IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/94 iphe. 2
  • Isingxobo Semibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isingxobo Semibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuxhasa UBukumkani Ebandleni Nasehlabathini Lonke
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Masigcine Iindawo Zethu Zokunqulela Zikwimeko Entle
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Amalungiselelo Eendawo Zokukhonza
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Indima Yakho Ekwakheleni Ikamva
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 2/94 iphe. 2

Isingxobo Semibuzo

◼ Yiyiphi inkqubo efanele ilandelwe xa kusenziwa izigqibo ebandleni?

Isigqibo siye sifuneke xa kufuneka kugqitywe ngombandela obalulekileyo onjengokuthenga isiza, ukuhlaziya okanye ukwakha iHolo yoBukumkani, ukuthumela iminikelo ekhethekileyo kuMbutho, okanye ukunyamekela iindleko zomveleli wesiphaluka. Kudla ngokuba kokulunge gqitha ukuba sihlandlo ngasinye kwenziwe isigqibo sokuncomela xa imali yebandla iza kusetyenziswa.

Kwiimeko ezahlukileyo, ibandla lisenokusenza kube kanye isigqibo sokunikela ngemali ethile kuMbutho nyanga nganye ukongezelela kwiminikelo eyenziwa ngumntu ngamnye ukuze lixhase umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke. Kwakhona, iindleko eziqhelekileyo zokusebenza kwiHolo yoBukumkani, njengezinto ezisetyenziswa kuyo nezokucoca, akufuneki kwenziwe sigqibo ngazo.

Xa kubonakala kukho intswelo, iqumrhu labadala lifanele liwuxubushe loo mbandela ngokucokisekileyo. Ukuba inkoliso iyavumelana ukuba into ethile ifanele yenziwe, omnye wabadala, mhlawumbi ilungu leKomiti Yenkonzo Yebandla, ufanele alungiselele isigqibo esibhaliweyo esiya kwenziwa kwiNtlanganiso yeNkonzo.

Umdala ongusihlalo ufanele achaze ngokufutshane kodwa ngokucacileyo intswelo ekhoyo noko iqumrhu labadala likuncomelayo ukuze inyanyekelwe. Emva koko ibandla linikwa ithuba lokubuza imibuzo enokuthanani nalo mbandela. Ukuba loo mbandela untsonkothile, kusenokuba kuhle ukuba kungavotwa kwangoko kulindwe iNtlanganiso yeNkonzo elandelayo ukuze kunikwe wonk’ ubani ithuba lokucinga ngawo. Xa kuvotwa kuphakanyiswa izandla.

Xa kuvotelwa isigqibo kuvota kuphela amalungu ebandla azahluleleyo nabhaptiziweyo ngaphandle kokuba umthetho ufuna into eyahlukileyo, njengokuba kusenokuba njalo kwimibandela ebandakanya abasemagunyeni okanye imali-mboleko yeHolo yoBukumkani. Akusayi kufaneleka ngeendwendwe ezivela kwamanye amabandla ukuba zibe nenxaxheba.

Emva kokuba sinconyelwe isigqibo, sifanele sibhalwe umhla, sityobelwe, size sifakwe kwifayile yebandla.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share