Mdumise UYehova Imihla Ngemihla
1 UThixo wethu, uYehova, nguMdali ozukileyo nonothando, unguMthombo wabo bonke ubomi nolonwabo. Ngenxa yobukhulu bakhe, ngokwenene yonke indalo yakhe ifanele imdumise. Njengabantu ngabanye, sifuna ukuthetha oko kwathethwa ngumdumisi esithi: “Ndongeze endumisweni yakho yonke. Umlomo wam uya kubalisa ngemisebenzi yobulungisa bakho, neyosindiso lwakho imini yonke.” (INdu. 71:14, 15) Ukuze sikwenze oku, simele sifune iindlela zokudumisa uYehova imihla ngemihla size sishukunyiselwe ukuthetha kakuhle ngaye, ngobulungisa bakhe nangamalungiselelo akhe osindiso.
2 AmaKristu okuqala asimisela umzekelo omhle wokudumisa uYehova. Ngokuphathelele abangama-3 000 ababhaptizwa ngePentekoste, kwiZenzo 2:46, 47 sifunda oku: “Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, . . . bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. . . . Yaye iNkosi isongeza abasindiswayo imihla ngemihla.” Babefunda iinyaniso ezimangalisayo ezingoYehova noMesiya wakhe. Uvuyo lwabo lwalusosulela, lubakhuthaza nabanye ukuba baphulaphule bafunde baze badumise uYehova.
3 Yonke Imihla Amathuba Ayafumaneka: Namhlanje abaninzi bafumanisa ukuba banako ukudumisa uYehova imihla ngemihla ngokunikela ubungqina obungacwangciswanga. Ukuceba kusengaphambili kubanceda babe nempumelelo ngakumbi. Omnye udade owayezimisele ukunikela ubungqina obungacwangciswanga wafumanisa ukuba kukho mntu uthile owaphule iifestile ezimbini zenqwelo-mafutha yakhe waza wangena ngaphakathi. Watsalela umnxeba kwindawo yokulungisa iinqwelo-mafutha waza ke walungiselela ukunikela ubungqina kuloo mntu wayeyilungisa. Ukulungiselela kwakhe kwaquka ukuthandazela ulwalathiso lukaYehova. Ekugqibeleni, wanikela ubungqina kulo mfo kangangeyure waza wamhambisela incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade.
4 Omnye udade wayedibana nommelwane wakhe rhoqo xa bebethwa ngumoya nezinja zabo. Xa wadibana naye ngenye imini, baba nencoko eshushu engeengxaki zobomi, ibe yakhokelela kwiingxubusho ezingakumbi. Ekuhambeni kwexesha, baqalisa isifundo seBhayibhile. Okubangel’ umdla kukuba kamva lo mmelwane wavuma ukuba wayengenakuwaphulaphula amaNgqina kaYehova ukuba ayenokuya emzini wakhe, kuba wayengakholelwa kuThixo okanye eBhayibhileni.
5 Abanye bakufumanisa kulula ukunikela ubungqina kubathengisi okanye kwabanye xa beze emakhayeni abo. Udade waseIreland watyelelwa ngumfo owayethengisa i-inshorensi yobomi. Wacacisa ukuba yena ukhangele phambili ekufumaneni ubomi obungunaphakade. Yaba ntsha mpela ke lento kulo mfo, owakhuliswa njengomRoma Katolika. Wayamkela incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade, waya kwiintlanganiso kwiveki elandelayo, waza wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Sithetha nje lo mthengisi ngumzalwana obhaptiziweyo.
6 Sonke sifanele siwaphaphele amathuba okudumisa uYehova imihla ngemihla. Kuluncedo ukugcina amaphephancwadi okanye amaphecana ambalwa ekwindawo enokubonakala nenokwenza kube lula ukuwahambisa kwabo basityeleleyo. Kwezinye iindawo ixeshana nje olichitha kwisitulo esisepakini linokukuvulela amathuba amaninzi okunikela ubungqina kwabanye abeze kuphumla kangangemizuzu embalwa. Olunye ulutsha olungamaNgqina esikolweni lubeka uncwadi lweBhayibhile kwiidesika zalo ngenjongo yokuqalisa incoko nomntu olubonayo aze abuze imibuzo. Engqondweni yiba neSibhalo esinye okanye ezibini onokuzisebenzisa. Cela uYehova akuncede. Uya kusikelelwa ngokwenjenjalo.—1 Yoh. 5:14.