Hayi Indlela Ekuyingenelo Ngayo Ukubalisa Oko UYehova Akwenzileyo!
1 Umbhali ophefumlelweyo weNdumiso 48 wabongoza amaSirayeli ukuba ‘ajikeleze iZiyon, abale iinqaba zayo, acande ezingxandeni zayo ezinde, ukuze abalisele isizukulwana esizayo.’ Eshukunyiswa kukuthanda uYehova, ayeya kuba nomdla onzulu kuzo zonke iinkcukacha zeso sazulu sisemhlabeni solawulo lobuthixo. Hayi indlela ezaziya kuxabiseka ngayo ezi nkcukacha kuba esi yayisisixeko uYehova awayebeke kuso igama lakhe! Ayeza kuthetha ngaso, ibe ngokukodwa kwakufuneka aqiniseke ukuba abantwana bawo bevile ngazo zonke izinto ayezigcine ezintliziyweni zawo.—INdu. 48:12, 13.
2 Ngoku siphila kwixesha laxa ulawulo lobuthixo lukaMesiya kaYehova lungasenasazulu kwiZiyon yasemhlabeni kodwa sikwiYerusalem yasezulwini. (Heb. 12:22) UBukumkani bukaYehova phantsi kukaYesu Kristu bebulawula ukususela ngowe-1914. (ISityhi. 12:10) Sinomdla omkhulu kwindlela obusebenza ngayo. Kwakhona sinomdla kakhulu kwindlela uYehova abakhokele ngayo abakhonzi bakhe abasemhlabeni ukuze baphumeze ukuthanda kwakhe njengabameli ababonakalayo bobo Bukumkani. Iinkcukacha ezibangel’ umdla mayela noku zichazwe kwincwadi yethu entsha ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo. Hayi indlela ekusivuyise ngayo ukuyifumana kwiNdibano yethu YeSithili “Yemfundiso Yobuthixo” kutshanje!
3 NgoSeptemba 1, le ncwadi ibisele ikhululwe ngeelwimi ezingama-20, yaye ibisaguqulelwa ibe ibisapapashwa ukuze yanelise iintswelo zabo bathetha ezinye iilwimi ezili-13. Ngaba intsapho yakho inayo? Ngaba niyayifunda? Ngaba niyathetha ngezinto enizifunde kuyo?
4 Emva kokubuka imifanekiso naza nafunda amagqabaza aphathelele loo mifanekiso, njengokuba bekucetyisiwe endibanweni, abazalwana noodade abaninzi ngokukhawuleza baqalise ukuyifunda. Bagqabaze bathini? Nanga amagqabaza ambalwa.
5 Omnye udade wabhala: “Kuphela kwencwadi kwendakha ndazifumana endikungxamele gqitha ukuyigqiba ukuze ndikwazi ukuphinda ndiyifunde. Ndikwisahluko 25 ngoku. Okukhona ndiyifunda, kokukhona ziphalala iinyembezi yaye intliziyo yam izaliswa kukuthanda uYehova. Le ncwadi ikhuthaza kakhulu yaye yomeleza ukholo.”
6 Omnye umzalwana obekhonza uYehova kangangeminyaka engaphezu kwama-40 wathi: “Bendingaqondi ukuba le ncwadi iza kubangel’ umdla ngolu hlobo. Bendilala ebusuku ndize ndivuke ekuseni yaye ndigqibe ukuyifunda ngeeveki ezimbini. Enyanisweni iyenye yeencwadi ezichukumisayo kwendakha ndazifunda. Iphandwe ngendlela ebalaseleyo yaye ikhuthaza kakhulu.”
7 Ucwangciso Oluthe Rhoqo Lokuyifunda: Bambi abayigqibe ngokukhawuleza le ncwadi bazimisele ukuyifunda kwakhona kodwa ngoku bengangxamanga.
8 Ukuba asinguwe wedwa osenyanisweni kwintsapho yakho, kusenokufuneka nisebenzise amacandelo ale ncwadi kwisifundo senu sentsapho. Ezinye iintsapho zaqalisa ukwenza oko kwiintsuku ezimbalwa emva kokuba ziyifumene endibanweni. Oku akuthethi ukuba ezinye izinto, njengokulungiselela iSifundo seMboniselo, zifanele zityeshelwe. Kodwa nisenokukufumanisa kuyingenelo gqitha ukusebenzisa imizuzu eli-15 okanye engama-20 ukuze nifunde nize nixubushe umbandela kwincwadi Abavakalisi.
9 Ezinye iintsapho zifunda amaphepha amabini okanye amathathu—mhlawumbi umxholwana omnye okanye emibini—ngengokuhlwa nganye emva kwesidlo sangokuhlwa. Ngamnye kubo usenokuba ubesele ezifundele inxalenye enkulu yale ncwadi, kodwa bayangenelwa kukuyifunda bengangxamanga nakwithuba lokuxubusha imibandela yayo. Bambi abakwenzayo oku bebekhonza uYehova kangangeminyaka emininzi. Njengokuba beyifunda, bakhumbula amava amaninzi amyoli. Iintliziyo zabo ziyavuya njengokuba bexubusha kunye ngesabelo abaye banaso kwiziganeko abafunda ngazo.
