IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/95 iphe. 8
  • Ukuhambisa Incwadi Ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuhambisa Incwadi Ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
km 12/95 iphe. 8

Ukuhambisa Incwadi Ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila

1 Kubulungiseleli bethu basentsimini ngoDisemba, siza kuhambisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Uza kuthini xa uqalisa ingxubusho esexesheni yeBhayibhile, ibe uza kuyibalaselisa njani le mpapasho isemagqabini?

2 Emva kokubulisa umninimzi, usenokuthetha into efana nale:

◼ “Namhlanje sibuza abamelwane bethu ngoko bakucingayo xa befunda ngokuphila ngonaphakade eBhayibhileni. [Vumela impendulo.] Oku kubangel’ umdla kuba iBhayibhile isebenzisa igama elithi ‘ubomi obungunaphakade’ kangangezihlandlo ezingama-40. Obu bomi bunokuthetha ntoni kuthi? Khawuphawule okuthethwa siSityhilelo 21:⁠4. [Sifunde.] Ukuphawule ke okuthenjiswa apha? [Vumela impendulo.] Sinokubufumana njani ubomi obungunaphakade?” Funda uYohane 17:​3, uze ubalaselise imfuneko yokungenisa ulwazi ngoThixo noNyana wakhe, uYesu Kristu. Tyhila incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo, ubonise umninimzi eminye yemifanekiso. Yandula ke utyhile kwintshayelelo, usebenzisa imixholwana ukuze uvuselele umdla wakhe ongakumbi. Yihambise le ncwadi ngee-R10,50.

3 Emva kokubulisa ngokufanelekileyo, usenokuthi:

◼ “Sibuza abantu enoba banokulivuma kusini na elokuba uYesu Kristu wayengoyena mntu ubalaseleyo wakha waphila. [Vumela ixesha lokuphendula.] Kambe ke, uninzi lwabantu luye lwanempembelelo kwimicimbi yabantu, ibe abanye baye banegalelo kwinkcubeko yoluntu, kodwa phawula okwahlula uYesu Kristu kubo bonke abanye. [Funda uYohane 17:⁠3.] Akukho mntu unamandla okunika uluntu ubomi obungunaphakade. [Tyhila kwisahluko 111 sencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo.] Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wachaza iziganeko ezaziya kwenzeka ngaphambi kwesiphelo sehlabathi.” Emva kokuthi gqabagqaba ngezinye iinkalo zomqondiso wobukho bukaKristu, mbonise ezinye iimbalasane zale ncwadi.

4 Emva kokubulisa ngendlela yasekuhlaleni, nantsi enye intshumayelo:

◼ “NgoDisemba abantu bacinga ibe bathetha kakhulu ngoYesu. Sinokuwuxelisa ngayiphi indlela umzekelo esawumiselwa nguYesu, oyena mntu ubalaseleyo ehlabathini? [Vumela impendulo, wandule ke walathisele ingqalelo kweyoku-1 kaPetros 2:21.] Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathande abamelwane babo, bahlale becocekile ngokokuziphatha, baze bathandazele ukuba uBukumkani bukaThixo bufike. Ukuze sisindiswe kufuneka simhlonele size simthobele uYesu njengoMsindisi wethu. [Funda uYohane 14:⁠6.] UYesu wayengengomntu nje ofana nabanye. Le ncwadi imchaza njengoyena mntu ubalaseleyo wakha waphila. Isahluko 59 siyavumelana noku, kuba simchaza ‘njengoKristu, uNyana kaThixo ophilileyo.’ Ekubeni sixhomekeke kuye ukuze sisindiswe, akuqondi na ukuba kufuneka sifunde okuninzi kangangoko kunokwenzeka ngomsebenzi wakhe noko wayekufundisa? Le ncwadi ilungiselelwe loo njongo ngokukhethekileyo, yaye bendingakuvuyela ukukushiyela yona ngomnikelo wee-R10,50.”

5 Xa uthetha nomntu oselula usenokuthanda ukuzama le ntshayelelo:

◼ “Inkoliso yabantu abaselula ifuna abantu enokubaxelisa, kodwa kunzima ukufumana abayimizekelo emihle. UYesu Kristu wamisela wonk’ ubani umzekelo ogqibeleleyo. [Funda eyoku-1 kaPetros 2:21.] Ubomi bakhe buphela babujoliswe ekunquleni uYise wasezulwini. Ucinga ukuba bekuya kuba njani ukuba uninzi lwabantu beluzama ukumxelisa?” Vumela impendulo. Tyhila kwisiqendu sesithathu kwiphepha elandulela elokugqibela lale ncwadi, esichaza iimpawu zakhe ezikhethekileyo. Cacisa indlela le ncwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo enokusinceda ngayo sonke ukuze sibe ngamaKristu alungileyo.

6 Ukuba silungiselela kakuhle, siya kukwazi ukuyisebenzisa le ncwadi ‘ekutyhileleni abanye iZibhalo’ ngendlela eya kubavuyisa kakhulu!​—⁠Luka 24:⁠32.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share