IiNdaba Ezingokobuthixo
EItali: Bekukho incopho entsha yabavakalisi abangama-205 128 ngoMeyi. Olu yaba lulwando lwe-1 499 kunolwencopho yabavakalisi yenyanga engaphambi kwaleyo.
EMzantsi Afrika: Siyavuyiswa kukwazisa ngokunikezelwa kweeHolo zoBukumkani ezintlanu ezintsha. Zezebandla laseHammarsdale (kumntla-ntshona weTheku), eNtembisweni (ngaseGreytown), eMbabane (eSwazini), eTulbach naseRoodekrans (yahlulwe yindlela neBheteli).