Ukucikidwa NguYehova—Kutheni Kuyingenelo Nje?
1 Wonke umntu unqwenela impilo entle. Yenza ubomi bube mnandi ngakumbi. Sekunjalo, abantu abaninzi abasempilweni entle basaxilongwa ngamathuba athile. Kutheni? Bafuna ukubona naziphi na iingxaki zempilo ezivelayo ukuze kuthatyathwe amanyathelo okuzinyanga. Kubaluleke ngakumbi ukulondoloza impilo yethu yokomoya. Inkoliseko kaYehova ixhomekeke ekuqhubekeni ‘siphilile elukholweni.’—Tito 1:13.
2 Lingoku ixesha elifanelekileyo lokucikidwa nguYehova. Ngoba? Kungokuba uYehova ukwitempile yakhe engcwele, yaye ucikida iintliziyo zabo bonke abantu. (INdu. 11:4, 5; IMize. 17:3) NjengoDavide, sicela uYehova ukuba asicikide ngokucokisekileyo: “Ndicikide, Yehova, undilinge; nyibilikisa izintso zam nentliziyo yam.”—INdu. 26:2.
3 Simele sizilumkele izinto ezinokonakalisa impilo yethu yokomoya esisenokuzibangela ngenxa yenyama yethu engafezekanga. IMizekeliso 4:23 iyasiluleka: “Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; kuba aphuma kuyo amathende obomi.”
4 Kwakhona impilo yethu yokomoya isenokonakaliswa lihlabathi elinganyanisekanga neliziphethe kakubi esiphila kulo. Ukuba sizivumela ukuba sisondelelane kakhulu nale nkqubo yezinto ingendawo, siya kuqalisa ukucinga ngendlela ecinga ngayo size sibe nesimo sengqondo sehlabathi. Okanye sisenokwamkela indlela yokuphila yeli hlabathi size soyiswe ngumoya walo.—Efe. 2:2, 3.
5 USathana usenokusebenzisa intshutshiso okanye inkcaso ezama ukusenzakalisa ngokomoya. Noko ke, ngobuchule usoloko esebenzisa izinto ezinomtsalane zehlabathi ukuze asihende. UPetros usibongoza ukuba ‘sibe ziingcathu size siphaphe,’ kuba uSathana uhamba “njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo.” Sibongozwa ukuba ‘simchase sizimasekile elukholweni.’—1 Pet. 5:8, 9.
6 Kufuneka siyikhusele impilo yethu yokomoya ngokugcina ukholo lwethu lomelele nangokulomeleza suku ngalunye. Umpostile uPawulos usikhuthaza ukuba siqhubeke silucikida ukholo lwethu. Kanye njengokuba ngobulumko silithobela icebiso lobulumko kugqirha onamava, noYehova siyamphulaphula xa uhlolisiso Lwakhe lokomoya ludiza ukuba sinengxaki efuna ukulungiswa. Oku kwenza ukuba ‘silungiswe.’—2 Kor. 13:5, 11.
7 UYehova unguMcikidi omkhulu ngenene. Uhlolisiso lwakhe lusoloko luchanile. Ukwazi kakuhle esikufunayo. NgeLizwi lakhe ‘nangomkhonzi othembekileyo,’ usinika ukudla kokomoya okusempilweni. (Mat. 24:45; 1 Tim. 4:6) Ukuzondla rhoqo ngoku kudla kokomoya kunesondlo emakhaya nakwiintlanganiso zebandla kusenza sihlale sisempilweni ngokomoya. Ukwenza umthambo rhoqo ngokomoya kubulungiseleli nakweminye imisebenzi yobuKristu nako kuyingenelo. Ngoko ke, siyakwamkela ukucikidwa rhoqo nguYehova, siqinisekile ukuba uya kusigcina sisempilweni entle ngokomoya.