Ulwando Oluqhubekayo Lwandisa Intswelo YeeHolo ZoBukumkani
1 Mandulo umprofeti kaYehova waxela kwangaphambili wathi “zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga.” (Hag. 2:7) Ngokuqinisekileyo sibona ubungqina bendlela imfundiso yobuthixo enceda ngayo izihlwele zabantu zifunde inyaniso zize zibe ngabanquli bakaYehova. Hayi indlela ekuchwayitisa ngayo ukuphawula ukuba eMzantsi Afrika kuphela kubhaptizwe abangama-3 877 ebudeni bonyaka wenkonzo we-1993! Ukuze siqhubeke sinceda bonke aba basebatsha, kufuneka ‘sigqale iindlela zethu’ ukuze siqiniseke ukuba siwuxhasa ngokupheleleyo kangangoko kunokwenzeka umsebenzi kaThixo. (Thelekisa uHagayi 1:5.) Ewe, inxalenye ebalulekileyo ekuxhaseni kwethu umsebenzi kaThixo isaqhubeka ikukunceda ekwenzeni kubekho izindlu ezifanelekileyo zokunqulela inginginya yabadumisi abatsha bakaYehova.
2 Ebudeni bowe-1993, eMzantsi Afrika nakumazwe aselumelwaneni kunikezelwe iiHolo zoBukumkani ezintsha ezingama-36 ibe ezininzi ezingakumbi zisakhiwa. Ngokwenene umsebenzi kaYehova wenziwa ‘uzongamele iinduli.’ (Isa. 2:2) INgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani sele ineminyaka emithathu ngoku isebenza ibe yenze amabandla angama-20 akwazi ukufumana izakhiwo ezitsha zeeHolo zoBukumkani. Eneneni, ibivuyisa ngenene indlela abasabele ngayo abazalwana ngokuthi baxhase ngemali le ngxowa-mali esetyenziswa kwiindawo ngeendawo. Iimali ebezibolekwe amabandla ziphinda zibuyiselwe kule ngxowa-mali kuquka nenzala ukuze yonke imali enikelweyo iqhubeke isetyenziswa minyaka le, ukuze kwakhiwe iiHolo zoBukumkani ezintsha. Ngoko ke, amabandla ancedwe ngemali-mboleko yeeHolo zoBukumkani abonisa uxabiso lwawo ngokuyihlawula ngokuthembeka nangokukhawuleza ekuqaleni kwenyanga nganye. Enye into eyenzekileyo ekhuthaza ngakumbi kukuba iiHolo zoBukumkani ezisibhozo kwezinikezelweyo ngowe-1993 zixhaswe ngamabandla azo ngayo yonke imali. Kuyaphawuleka ukuba amanye kula mabandla akamanga kakuhle kangako ngezinto eziphathekayo, ebezimisele ukubona unqulo oluyinyaniso luphakanyiswa ekuhlaleni.
3 Uncedo LweeKomiti Zokwakha Zenqila: IiKomiti Zokwakha Zenqila ezingama-20 kwintsimi yethu zinceda abadala ababandakanyeke kumsebenzi wokwakha iiHolo zoBukumkani ezintsha nezihlaziywayo. Zinceda ngokuhlolisisa intswelo yeHolo yoBukumkani entsha okanye eyokuyihlaziya zize zinikele nolunye uncedo xa luyimfuneko ukususela ngaphambi kokuthengwa komhlaba de iHolo yoBukumkani igqitywe. Bandla ngalinye liphantsi kwenye yezi komiti.
