IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/94 iphe. 1
  • ILizwi LikaThixo Linamandla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ILizwi LikaThixo Linamandla
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukungenelwa Ekufundeni IBhayibhile Yonke Imihla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • IBhayibhile—Incwadi Efanele Ifundwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Unokwenza Njani Ukuze Kukuncede Ukufunda IBhayibhile?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ufundo LweBhayibhile—Luyingenelo Kwaye Lumnandi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 11/94 iphe. 1

ILizwi LikaThixo Linamandla

1 IBhayibhile ibuphembelele gqitha ubomi bezigidi zabantu. Oko ikuthethayo kushukumisa ngaphezu kwayo yonke into enokuveliswa ngumntu. (Heb. 4:12) Khawucinge ngoko isenzele kona. Eneneni, akukho ncwadi inokuthelekiswa nayo.

2 AmaNgqina kaYehova ngabona bafundi nabameli beBhayibhile babalaseleyo. Ukufunda iBhayibhile sifanele sikujonge njengenxalenye ebalulekileyo yocwangciso lwethu lobuthixo, sikubeke kwindawo yokuqala kunokubukela umabonwakude nezinye izinto zokuzonwabisa.

3 Kwenze Umkhwa Wakho Othe Rhoqo: Abantu bakaYehova baye bayixabisa impembelelo enamandla enokuziswa kukufundisisa iBhayibhile rhoqo. Kangangeminyaka emininzi umbhalo omkhulu kwesinye sezakhiwo zethu zomzi-mveliso eBrooklyn ubusoloko ubongoza abadlula ngendlela usithi “Funda ILizwi LikaThixo IBhayibhile Engcwele Yonke Imihla.” Amalungu amatsha entsapho yaseBheteli kufuneka afunde yonke iBhayibhile kunyaka wawo wokuqala ekwinkonzo yaseBheteli.

4 Phezu kwako nje ukuxakeka kwakho, ngaba ulwenza rhoqo ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki olucetyisiweyo kuCwangciso Lwesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo? Ukuba ubunobunzima ekwenzeni oku, kutheni ungazami ukuphucula ebudeni bukaNovemba? Ufundo lweBhayibhile lwenyanga yonke yiNdumiso 95-109, nto leyo efuna ukuba ufunde amaphepha amathathu okanye amane ngeveki. Abanye bakhetha ukufunda inxalenye encinane suku ngalunye, mhlawumbi ekuseni okanye ngaphambi kokuba balale ebusuku. Enoba ulwenza njani, eyona nto ibalulekileyo kukuba uvuna iingenelo ezakhayo ezizuzwa ngokufunda iLizwi likaThixo rhoqo.

5 Nikela Incwadi Ethi Ililizwi LikaThixo Ebudeni BukaNovemba: Abantu abaninzi basayihlonela iBhayibhile yaye bakulungele ukuphulaphula xa sibafundela. Ebudeni bukaNovemba siza kunikela incwadi ethi IBhayibhile​—⁠Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Oku kusinika ithuba elihle lokubonisa abantliziyo zinyanisekileyo ukuxabiseka kweLizwi likaThixo. Kwenze ngehlombe oko.

6 Lungiselela amagqabaza acingisiswe kakuhle angokuxabiseka okubalaseleyo kwencwadi ethi Ililizwi LikaThixo aya kwenza abantu babe nomdla wokuzifumanela. Kutheni ungakhethi intshayelelo kwincwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 10, phantsi komxholo othi “IBhayibhile/UThixo”? Kwiphepha 70-80 uya kufumana inkcazelo ebhekele phaya eluncedo ngeBhayibhile. Kutheni ningahlolisisi le nkcazelo njengentsapho ngaphambi kokuba niye entsimini? Nisenokude niyiqhelisele, nisebenzisa iintshayelelo ezikwincwadi ethi Ukuqiqa okanye ezinye enizifumanise zisebenza kwintsimi yenu yasekuhlaleni.

7 Qiniseka ukuba uphuhlisa ukuxabiseka okusebenzisekayo kweBhayibhile njengokuba kuxutyushwe kwisahluko 12 sencwadi ethi Ililizwi LikaThixo. Njengokuba ezoqoqosho zidodobala ekuhlaleni, abantu abaninzi benza ukufumana imali nezinto eziphathekayo kube yeyona nto iphambili kubo. Unokutsalela ingqalelo yomninimzi kwisiqendu 3 nesesi-4 sesi sahluko, ubalaselisa isiluleko seLizwi likaThixo esilungeleleneyo nesobulumko.

8 Ewe, iBhayibhile liLizwi likaThixo. Ukuba siyayifunda, siyayikholelwa, size sisebenzise isiluleko sayo kubomi bethu, siya kuvuna iingenelo ezingathethekiyo. Yabhalelwa ukusinika imiyalelo nethemba. (Roma 15:⁠4) Kubalulekile ukuba siyihlole mihla le size sikulungele ukuyisebenzisa ekufundiseni abanye.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share