Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi NgoAgasti: Naziphi na iincwadana ezinemifanekiso ezinamaphepha angama-32 kwezi zilandelayo zisenokuhanjiswa ngomnikelo we-R1,00 inye: Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, Iyintoni Injongo Yobomi—Unokuyifumana Njani?, Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi, “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. NgoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo okhethekileyo noncitshisiweyo wee-R8,00. Ezincinane ngee-R4,00. (Kumhlaba ongabelwanga bani la maxabiso ancitshisiweyo encwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade aya kusebenza kuzo zonke ezo nyanga zintathu.) Ngo-Oktobha: Umrhumo wonyaka kaVukani! okanye IMboniselo ngeposi ngomnikelo wee-R33,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R16,50. Imirhumo yeqela zii-R19,00 nee-R9,50 ngokwamaxesha afanayo nangasentla. NgoNovemba: Nikela incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo ngomnikelo wee-R5,30.
◼ Ibandla ngalinye liya kufumana iifomu ezintathu ezithi Ukuma Kweencwadi (S-AB-18). Unobhala webandla ufanele adibane nalowo unyamekela uncwadi ekuqaleni kuka-Agasti aze amise umhla wokubala isitokhwe soncwadi lwebandla ekupheleni kwenyanga. Lonke uncwadi olusesitokhweni lumele lubalwe ngokoqobo, zize izimbuku zifakwe kwifomu ethi Ukuma Kweencwadi. Inani lamaphephancwadi akhoyo linokufunyanwa kulowo unyamekela amaphephancwadi. Ncedani nithumele eyokuqala kuMbutho kungekhona ngemva kukaSeptemba 6. Gcinani umbhalo wekhabhoni kwiifayile zenu. Umbhalo wesithathu usenokusetyenziswa njengeninokuqala kuwo ukubhala. Olu balo lufanele longanyelwe ngunobhala, ize ifomu ezalisiweyo ityobelwe ngumveleli owongamelayo. Unobhala nomveleli owongamelayo baya kuyityobela le fomu.
◼ Unobhala webandla uya kudibanisa ingxelo yenkonzo yebandla ukuze ifakwe kwifomu yeNgxelo Yohlahlelo Lwebandla (S-10). Kwakhona uya kufundisa ngenyameko nawuphi na umdala okanye isicaka solungiselelo esisenokuba siyancedisa ekudibaniseni ingxelo. Oku kuya kuqinisekisa ukuba idweliswa ngokuchanileyo inkcazelo efunekayo evela kumaqweqwe eNgxelo Yomvakalisi Webandla (S-21). Ifomu yeNgxelo Yohlahlelo Lwebandla (S-10) ifanele izaliswe kakuhle nangokucocekileyo ize ihlolwe ngenyameko yikomiti yenkonzo.
◼ NgoAgasti 25 nowama-26 uMbutho uya kube ubala zonke iincwadi ezikhoyo eBheteli. Ngenxa yolu balo, akukho ziodolo zoncwadi zamabandla ziya kulungiselelwa ukuthuthwa okanye ukuza kulandwa ngezo ntsuku.
◼ Siyavuyiswa kukunazisa ukuba i-1995 Yearbook of Jehovah’s Witnesses ngesiZulu ifikile. Sinazo ezilinganiselweyo ezisaseleyo esitokhweni kwabo basazifunayo.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
IWatch Tower Publications Index 1991-1994 (ibandla nowonke wonke: R5,60; oovulindlela: R3,70)—IsiNgesi