4 Amawaka abasebenzi bokuzithandela aye azinikela ukuze abe nesabelo kule nkalo yenkonzo engcwele. Aba basebenzi bokuzithandela, kuquka abaninzi abaziingcali nabanemisebenzi abaqeqeshelwe ukuyenza, banikela ngesisa ngexesha labo namandla abo kwizinto ezinjengokuthenga umhlaba, ukuzalisa amaphepha aseburhulumenteni, ukuceba isakhiwo nokudwelisa izinto eziza kuthengwa. Kwakhona banceda ngokuthenga izinto zokwakha ezisemgangathweni ngamaxabiso asengqiqweni, besenza wonke umsebenzi wokuqala esizeni, yaye besongamela umsebenzi wokwakha. Ukunikela ngobubele okunjalo ngobuncwane babo ngenxa yezilangazelelo zoBukumkani kunconywa kakhulu ibe kuzisa iintsikelelo zikaYehova.—IMize. 11:25.
5 Abadala bafanele baqhagamshelane neKomiti Yokwakha Yenqila ekummandla wabo xa ibandla liqalisa ukucinga ngokuhlaziya iHolo yalo yoBukumkani okanye ngokwakha entsha. Ngoba? Iikomiti zenqila zinolwalathiso olunokunceda amabandla kwizinto ezimele ziqwalaselwe kuqala. Ukukhetha isiza kubandakanya oothunywashe abangakumbi abongezelela kwixabiso esiza kuthengwa ngalo isiza. Ezinye izinto zinokulandisa ixabiso lemali yesiza, njengomsebenzi owongezelelekileyo esizeni, ukususa izinto eziyityhefu, okanye ukwenza izinto ezifunwa ngurhulumente. Ukuba ibandla lifuna ukuncedwa ngemali nguMbutho, umveleli wesiphaluka okanye ikomiti yenqila unemibhalo yefomu ethi Kingdom Hall Loan Survey yaye unokubanceda abadala bebandla bayizalise. Kwakhona, abaveleli besiphaluka banokubonisa ukuba neliso elibukhali ngokwalathisela abadala kwimimandla yasezidolophini esakhulayo xa kukho imfuneko yesiza esitsha seHolo yoBukumkani.
6 UMbutho unike iiKomiti Zokwakha Zenqila iiplani zomgangatho zeeHolo zoBukumkani. Ngaphambi kokukhetha iplani yesakhiwo, abadala bebandla bafanele badibane nekomiti yenqila baze baxubushe indlela esiza kuba yiyo isakhiwo, besebenzisa iiplani ezilungiselelwe nguMbutho njengesikhokelo. Oku akuyi kunciphisa nje kuphela iindleko zokwakha kodwa kuya kunceda kwanebandla likhethe isakhiwo esindilisekileyo kodwa esiluncedo nesiya kulungela ukwakhiwa ngenkqubo yokwakha ngokukhawuleza, apho kucetywe njalo.
7 Kufanele kugcinwe iingxelo zemali ezichanileyo nezineenkcukacha. Kukho abazalwana abanobuchule abaye bazinikela ekusebenzeni neekomiti zenqila ukuze bancede amabandla ekumiseleni indlela yokunyamekela imali nokuqhubeka nayo side sigqitywe isakhiwo. Abanye abazalwana abasebenza neeKomiti Zokwakha Zenqila banceda amabandla azalise iifomu zemali-mboleko nezicelo. Oku kunceda kakhulu, ekubeni abadala basekuhlaleni bengasoloko besebenza ngokuqhubekayo ngeengxelo ezinjalo zemali yeHolo yoBukumkani njengokuba benjalo aba bazalwana banamava nabaqeqeshwe kakuhle. Ekugqityweni kwesakhiwo, ikomiti yenqila ifanele ifumane umbhalo wengxelo yemali yaso sonke isakhiwo. IKomiti Yokwakha Yenqila iya kwandula iqinisekise ukuba uMbutho uyawufumana umbhalo woludwe lweendleko zesakhiwo ngasinye. Kodwa ukuyigcina isemgangathweni, ukuyilungisa neendleko ezinxulumene noko kwiHolo yoBukumkani ekhoyo, bandla ngalinye limele likunyamekele ngokwalo konke oku. Ukuba iyalungiswa ukuze ihlale isemgangathweni nyanga nganye, oko kuyayinciphisa imfuneko yokuba emva kweminyaka embalwa kuhlaziywe isakhiwo nto leyo edla imali eninzi. Iqumrhu labadala lifanele liqhubeke libekela ecaleni imali yokwenza oku. Ukuba neliso elibukhali okunjalo kuwenza lula umsebenzi weKomiti Yokwakha Yenqila, kuyenza ikwazi ukunyamekela ukuhlaziywa okubalulekileyo kwezakhiwo nokwakhiwa kwezitsha.
