Ukushumayela—Ilungelo Elizukileyo
1 Ubulungiseleli beendaba ezilungileyo bulilungelo elizukileyo uYehova asinike lona. (Roma 15:16; 1 Tim. 1:12) Ngaba leyo yindlela obujonga ngayo? Asimele sivumele ukuhamba kwexesha okanye ukugxekwa ngabanye kuyenze mfiliba indlela esibujonga ngayo. Ukuthwala igama likaThixo kuluzuko olunikwe abambalwa kuphela. Sinokulukhulisa njani uxabiso lwethu ngeli lungelo?
2 Ukushumayela isigidimi soBukumkani akusenzi sithandwe lihlabathi. Abaninzi abawukhathalele okanye abanamdla kumsebenzi wethu. Abanye bayawugxeka baze bawuchase. Le nkcaso inokuvela kwabo sisebenza nabo, abamelwane, okanye kwanakumalungu eentsapho zethu. Kubo sisenokubonakala silahlekiswa yaye sibhanxwa. (Yoh. 15:19; 1 Kor. 1:18, 21; 2 Tim. 3:12) Amagqabaza abo adimazayo bawacebele ukuba aphelise inzondelelo yethu aze asibangele sityhafe okanye sililahle eli lungelo lizukileyo. Ezi mbono ziphosakeleyo zikhuthazwa nguSathana, ‘othe wazimfamekisa iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli.’ (2 Kor. 4:4) Wena usabela njani koko?
3 Kubalulekile ukukhumbula ukuba ukushumayela kwethu ngoBukumkani ngowona msebenzi ubalulekileyo nawuphi na kuthi anokuwenza namhlanje. Sinesigidimi esisindis’ ubomi esingenakusidlulisela ngezinye iindlela. (Roma 10:13-15) Eyona nto ibalulekileyo, kukuthandwa nguThixo kunokuthandwa ngabantu. Into yokuba ihlabathi libe nembono elandulayo ngomsebenzi wethu wokushumayela ayisithinteli ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo ngenkalipho.—IZe. 4:29.
4 UYesu wayelixabise ngeyona ndlela ilungelo lakhe lokwenza ukuthanda kukaYise. (Yoh. 4:34) Wayezinikele ngokupheleleyo kubulungiseleli yaye akazange avumele iziphazamiso okanye abachasi bamtyhafise. Ukushumayela isigidimi soBukumkani kwakusoloko kuyinto yokuqala ebomini bakhe. (Luka 4:43) Siyalelwa ukuba sixelise umzekelo wakhe. (1 Pet. 2:21) Xa sisenjenjalo, sikhonza ‘njengabasebenzi kunye noThixo.’ (1 Kor. 3:9, NW) Ngaba siyalixhakamfula eli lungelo? Ngaba sikhangela amathuba okwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo ngokucwangcisiweyo nangokungacwangciswanga? NjengamaNgqina kaYehova, sifanele sihlale sikulungele ‘ukulivuma igama lakhe.’—Heb. 13:15.
5 Eyona nto iphembelela indlela esinesabelo ngayo kubulungiseleli sisimo sethu sengqondo. Ngaba sikuxabisa ngokunzulu oko uYehova asenzele kona? Ngaba ezintliziyweni zethu sinothando ngoYehova olusishukumisela ukuba senze konke esinako enkonzweni yakhe? Ukucamngca ngeentsikelelo esizinandiphayo ngoku kunye noko kuthenjiswe nguYehova ngekamva kusinceda siphuphume uthando ngoMdali wethu. Olo thando lusishukumisela ekwenzeni okuthile—ekuzingiseni nasekuwenzeni rhoqo umsebenzi wokushumayela uBukumkani kangangoko iimeko zethu ezisivumela ngako. Yinzondelelo yethu eya kubonisa ukuba siyamthanda uYehova nommelwane wethu.—Marko 12:30, 31.
6 Xa sinoxabiso ngento sikubonisa oko ngoko sikwenzayo nesikuthethayo ngayo. Ngaba silixabisa ngokwenyaniso ilungelo lethu lokushumayela ngoBukumkani? Ngaba siyabuzukisa ubulungiseleli bethu? Ngaba sizimisele ukuzingisa kulo msebenzi ubalulekileyo phezu kwayo nje inkcaso? Ukuba silixabisa ngeyona ndlela eli lungelo limangalisayo, ngokuqinisekileyo siya kuba nenzondelelo size sizinikele ngentliziyo iphela.—2 Kor. 4:1, 7.