYesu awayewajonga ngayo? Akazange awayeke amathuba okunikela ubungqina. (Yoh. 4:5-30) Ngokufanayo umpostile uPawulos ‘wayezongela ixesha’ yaye wafumana imiphumo emihle. (Efe. 5:16; IZe. 17:17; 28:30, 31; Kol. 4:5) Kwanaxa sisendibanweni, sinokunikela ubungqina. Enye indlela onokukwenza ngayo oku kukusoloko ufake iqweqwe lakho lebheji. Oku kusenokukuvulela ithuba lokunikela ubungqina. Kwakhona uya kufumanisa ukuba akho amathuba okunikela ubungqina ngaphambi nasemva kocwangciso losuku ngalunye. Lungiselela kakuhle ngokuba neengongoma ezimbalwa ezisexesheni onokuthetha ngazo uze ube namaphephancwadi namaphecana ukuze uvuselele umdla.

3 Ngokulandela ngenyameko ezi zikhumbuzo, siya kuqiniseka ukuba silisebenzisa ngobulumko ixesha lethu kweli hlobo yaye siya kuba sinikela kuYehova ‘intlahlela’ yethu.—IMize. 3:9.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share