8 Ababukeli Bachukumiseka: Ukusebenza okubonakalayo komoya oyingcwele kaYehova kubazalwana abasebenza ekwakheni iHolo yoBukumkani kuye kwanikela ubungqina kwabanye. Omnye umntu wehlabathi wachukunyiswa kakhulu koko kwenziwa kwiHolo yoBukumkani eyakhiwe ngenkqubo yokwakha ngokukhawuleza eVosloorus, kangangokuba watsalela umnxeba kwijelo losasazo likanomathotholo ukuze ancome oko kuphunyezwe ngamaNgqina kaYehova phakathi kweziphithiphithi ezikhoyo kweli lizwe. Kwenye imeko, iqumrhu labadala lakumntla Transvaal labhala: “Ukwakhiwa kwale holo kube nemiphumo engqalileyo kubabukeli. Ooduladula, iiteksi neenqwelo-mafutha bezimisa ukuqinisekisa ukuba oko kubonwa ngabakhweli kusenzeka kuyinyaniso ngokwenene. Omnye usomashishini wagqabaza wathi: ‘Manene, nibonakalisa uthando nomanyano endifunde ngalo eBhayibhileni. Ngokwenene nikuphela kweqela elibonakalisa ubuKristu bokwenyaniso.’ . . . Usibonda waloo ndawo wathi: ‘Ndiyawuncoma umoya lo msebenzi owenziwe ngawo. . . . Eneneni, ukuba abezobupolitika bebesebenza njengani, bekungayi kubakho oku kubulalana sikubonayo namhlanje. Ngoko ke, ndifuna ukuniqinisekisa ukuba unqulo lwenu lunelungelo lokusebenza luze luqhube iintlanganiso nangaliphi na ixesha enilithandayo. Akukho miqathango kwaphela.’”
9 “‘Kuyamangalisa!’ wagqabaza njalo omnye owayebukele abasebenzi bokuzithandela abangaphezu kwama-300 beentlanga zonke benenxaxheba kumsebenzi wokwakha isakhiwo eMhluzi,” lanikela loo ngxelo iphephandaba lasekuhlaleni. IKomiti Yenkonzo Yebandla yenye inqila yabhala oku kulandelayo: “Abantu basekuhlaleni babebamb’ ongezantsi xa babebona iHolo yoBukumkani isakhiwa ngeentsuku ezimbini kangangokuba beza kuyiva ukuqinisekisa ukuba siyakhe ngezitena zokwenene kusini na. . . . Bambi abantu beza kucela isifundo seBhayibhile ngenxa yoko bakubonayo.”
10 Xa amakhulu abasebenzi bokuzithandela afika kwisiza esikumntla Pitoli ukuza kunceda ekwakheni iHolo yoBukumkani, ibandla lasekuhlaleni labantsundu labamkela emakhayeni alo. Hayi indlela ababemangaliswe ngayo abamelwane xa babona kumiswa iintente ngasemva kwezindlu kunye neenqwelwana ezirhuqwayo zingena kule mizi. Eyona nto yabamangalisa kakhulu kukuba ezona ndwendwe zininzi zazingabamhlophe!
