Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoJanuwari: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R10,50. NgoFebruwari: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R10,50 okanye ethi Ukwenza Ubomi Bentsapho Yakho Bonwabe ngomnikelo wee-R3,50. NgoMatshi: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R3,50. NgoAprili: Umrhumo wonyaka weMboniselo ngeposi ngomnikelo wee-R38,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R19,00. Imirhumo yeqela zii-R24,00 nee-R12,00 ngokwamaxesha afanayo nangasentla. Yenza umgudu okhethekileyo wokuhambisa imibhalo yamaphephancwadi xa umrhumo ungamkelwa.
◼ Amabandla afanele enze amalungiselelo afanelekileyo okuqhuba iSikhumbuzo kulo nyaka ngoLwesibini, ngoAprili 2, emva kokutshona kwelanga. Nangona bandla ngalinye linqwenela ukuziqhubela esalo iSikhumbuzo, oku kusenokungasoloko kusenzeka. Apho amabandla amaninzi esebenzisa iHolo yoBukumkani enye, mhlawumbi ibandla elinye okanye angakumbi anokufuna enye indawo anokuyisebenzisa ngolo rhatya. ISikhumbuzo asifanele siqalise ebusuku kakhulu kangangokuba abantu abasandul’ ukuba nomdla bakufumanise kunzima ukubakho. Ngokubhekele phaya, ucwangciso alufanele lusondelelane kude kungabikho nethuba lokubulisa iindwendwe ngaphambi nasemva kwesikhumbuzo, lokwenza amalungiselelo okuqhubeka kuncedwa abathile ngokomoya, okanye elokukhuthazana kwabo bonke abakhoyo. Emva kokuqwalasela kakuhle bonke oothunywashe, abadala bafanele bagqibe ngamalungiselelo aya kunceda bonke abakhoyo eSikhumbuzweni bangenelwe ngokuzeleyo kwesi siganeko.
◼ Intetho ekhethekileyo yesidlangalala yexesha leSikhumbuzo sowe-1996 iya kunikelwa ngeCawa, ngoAprili 21. Umxholo wale ntetho uya kube usithi “Ukuhlala Singenakusoleka Phakathi Kwesizukulwana Esigoso.” Ulwandlalo luza kuthunyelwa. Amabandla aza kube enotyelelo lomveleli wesiphaluka, indibano yesiphaluka, okanye indibano ekhethekileyo yosuku olunye ngaloo mpela-veki aya kuba nentetho ekhethekileyo kwiveki elandelayo. Akukho mabandla afanele abe nentetho ekhethekileyo ngaphambi kuka-Aprili 21.
◼ Ukususela ngoFebruwari, yaye kungekhona emva kukaMatshi 3, intetho yesidlangalala entsha yabaveleli besiphaluka iya kube isithi “Ibandla Elinyanisekileyo Ngaphantsi Kokhokelo LukaKristu.”
◼ Ukususela ngoAprili 29, 1996, kwiSifundo Sencwadi Sebandla kuza kufundwa incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade.
◼ NCEDANI NIPHAWULE: Akusanqabisekanga ukuthumela imali kuMbutho ngerejista. Akukho mali-mbuyekezo ehlawulwayo ukuba ileta okanye into engaphakathi kuyo ilahlekile.
Eyona ndlela ilungileyo yokuthumela imali kukuthumela ngebhanki (ifomu eyi-M-65, eninokuyiodola kuMbutho), itsheke, okanye iipostal oda. Yona imele ithunyelwe ngestampu esiqhelekileyo esingama-60 eesenti ngoku.
Ukuba niye nathumela ikheshi (imali) yithumeleni ngeposi eneinshorensi (insured post). Nangona ibiza imali eninzi yeyona ndlela ikhuselekileyo yokuthumela imali ngeposi. Ileta eneinshorensi imele ifakwe kwikhawuntara yasePosini ukuze umabhalana abale ixabiso layo.
◼ Oku kukukhumbuza abadala ukuba banike umvakalisi ngamnye osandul’ ukubhaptizwa imibhalo ehlaziyiweyo yesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1992 nobukaMatshi 1993. Ezi zihlomelo zifanele ziodolwe kuMbutho ngefomu eyi-S-AB-14.