Izaziso
◼ Uncwadi oluza kusetyenziswa NgoFebruwari: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R10,50. Iincwadi ezincinane zii-R5,30. NgoMatshi: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R10,50. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo weMboniselo ngomnikelo wee-R30,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R15,00. Imirhumo yeqela zii-R19,00 nee-R9,50 ngokwamaxesha afanayo nangasentla.
◼ Unobhala nomveleli wenkonzo bafanele bahlolisise umsebenzi wabo bonke oovulindlela abathe ngxi. Ukuba kukho nabaphi na abanengxaki ekufikeleleni iiyure ezifunekayo, abadala bafanele balungiselele ukuba bancedwe. Ukuze nifumane amacebiso, hlolisisani ileta yoMbutho (S-201) kaOktobha 1, 1993, nekaOktobha 1, 1994. Kwakhona, bonani isiqendu 12-20 kwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 1986.
◼ ISikhumbuzo siya kuba ngoLwesihlanu, ngoAprili 14, 1995. Nangona intetho isenokuqalisa kwangethuba, ncedani nikhumbule ukuba ukudluliswa kwesonka newayini yeSikhumbuzo akufanele kuqaliswe de kube semva kokutshona kwelanga. Buzani kwimithombo yasekuhlaleni ukuze nazi ukuba ilanga litshona nini kummandla wenu. Akukho zintlanganiso ziya kuqhutywa ngolo suku ngaphandle kwentlanganiso yenkonzo yasentsimini. Ukuba ibandla liqhele ukuba neentlanganiso ngoLwesihlanu, kusenokufuneka nizitshintshele kolunye usuku evekini ukuba iHolo yoBukumkani iyafumaneka.
◼ Xa kuqukunjelwa ucwangciso lweentlanganiso zebandla kunye nendibano yesiphaluka nendibano ekhethekileyo yosuku olunye ngoAprili 23, 1995, kuya kwenziwa isaziso esiphathelele umsebenzi okhethekileyo esiya kuwenza ekusasazeni iphecana elinamaphepha amane elinesigidimi esisexesheni. Abavakalisi baya kukhuthazwa ukuba banikele ingqalelo ekhethekileyo kwabantliziyo zinyanisekileyo abazibonayo iingxaki ezididayo abajamelene nazo nabafuna ukhokelo olunokuthenjwa. Mvakalisi ngamnye, kuquka nabasebatsha abaya kuqalisa ukuya kwinkonzo yasentsimini ebudeni bukaMatshi, uAprili noMeyi, basenokufuna ukuba nenxaxheba ngokuzeleyo baze balixhase eli phulo likhethekileyo.
◼ Abavakalisi abafuna ukukhonza njengoovulindlela abangabancedani ngoMatshi, uAprili noMeyi bafanele bacebe kwangoku baze bafake izicelo zabo kwangethuba. Oku kuya kunceda abadala benze amalungiselelo afanelekileyo enkonzo yasentsimini baze babe noncwadi olwaneleyo.
◼ Iibhokisi zeminikelo eHolweni yoBukumkani zifanele zibhalwe ngokucacileyo. Xa ninikela, qinisekani ukuba nifaka kwibhokisi efanelekileyo ephawulwe ngokuthi “Ingxowa-mali Yokwakha Isebe,” “Ingxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani,” nangokuthi “Iminikelo Yebandla.” Abadala basenokukufumanisa kuluncedo ukwenza isaziso esiyimfuneko kulo mbandela. Iminikelo efakwe kwiibhokisi ezahlukeneyo ayifanele isetyenziselwe enye injongo. Yimbopheleleko yomntu ngamnye ukubonisa injongo yomnikelo wakhe ngokuwufaka kwibhokisi efanelekileyo. Amaphepha ancanyathiselwa kuzo anokuodolwa kuMbutho.
◼ Siyavuyiswa kukwazisa ukuba ngoku iikhasethi ezisibhozo zeeKingdom Melodies ziyafumaneka kwialbham. Kwibandla nowonke wonke zii-R68,00, yaye koovulindlela zii-R55,00. Amabandla afanele alungise iiCost List zawo ngokuvisisana noko. Sekunjalo nisenako ukuodola ikhasethi ezinganye kunye nealbham engenanto.
◼ IGetVerse, eyaziswe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaSeptemba 1994, ngoku iyafumaneka nakwidiskette enye ezii-intshi ezi-3 1/2 neekilobyte ezingama-720. Kwibandla, kuwonke wonke nakoovulindlela zii-R12,00.
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola i-1995 Yearbook of Jehovah’s Witnesses kunye neodolo yoncwadi kaFebruwari. I-1995 Yearbook iya kufumaneka ngesiFrentshi, ngesiGrike, ngesiNgesi, ngesiPhuthukezi, ngesiTaliyane, nangesiZulu. Ii-Yearbook zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo ibe ziya kufakwa kwityala loncwadi ngee-R5,60 inye. Oovulindlela abebekuluhlu ngaphezu kweenyanga ezintandathu basenokuzifumanela imibhalo yesisa ibandla eliya kucela ukuncitshiselwa ityala ngayo. Oovulindlela basenokufumana imibhalo eyongezelelekileyo ngee-R3,70 inye.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
IsiArabhu: Xa Umntu Omthandayo Esifa (ibandla nowonke wonke: R1,00; oovulindlela: R0,70). IsiBhulu: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiChicheŵa: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiCibemba:. Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiCroatia: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiDatshi: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiFrentshi: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiGrike: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiHangari: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiJamani: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiNgesi: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiPedi: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiPhuthukezi: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiPolish: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiRashiya: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiRomania: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiSerbia: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiShona: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiSuthu: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiSwahili: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiTaliyane: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiTshayina: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiTsonga: Ukumanyana Ekunquleni Okuphela KoThixo Oyinyaniso (ibandla nowonke wonke: R3,50; oovulindlela: R2,65); Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiTswana: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiVenda: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiXhosa: Xa Umntu Omthandayo Esifa. IsiZulu: 1995 Yearbook of Jehovah’s Witnesses (ibandla nowonke wonke: R5,60; oovulindlela: R3,70); Xa Umntu Omthandayo Esifa.