11 Kufuneka Abasebenzi Bokuzithandela Abangakumbi: Iikomiti zenqila zifuna ukusebenzisa abantu abanobuchule abakhoyo kumabandla aza kuhlanganisana kwezo Holo zoBukumkani zintsha okanye zihlaziyiweyo. Kwakhona ziyabasebenzisa nabanye abazalwana basekuhlaleni, ngokukodwa abadala nezicaka zolungiselelo, ngokubaqeqeshela ukwenza umsebenzi okhoyo. Bakuba benobuchule obufunekayo obuya kuba luncedo ekwakhiweni kweHolo yoBukumkani, aba bazalwana baqolileyo ngokomoya kamva banokunceda kulwakhiwo lwezinye iiHolo zoBukumkani olucwangcisiweyo kuloo nqila. Ngaloo ndlela, abo bakumabandla awakha iHolo yoBukumkani kufuneka babonakalise umoya wentumekelelo nowentsebenziswano, bangalindeli ukuba ikomiti yenqila nabo basebenza nayo banyamekele wonke umsebenzi weHolo yoBukumkani yabo. (Neh. 4:6b) Emva kokuba beqeqeshiwe, abazalwana bafanele bashukunyiswe luthando bancede xa kusakhiwa iiHolo zoBukumkani zamanye amabandla anentswelo engxamisekileyo yezakhiwo ezitsha okanye ezihlaziyiweyo.—Neh. 5:19; Fil. 2:3, 4.
12 Abavakalisi ababhaptiziweyo abanobuchule obufanelekileyo nabanokuma okuhle ebandleni bakhuthazwa ukuba bazinikele ngokunceda kwesi sabelo sikhulu somsebenzi. Kufuneka ubuchule bokwakha nobokwenza ezinye izinto. Abasebenzi bokuzithandela banokufumana iifomu kumveleli owongamelayo okanye kunobhala kwibandla labo baze bachaze amava abanawo njengokuba nomsebenzi othile abawuqeqeshelweyo, okanye kweminye imisebenzi, njengakwisebe lokutya, kukhuseleko, ukunyamekela izixhobo, ingxelo yemali nokunyamekela amaphepha aseburhulumenteni. (Xa kufuneka iifomu ezingakumbi zabasebenzi bokuzithandela ebandleni, zisenokucelwa kunye neodolo yoncwadi yebandla ethunyelwa kuMbutho.) Ukusabela ngale ndlela kububungqina bokuba sinothando ngabamelwane bethu abasondeleyo—abazalwana bethu abangamaKristu.—Mat. 7:12; 22:39; Yoh. 13:35.
13 Uncedo Lwabasebenzi Bokuzithandela Luyaxatyiswa: De babe banenxaxheba kulwakhiwo lweHolo yoBukumkani, bambalwa abayiqondayo indlela omkhulu ngayo umsebenzi wokugqiba eso sakhiwo. Kwakuba kugqitywe esinye isakhiwo seHolo yoBukumkani, abadala babhala: “Ulwalathiso olunenyameko esilufumene kubazalwana abakwiKomiti Yokwakha Yenqila beluyintsikelelo enkulu kuthi. . . . Ebudeni balo lonke elo xesha lomsebenzi wokwakha, bekukho izihlandlo, ezininzi gqitha ukuba singazibala, xa abazalwana bebehamba besuka kude, bechitha iiyure ezininzi, benikela ngezixhobo zabo ukuba zisetyenziswe, bada banikela nangezinto zokwakha, konke oku bekwenzela ukusinceda sakhe iHolo yethu yoBukumkani entsha. Ububele baba bazalwana bububungqina obuzukileyo bokuba ‘banothando ngesizalwana,’ ibe hayi indlela okusikhuthaze ngayo oko!—1 Pet. 2:17.”
