Ngaba Liza Kutshintsha Ixesha Leentlanganiso Zenu?
Kwiimeko zaxa amabandla aliqela asebenzisa iHolo yoBukumkani enye evumelene ukuba atshintshe okanye ahlengahlengise amaxesha eentlanganiso, oku afanele akwenze ekuqaleni kukaJanuwari. Ukukulungela ukusebenzisana nelungiselelo elimiselweyo kubonisa ukuba nothando nolwazelelelo. Ngokufuthi ukutshintshwa kwexesha leentlanganiso kuya kuba yingenelo kuni, kwenze kube lula ngakumbi ukubakho kwiintlanganiso.
Kwelinye icala, ukutshintshwa okwenziwayo kulo nyaka kusenokungavumelani nocwangciso lomsebenzi wakho. Kusenokufuneka uhlengahlengiso kumzila wakho oqhelekileyo osenokuba awukazinzi. Ukuvuma kwakhe ngamnye ukuba nentsebenziswano kubonisa uxabiso ngawo onke amalungiselelo, nto leyo eyenza wonk’ ubani obandakanyekileyo angenelwe.
Kakade ke, ukutshintshwa kwexesha leentlanganiso okulandelayo kusenokuba kokona ukuthanda ngakumbi. Okwangoku, ukhuthazwa ukuba wenze uhlengahlengiso olufunekayo ukuze ubekho kuzo zonke iintlanganiso zeeveki ngeeveki ngokocwangciso ekugqitywe kulo libandla. Zabalazela ukulondoloza imbono yomdumisi uDavide, owavakalisa oku: “Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova.”—INdu. 122:1.