Izaziso
◼ Uncwadi oluza kusetyenziswa ngoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo okhethekileyo nothotyiweyo wee-R8,00. Ezincinane zii-R4,00. (La maxabiso athotyiweyo encwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade asebenza kwiphulo lomhlaba ongabelwanga bani kuzo zonke iinyanga ezintathu.) Kumele kwenziwe umgudu wokuqalisa izifundo zeBhayibhile zamakhaya. Ngo-Oktobha: Umrhumo wonyaka kaVukani! okanye IMboniselo ngeposi ngomnikelo wee-R33,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka weenkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R16,50. Umrhumo weqela zii-R19,00 nee-R9,50 ngokwamaxesha afanayo nangasentla. Yenza umgudu okhethekileyo wokuhambisa imibhalo yamaphephancwadi xa umnikelo ungamkelwa. NgoNovemba: Hambisa incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo ngomnikelo wee-R5,30.
◼ Umveleli owongamelayo okanye uthile owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoSeptemba 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Yenza isaziso ebandleni xa oku kwenziwe.
◼ Kukhunjuzwa abadala ukuba balandele isiluleko esinikelwe kwiphepha 21-3 leMboniselo ka-Aprili 15, 1991, ngokuphathelele nabaphi na abantu abasusiweyo kubudlelane okanye abazahluleyo abasenokuba bafuna ukubuyiselwa.
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola IKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1996 kunye neodolo yawo yoncwadi kaSeptemba. Iikhalenda ziya kufumaneka ngesiBhulu, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTaliyane, isiXhosa nesiZulu. Ezi zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo. Amabandla angenatyala loncwadi kuMbutho afanele athumele imali neodolo.
◼ NgoMgqibelo, ngo-Oktobha 14, 1995, ikhaya laseBheteli nomzi-mveliso ziya kuvalwa ukuze zicocwe, ngoko akuyi kubakho malungiselelo okhenketho.
◼ Kukhunjuzwa ONKE AMABANDLA. ancede aodole amaqweqwe eAdvance Medical Directive/Release kunye neeIdentity Card ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka kwifomu ethi Literature Order (S-AB-14). Amabandla angenatyala kuMbutho okanye anetyala elijingayo kwityala lawo loncwadi afanele athumele ikheshi neodolo. Amaqweqwe emedical directive ziisenti ezilishumi lilinye ibe ii-Identity Card ziisenti ezisibhozo inye. Ncedani niwaodole ngezixa zama-20 ukuba kunokwenzeka. Musani ukuwakhupha la maqweqwe, kodwa wagcineni nide nifumane ulwalathiso olubhekele phaya kuMbutho.
◼ Kufanele kuodolwe amaqweqwe eebheji zendibano yesithili yowe-1995 yaye imali yawo iya kuqukwa kwityala loncwadi lwebandla ngexabiso leesenti ezisibhozo lilinye. Amabandla angenatyala kuMbutho okanye anetyala elijingayo kwityala lawo loncwadi afanele athumele ikheshi neodolo. Ncedani niwaodole ngezixa zama-20 ukuba kunokwenzeka. Amaqweqwe eebheji afumaneka ngesiBhulu, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiXhosa nesiZulu. Ncedani nifake iodolo yenu nisebenzisa ifomu ethi Literature Order (S-AB-14). Ezi odolo zifanele zifike kuMbutho ngaphambi kukaNovemba 1, 1995. Emva koko asiyi kuzamkela iiodolo zala maqweqwe.
◼ Siya kukuxabisa ukuba abo babhalela uMbutho babhala igama labo nekhelingi yabo epheleleyo ngaphambili, ngentla kwikona engasekunene okanye ngasemva kwimvulophu. Xa amabandla ebhalela uMbutho, afanele ancede abhale igama nenombolo yebandla. Oku kubalulekile ekubeni kunceda uMbutho ekusingatheni iileta.