14 Umoya wentumekelelo nenzondelelo waba bazalwana uyaphawuleka, njengokuba elinye ibandla labhala: “Siyanibulela ngabazalwana noodade abanentumekelelo abasebenze nzima de kwamangaliswa bonke ababukeleyo.” Ngokwenene, ayinyaniso amazwi eNdumiso 133:1, 3 athi: “Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye!” Bambi kwabo basebenza ekwakheni iiHolo zoBukumkani bathabatha ikhefu emsebenzini ukuze bancede ibandla eliselumelwaneni ekwakheni iHolo yalo yoBukumkani. Esabela koko, amalungu ebandla elakhayo aye abonisa uxabiso ngokuwuxhasa ngokupheleleyo umsebenzi wokwakha. Omnye umdala osebenza nekomiti yenqila wabhala okuthile ukuvakalisa indlela okulilungelo ngayo ukunceda abazalwana bakhe. Wagqabaza wathi “amabandla akhuthazwa gqitha ngabazalwana abahamba iikhilomitha ezingamakhulu ukuza kuwanceda ekuzalisekiseni ukuzinikela kwawo kuYehova. . . . Enyanisweni, sibubuzalwana obunothando!” Omnye udade wachaza indlela avakalelwa ngayo ngokuthi: “Andikwazi ukungawuvakalisi umbulelo wam ngovuyo endibe nalo ekwakheni iHolo yoBukumkani eSpruitview. Ngoku le yiholo yesithathu endinesabelo ekuyakheni.”
15 Elinye ibandla lathetha oku kulandelayo kwileta eya kwiKomiti yalo Yokwakha Yenqila emva kokuba kugqitywe ukwakhiwa: “Sinibhalela sifuna ukuthi enkosi kakhulu! Naphoswa ziintlanganiso zamabandla enu, nancama ubuthongo benu, uyolo lokuba kunye neentsapho zenu, ukuzihlaziya kwenu, inkonzo yenu yasentsimini nezinye izinto ezingakumbi, ukuze nize apha nize nisakhele iholo. Ngokwenene asikufanele oko nisenzele kona. Siziva sinelunda yaye sibaluleke gqitha kuba sinxulumana namadoda alunge nazinikeleyo njengani bazalwana. Kwakhona sithanda ukubulela iintsapho zenu eziye ngokuzinikela zasebenza nani ngovuyo, zingakhathalele moya ubhudlayo, bushushu nangqele. Kwakhona, siyanibulela kakhulu. ‘Ngamana uYehova anganikhumbulela okulungileyo.’—Nehemiya 13:31.”
16 Ukunqabiseka KweHolo YoBukumkani: Anda ngokuthe ngcembe amanani eeHolo zoBukumkani eziqhekezwayo. Kwiimeko ezininzi kubiwe isixhobo sesandisi-lizwi. La macebiso alandelayo afanele abe luncedo, ukusa kumlinganiselo othile, ekunciphiseni le ngxaki: (1) Fakani zonke izixhobo zesandisi-lizwi kwibhokisi yentsimbi eqinileyo (ethengwayo) nize niqinisekise ukuba nisebenzisa isitshixo esifanelekileyo ukuze ninqabise izinto ezingaphakathi kuyo; (2) kunconyelwa ukuba niyibeke le bhokisi kwindawo efihlakeleyo, nize niyibethelele kumgangatho okanye eludongeni; (3) bhalani ngestensile igama lebandla kuzo zonke ezi zixhobo, ngaloo ndlela nisenza amapolisa akwazi ukuzifanisa aze azibuyisele kuni ezo zinto zibiweyo.
17 Iintsimbi zokuthintela abaqhekezi kunye namasango entsimbi aphakamileyo zizinto zokunqanda izaphuli-mthetho. Kwiimeko ezithile, kufuneka kubiywe ngocingo. Iindonga eziphakamileyo azinconyelwa ekubeni zisenza abamelwane ababeke iliso bangakwazi ukusibona isaphuli-mthetho. Ukuba le ngxaki iyazingisa, kusenokufuneka kufakwe izibane ezikhanyisa ngokwazo macala onke esakhiwo, yaye kusenokufuneka kufakwe nealarm. Abadala bakhuthazwa ukuba bathabathe amanyathelo afanelekileyo kulo mbandela ekubeni oku kubandakanya imali eyiminikelo.
