Funani Ke Tanci UBukumkani BukaThixo—Ngokusoloko Ninyusa Imibingelelo Yendumiso
1 Abo bafuna tanci uBukumkani abalibali ukuthetha ngoYehova noBukumkani bakhe. (INdu. 145:11-13) Mihla le kuvela amathuba okuzukisa igama lakhe nawokuthetha ngeendaba ezilungileyo. (INdu. 96:2) Ukudumisa uYehova kwakuluvuyo kumdumisi owathi: “NgoThixo sidumisa imihla yonke.” (INdu. 44:8) Ukuba sivakalelwa ngokufanayo, siya kukulangazelela ukuba nesabelo ngokuthe rhoqo kubulungiseleli boBukumkani.
2 UYehova akasibekelanga xesha lingqalileyo esifanele silichithe kubulungiseleli, kodwa usikhuthaza ukuba simdumise “ngamaxesha onke.” (Heb. 13:15) Ukuba iimeko zethu zobuqu ziyasivumela, sifanele sizenzele usukelo lokuchitha ixesha elithile veki nganye sidumisa uYehova. Abo sele bekwenza oko basenokukwazi ukuhlengahlengisa imicimbi yabo ukuze babe ngoovulindlela abangabancedani ngamathuba athile okanye baqhubeke bengabo. Abanye abebengoovulindlela abangabancedani basenokukwazi ukubhalisa njengoovulindlela abathe ngxi.
3 Enoba iimeko zethu zobuqu zinjani na, ngaba kunokwenzeka ukuba sandise umbingelelo wethu wendumiso? Inzondelelo ikhuliswa luxabiso. Ufundisiso lobuqu lweLizwi likaThixo lwakha uxabiso. Iintlanganiso zebandla zisishukumisela ukubonakalisa olo xabiso ngeendlela ezisebenzisekayo. Ukunxulumana ngokusondeleyo nabanye abadumisi abanenzondelelo ‘kunokusilolela emisebenzini emihle.’ (Heb. 10:24) Ngokuwasebenzisa ngokuzeleyo amalungiselelo enziwa libandla, sisenokukwazi ukwandisa umbingelelo wethu wendumiso.
4 Umprofetikazi uAna wamisela umzekelo omhle enkonzweni kaYehova. Nangona wayeneminyaka engama-84 ubudala, ‘wayengemki etempileni, ekhonza ubusuku nemini.’ (Luka 2:37) Ukuxakeka kwakhe ngokuzinikela ngokupheleleyo kwimisebenzi yebandla kwamanelisa gqitha. Ingxelo yeBhayibhile yokukhonza kwakhe ngokuthembeka isikhuthaza kakhulu namhlanje.
5 UPawulos wancomela ukuba ‘abomeleleyo bafanele bakuthwale ukuswela amandla kwabangomeleleyo.’ (Roma 15:1) Mhlawumbi ebandleni lakho bakho abathile abanokungenelwa kuncedo nokhuthazo lwakho lobubele. Mhlawumbi kusenokuba kufuneka nje ubacele bahambe nawe entsimini. Omnye umvakalisi usenokuba ufuna into yokuhamba okanye umntu anokusebenza naye. Omnye usenokuba udimazekile, ibe mhlawumbi unako ukumxhasa ngendlela eyakhayo loo mntu ukuze ahlaziye inzondelelo yakhe ngenkonzo yoBukumkani. (1 Tes. 5:14) Ukuvuma kwakho ‘ukudlelana nabangcwele kwiintswelo zabo’ kubonisa umnqweno wakho osuk’ entliziyweni wokwandisa indumiso yakho kwigama likaYehova.—Roma 12:13.
6 Asinakuzibala zonke izinto uYehova asenzele zona nasaza kusenzela zona. Asinakumhlawula ngezi ntsikelelo. Ezinjani zona izizathu ezinazo ‘zonke izinto eziphefumlayo zokudumisa uYehova’!—INdu. 150:6.