IZaziso
◼ Uncwadi oluza kusetyenziswa NgoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R10,50. Ezincinane zii-R5,30. Ngo-Oktobha: Umrhumo kaVukani! okanye IMboniselo ngeposi ngomnikelo wee-R30,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R15,00. Imirhumo yeqela zii-R19,00 nee-R9,50 ngokwamaxesha afanayo nangasentla. NgoNovemba: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R3,50. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R10,50.
◼ NCEDANI NIPHAWULE: Umhla wale ndibano yesithili utshintshile:
Novemba 25-27:
ESt. Helena (IsiNgesi)
◼ Umveleli owongamelayo okanye uthile owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoSeptemba 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Yenza isaziso ebandleni xa oku kwenziwe.
◼ Abavakalisi abaceba ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngo-Oktobha bafanele bangenise izicelo zabo kuselithuba. Oku kuya kwenza abadala bakwazi ukwenza amalungiselelo afunekayo oncwadi nentsimi.
◼ Kukhunjuzwa abadala ukuba balandele isiluleko esinikelwe kwiphepha 21-3 leMboniselo ka-Aprili 15, 1991, ngokuphathelele nabaphi na abantu abasusiweyo kubudlelane okanye abazahluleyo abasenokuba bafuna ukubuyiselwa.
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola IKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1995 kunye neodolo yawo yoncwadi kaSeptemba. Iikhalenda ziya kufumaneka ngesiBhulu, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTaliyane, isiXhosa nesiZulu. Ezi zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo. Amabandla angenatyala kuMbutho okanye anetyala elijingayo kwityala lawo loncwadi afanele athumele imali neodolo.
◼ Ukususela kwinkupho kaJulayi 8, 1994, iphephancwadi lesiTshayina uVukani! liphuma kabini ngenyanga yaye ngaxeshanye nesiNgesi.
◼ IMboniselo noVukani! ngesiTshayina (Ezenziwe Lula) ziyafumaneka ngoku kuwo onke amazwe. IMboniselo ishicilelwa ngemibala yonke. La maphephancwadi aphuma kabini ngenyanga ibe aza kuphuma ngaxeshanye nesiNgesi. Amabandla asenokufaka iodolo yabasasazi, yaye nemirhumo yobuqu iya kwamkelwa ngoku xa ithunyelwe ngebandla.
◼ UMbutho awuyithumeli iodolo yoncwadi yomvakalisi omnye. Abo bafuna into ethile basenokwazisa isicaka soncwadi, esiya kuthi ngokukhawuleza siyifake kwiodolo yoncwadi yebandla yenyanga ngenyanga. Umveleli owongamelayo ufanele alungiselele ukuba kwenziwe isaziso nyanga nganye ngaphambi kokuba ibandla lithumele iodolo yalo yoncwadi yenyanga ngeenyanga kuMbutho ukuze bonke abanomdla wokufumana iincwadi zobuqu bazise umzalwana osingatha uncwadi.
◼ NgoSeptemba 1, 1994 amaxabiso oncwadi aza kunyuka. Ncedani nihlole iCost List esiyithumele kwibandla ngalinye ukuze nifumane iinkcukacha ezingakumbi.
◼ NgoMgqibelo, ngo-Oktobha 8, 1994, ikhaya laseBheteli nomzi-mveliso ziya kuvalwa ukuze zicocwe, ngoko akuyi kubakho malungiselelo okhenketho.
◼ Kukhunjuzwa ONKE AMABANDLA ancede aodole amaqweqwe eAdvance Medical Directive/Release kunye neeIdentity Cards ngokukhawuleza kwifomu ethi Literature Order (S-AB-14). Amabandla angenatyala kuMbutho okanye anetyala elijingayo kwityala lawo loncwadi afanele athumele ikheshi neodolo. Amaqweqwe emedical directive ziisenti ezilishumi lilinye ibe ii-Identity Cards ziisenti ezisibhozo inye. Ncedani niwaodole ngezixa zama-20 ukuba kunokwenzeka. Musani ukuwakhupha la maqweqwe, kodwa wagcineni nide nifumane ulwalathiso olubhekele phaya kuMbutho.
◼ Amabandla akhuthazwa ukuodola izimemo ezibhengeza amaxesha eentlanganiso zawo. Ezi zimemo zifumaneka ngee-R13,00 ngezixa ze-1 000. Ezi zisisitokhwe esiqingqiweyo ibe ziya kufakwa kwityala loncwadi lebandla. (Ukuba ityala lenu loncwadi alilihlanga, ncedani nithumele imali neodolo.) Izimemo ninokuziodola kwifomu ethi Iodolo Yezimemo (S-AB-16). Ukuba aninayo ifomu yokuodola, ncedani nisichazele amaxesha eentlanganiso zenu (oko kukuthi, usuku lweveki nexesha eqhutywa ngalo intlanganiso nganye) kunye nekhelingi yeHolo YoBukumkani.
◼ Kukho enye icomputer diskette efumanekayo: eyiGetVerse. Le yona yenza lowo uyisebenzisayo akwazi ukufaka iindinyana zeBhayibhile ngokuthe ngqo kwiiDOS word processors. Iluncedo ekulungiseleleni iintetho okanye ekudweliseni izibhalo. IGetVerse ifumaneka ngesiNgesi kuphela kwenye yeediskette ezizii-5 1/4-inch 360-kilobyte. Ukuze usebenzise olu uhlobo umele ube neNew World Translation of the Holy Scriptures—With References okanye iNew World Translation of the Holy Scriptures—With References/Insight on the Scriptures ezifakwe nezisebenzayo kwikhompyutha yakho. Ixabiso layo kwibandla, uwonke wonke noovulindlela zii-R12,00.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
IsiPhuthukezi: Umqulu weMboniselo ka-1978 nowe-1979 (ibandla, uwonke wonke noovulindlela: R22,00); iWatchtower Publications Index 1960-1990 (ibandla nowonke wonke: R37,00; oovulindlela: R26,00).