IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/94 iphe. 7
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 2/94 iphe. 7

IZaziso

◼ Uncwadi oluza kusetyenziswa ngoFebruwari: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R9,00. Ezincinane zii-R4,50. NgoMatshi: Imibuzo Yabantu Abaselula​—⁠Iimpendulo Eziluncedo ngomnikelo wee-R4,50. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo weMboniselo ngomnikelo wee-R19,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R9,50.

◼ Unobhala nomveleli wenkonzo bafanele bahlolisise umsebenzi wabo bonke oovulindlela abathe ngxi. Ukuba kukho nabaphi na abanengxaki ekufikeleleni iiyure ezifunekayo, abadala bafanele balungiselele ukuba kunikelwe uncedo. Ukuze nifumane amacebiso, hlolisisani ileta yoMbutho (S-⁠201) kaOktobha 1, 1993, nekaOktobha 1, 1992. Kwakhona, bonani isiqendu 12-20 sesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 1986.

◼ ISikhumbuzo siya kuba ngoMgqibelo, ngoMatshi 26, 1994. Nangona intetho isenokuqalisa kwangethuba, ncedani nikhumbule ukuba ukudluliswa kwesonka newayini yeSikhumbuzo akufanele kuqaliswe de kube semva kokutshona kwelanga. Funani inkcazelo kwimithombo yasekuhlaleni ukuze nifumanise ixesha lokutshona kwelanga kummandla wenu. Akukho zintlanganiso ziya kuqhutywa ngolo suku ngaphandle kwentlanganiso yenkonzo yasentsimini. Ukuba ngokuqhelekileyo ibandla lenu liba neentlanganiso ngoMgqibelo, kusenokufuneka nizitshintshele kolunye usuku lweveki ukuba iHolo yoBukumkani iyafumaneka.

◼ UMatshi noAprili baya kuba ziinyanga ezimbini ezikhethekileyo zenkonzo yasentsimini. Ekubeni kukho iiholide zikawonke wonke eziliqela ngoAprili, uya kuba yinyanga efanelekileyo yokuba nesabelo kwinkonzo yobuvulindlela bobuncedani. Sifuna ukuba nosukelo lwencopho entsha yoovulindlela abangabancedani ngoAprili. Abavakalisi abanqwenela ukukhonza njengoovulindlela abangabancedani ngoMatshi nango/okanye ngoAprili bafanele benze amalungiselelo ngoku baze bafake izicelo zabo kwangethuba. Oku kuya kubanceda abadala benze amalungiselelo ayimfuneko enkonzo yasentsimini baze babe noncwadi olwaneleyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share