10 Ngenxa yeemeko zekhaya lakho, usenokufumanisa ukuba uyifunda wedwa. Omnye udade owabhalela uMbutho wathi: “Sihlandlo ngasinye bendifunda inxalenye encinane yale ncwadi busuku ngabunye ngaphambi kokuba ndilale. Le ncwadi yakha kum uxabiso nothando olunzulu ngakumbi ngenyaniso, yaye ndiziva ndisondele ngakumbi kuYehova yaye ndibulela kakhulu kuba ndiyinxalenye yentlangano yakhe. Ndilinandipha ngokwenene iphepha ngalinye endilifundayo.”
11 Nangona le ncwadi inkulu, amacandelo ayo akanjalo. Icandelo lokuqala lifutshane kodwa lizigubungela ngendlela ebangel’ umdla iziganeko ezisusela kwimihla ka-Abheli ukuza kuthi ga kunyaka we-1992—kumaphepha ali-108 kuphela. Amanye amacandelo anamaphepha asusela kwali-13 kuse kwali-150. Ngalinye kula macandelo lahlulwe lazizahluko eziliqela. Kunokuba uwafunde ngokungxama, funda icandelo elinye, isahluko esinye, okanye umxholwana omnye ngexesha; wunandiphe; uze ungenelwe kuwo.
12 Zinike Ixesha Lokucinga Ngoko Ukufundileyo: Luza kuba yintoni usukelo lwakho njengokuba uyifunda? Ukugubungela nje amaphepha—ukugqiba incwadi—akufanele kube yinjongo yakho. Incwadi Abavakalisi iqulethe ingxelo yelifa lakho lokomoya. Ufanele uyazi kakuhle. Zinike ixesha lokucinga ngendlela okusebenza ngayo oko ukufundileyo. Njengokuba uhlolisisa izinto ezenziwa ngamangqina kaYehova amandulo, cinga ngendlela onokuluxelisa ngayo ukholo lwawo. (Heb. 12:1, 2) Xa ufunda ngokuvela kowexuko olukhulu, phawula ngokukhethekileyo imigibe eyabambisa abo bakreqayo, ucinga ngokukhusela ubumoya bakho. Yaye njengokuba uhlolisisa imbali yethu yanamhlanje, phawula iimpawu zokomoya zabo babesetyenziswa nguThixo, uphawule indlela ababonisa ngayo ukuba ukwenza ukuthanda kukaThixo kwakuyeyona nto ibalulekileyo kubomi babo, nendlela abasabela ngayo kwiimeko—ezinye kuzo ezazinzima kakhulu—uThixo awazivumelayo.—Heb. 13:7.
13 Uya kukufumanisa kusomeleza ukholo ukuhlolisisa iinkcukacha ezibonisa indlela uYehova abakhokelele ngayo abantu bakhe ekuqondeni ngokucacileyo inyaniso yeBhayibhile esiyinandiphayo ngoku. Njengokuba usiya uyazi kakuhle indlela eyakhula ngayo intlangano uxabiso lwakho ngelungiselelo elibonakalayo uYehova alisebenzisayo luya kukhula. Ngokuqinisekileyo uya kuvuya njengokuba ufunda ngendlela iindaba ezilungileyo ezifikelele ngayo kwiindawo ezikude zomhlaba, ngaloo ndlela kuzaliseka isiprofeto. Intliziyo yakho iya kuvuyiswa ngamava abathembekileyo abakuzo zonke iindawo zehlabathi abasebenze ngenzondelelo ukuze bavakalise uBukumkani. Uya komelezelwa ukumelana neemvavanyo zobuqu njengokuba ufunda ngoko abazalwana noodade abathembekileyo sele bekunyamezele ngenxa yokuthanda kwabo uYehova.
14 Emva kokufunda inxalenye ethile yombandela, chithani ixesha nixubusha kunye ukuxabiseka kwayo nize nenze impinda ngeenkcukacha zayo. Ukuba unabantwana abancinane, mababe nenxaxheba ngokuchaza imifanekiso baze bakuxelele into abayaziyo ngabantu ababoniswe kuyo. Kwanokuba uyifunda wedwa, zama ukwabelana nabanye ngoko ukufundayo. Xa kufanelekile, wusebenzise loo mbandela kumabuyelo naxa uqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya. Ukuwuphindaphinda kuya kuwubethelela engqondweni nasentliziyweni yakho, yaye kuya kuba yingenelo nakwabanye.