18 Kwiindawo ezininzi zeli lizwe amabandla aye ongezelela igumbi elisecaleni kwiHolo yoBukumkani ngeenjongo zokhuseleko, esincomela ukuba ibandla lifake kuzo umnxeba uze ubhaliswe ngegama lalo. Ngaloo ndlela umntu ogcina iholo uya kukwazi ukutsala umnxeba kwimeko yongxamiseko. Iya kuba yimbopheleleko yakhe ukuhlawulela iminxeba yobuqu. Ukongezelela, iqumrhu labadala kufuneka lenze isivumelwano esibhaliweyo kunye nalowo ugcina iholo bechaza intlawulo, imiqathango yokuhlala apho, izinto afanele azenze, nokuba kufuneka enze isaziso kwangaphambili xa eyeka ukuhlala apho.
19 Iminikelo Yemali Iyaqhubeka Iluncedo: Iminikelo yobubele kwiNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani iwancedile amabandla kwixa elidluleyo ibe ngokuqinisekileyo isaza kuqhubeka isenjenjalo kwixa elizayo. Ngaba uYehova uThixo akangomzekelo ophambili wokupha ngokungazingci? (Yak. 1:17) Ngoxa kuyinyaniso ukuba amandla namathuba ethu okunikela ayahluka, sisenokufumanisa ukuba ngokuhlengahlengisa kwindlela esiyisebenzisa ngayo imali yethu, sinokuba nesabelo ngokuzeleyo ekuxhaseni umsebenzi wokwakha. Loo moya wokupha ngokuqinisekileyo uzisa uvuyo kwintliziyo kaYehova, kunye nokhuthazo olukhulu kubazalwana bethu.
20 Kukho intswelo ekhethekileyo yeeHolo zoBukumkani kwiidolophu ezincinane nasemaphandleni kwintsimi yethu. Sikhuthaza la mabandla ukuba azibhokoxe ukuze afikelele olu sukelo ebudeni bowe-1994. Musani ukulibazisa ukufumana indawo efanelekileyo yokuhlanganisana, ngenxa yokungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo. Abadala bakhuthazwa ukuba bavule iakhawunti yeNgxowa-mali yabo YeHolo YoBukumkani ngaphandle kokulibazisa. Xa ibandla lingenako ukuyihlawula imali-mboleko yoMbutho, sekunjalo lifanele lizame ukwakha ngekheshi.
21 Ngokwandayo, “isihlwele esikhulu” siyasabela kwisigidimi soBukumkani namhlanje. “Izinto ezinqwenelekayo” ziyathontelana kwitempile kaYehova yokomoya, ibe ‘uzalisa indlu yakhe ngobuqaqawuli.’ (ISi. 7:9; Hag. 2:7) NjengamaYuda athembekileyo exesha likaHagayi, ngamana singanikela iintliziyo zethu kumsebenzi kaThixo, siyixhasa ngokupheleleyo intswelo engxamisekileyo yeeHolo zoBukumkani. Nakubeni kwiminyaka yakutshanje kwakhiwe iiHolo zoBukumkani ezintle ezininzi, kukho ulwando oluqhubeka ngesantya esiphakamileyo ibe ngaphandle koko amabandla amaninzi asahlanganisana kwiimeko ezingathandekiyo. Ukuqhubeka kwethu sixhasa iNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani kuyeyona ndlela ibalaseleyo yokuba nesabelo kumsebenzi kaThixo.
[Diagram on page 3]
(For fully formatted text, see publication)
Dedicated Kingdom Halls
300
200
100
0 1978 1988 1993
Iminyaka
[Pictures on page 4, 5]
EPadfield Park, EPinetown
[Pictures on page 4, 5]
ESpruitview, ERhawutini
[Pictures on page 4, 5]
EVosloorus, ERhawutini
[Pictures on page 4, 5]
EBushbuckridge, EMpuma Transvaal