IZaziso
◼ Uncwadi oluya kusetyenziswa ngoMatshi: Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo ngomnikelo wee-R4,50. NgoAprili nangoMeyi: umrhumo weMboniselo ngomnikelo wee-R19,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga nomrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R9,50. NgoJuni: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R3,00.
◼ Ncedani niphawule ukuba amaxabiso ezi Bhayibhile zilandelayo atshintshile ngenxa yokunyuka kwamaxabiso asekuhlaleni:
Oovu. Abava.
IsiBhulu neelwimi zabaNtsundu R13,00 R15,00
Ncedani nitshintshe iiCost List zenu ngokuvisisan noku.
◼ Wonke umntu onxulumene nebandla ufanele athumele yonke imirhumo emitsha nehlaziywayo yeMboniselo noVukani!, kuquka nemirhumo yobuqu, ngebandla.
◼ Umveleli owongamelayo okanye nabani na owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoMatshi 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Yenza isaziso ebandleni xa oku sele kwenziwe.
◼ Sithanda ukukhumbuza abazalwana ukuba isoloko ikho imfuneko yeempahla ezinikelweyo. Sisafumana iminxeba evela kubazalwana abaswele iimpahla yaye siya kuyixabisa yonke iminikelo abanokuyenza abazalwana.