15 Yiba Nomdla Kwiinkcukacha: Izihlando ozichithela ekufundeni incwadi Abavakalisi zifanele zinandipheke yaye zibe yingenelo.
16 Ngaba ungathanda intsapho yakho ityelele ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova? Iphepha 208-9 libonisa izakhiwo ezazisetyenziswa nguMbutho kwinkulungwane edluleyo kummandla wasePittsburgh. Iphepha 216-17 likwazisa izakhiwo ezasetyenziswa kamva eBrooklyn. Imifanekiso ekwiphepha 352-6 inokukunceda ube nombono wekomkhulu lehlabathi namhlanje. Isahluko 26 nesama-27 sinikela iinkcukacha ngomsebenzi owenziwa eBheteli, yaye iphepha 295-8 linikela inkcazelo ebhekele phaya ngobomi baseBheteli.
17 Inkoliso yethu ayikwazi ukutyelela amasebe amaninzi oMbutho. Iphepha 357-401 lencwadi Abavakalisi likukhenkethisa ehlabathini lonke. Akukho mfuneko yakuwabuka ngokungxama. Chitha ixeshana kwilizwe ngalinye uze ukunandiphe oko. Sebenzisa imaphu yehlabathi ekwiphepha 415-17 ukuze wazi ummandla emi kuwo indawo nganye. Funda amagqabaza ahambisana nomfanekiso wesebe ngalinye. Kwakhona kwisalathiso unokufumana enye inkcazelo ebangel’ umdla ngelizwe ngalinye. Sebenzisa eli thuba ukuze wazi amalungu entsapho yakho yokomoya akwamanye amazwe.
18 Xa abantu bebuthile, badla ngokudlala imidlalo ebandakanya ukwazi iziganeko zehlabathi. Ngaba bekungayi kuba yingenelo ngakumbi ukwazi imihla neziganeko ezibalulekileyo kwimbali yanamhlanje yabantu bakaYehova? Uya kulufumana uninzi lwezo ziganeko ludweliswe kwiphepha 718-23 kwincwadi Abavakalisi. Olo ludwe lubonisa nje ezona zibalulekileyo; unokongezelela kulo iinkcukacha ezifumaneka kule ncwadi yonke. Lusebenzisele ukwenza impinda. Abaselula entsatsheni mhlawumbi basenokuzikhumbula ngokukhawuleza. Bambi kuthi bantu bakhulu basenokungazikhumbuli ngokukhawuleza. Kodwa ezi ziinkcukacha zembali yobuthixo esinokungenelwa sonke ngokuzazi. Emva kokufunda ngemihla neziganeko ezibalulekileyo, yakhela kweso siseko. Hlola ukuba zingaphi iingongoma osazikhumbulayo ngesiganeko ngasinye. Yandula ke uthethe ngendima isiganeko ngasinye esiye sanayo ekuphumezeni ukuthanda kukaThixo. Emva koko, xubusha indlela esibuchaphazele ngayo ubomi bakho nendlela ongena ngayo koko kwenziwa nguYehova.
19 Khangela Amathuba Akuvulekeleyo: Njengokuba ufunda uze uxubushe incwadi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, uya kufumanisa ukuba ikutyhilela inzaliseko ezukileyo kaIsaya 60:22. Le ncwadi kwiphepha 519 ithi: “Idinga lokuba ‘omncinanana uya kuba liwaka’ lizalisekile ngokwenene, ibe ngokumangalisayo! Kwilizwe ngalinye kwangaphezu kwama-50 ekwakungekho nalowo ‘umncinanana’ kuwo—apho kwakungekho maNgqina kaYehova ngowe-1919, apho ayengekashumayeli konke konke—namhlanje kukho ngaphezu kwewaka labadumisi bakaYehova. Kwamanye ala mazwe, ngoku kukho amashumi amawaka, ewe, kwanangaphezu kwekhulu lamawaka, amaNgqina kaYehova angabavakalisi abanenzondelelo boBukumkani bukaThixo! Emhlabeni wonke, amaNgqina kaYehova ‘aluhlanga olunamandla’—inani lawo njengebandla elimanyeneyo emhlabeni wonke lingaphezulu kwawabemi ubuncinane balo ngalinye lamazwe azimele geqe angama-80 emhlabeni.”
20 Loo msebenzi wolwando loBukumkani awukapheli. Kunoko, uYehova uwukhawulezisile wafikelela kumkhamo ongenakufaniswa nanto. Uya kuba nesabelo kuwo ukusa kuwuphi umkhamo? Ngaba uyawaphaphela ngokwenene onke amathuba akuvulekeleyo? Njengokuba ufunda oko abanye bakwenzayo, ngamana intliziyo yakho ingashukunyiselwa ukuba ikwenze uzenze ufumanekele ukuba nesabelo ngokuzeleyo kulo msebenzi uzukileyo uThixo wethu oluthando awalathisayo ngoYesu Kristu kumhla wethu.