IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/96 iphe. 1
  • Hamba Ngokholo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Hamba Ngokholo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • “Sinike Ukholo Olungakumbi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ukholo​—Lusinceda Somelele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Bonisa Ukuba Unokholo Kwizithembiso ZikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • “Ndongezelele Ukholo Apho Ndisilela Khona!”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
km 9/96 iphe. 1

Hamba Ngokholo

1 Izigidi zabantu zenza ubomi bazo buxhomekeke kwizinto eziphathekayo, ngobuyatha zikholose ngamandla akhohlisayo obutyebi. (Mat. 13:22) Ziye zifunde isifundo esibuhlungu xa ubutyebi bazo bulahleka okanye bubiwa okanye xa bungqineka bungeyongenelo kangako. Thina sibongozwa ukuba sisukele ikhondo lobulumko, sizabalazele ukufumana ubutyebi bokomoya. (Mat. 6:19, 20) Oku kubandakanya ‘ukuhamba ngokholo.’—2 Kor. 5:7.

2 Igama elithi “ukholo” liguqulelwe ngokusuka kwigama lesiGrike elidlulisela ingcamango yokuba nentembelo, ukukholosa, ukuba nembono engenakujikwa. Ukuhamba ngokholo kuthetha ukujamelana neemeko ezinzima unentembelo kuThixo, ukholose ngamandla akhe okwalathisa amanyathelo ethu nokukholosa ngaye ekunyamekeleni iintswelo zethu. UYesu wamisela umzekelo ogqibeleleyo; wayesoloko enikele ingqalelo kwizinto ezibaluleke ngokwenene. (Heb. 12:2) Ngokufanayo, kufuneka sigcine iintliziyo zethu zijoliswe kwizinto ezingabonakaliyo, izinto zokomoya. (2 Kor. 4:18) Simele sihlale sikhumbula ukungaqiniseki kobomi bethu bangoku size sivume ukuba sixhomekeke ngokupheleleyo kuYehova.

3 Kwakhona simele seyiseke ngokupheleleyo lelokuba uYehova uyasikhokela esebenzisa intlangano yakhe ebonakalayo phantsi kolwalathiso ‘lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45-47) Ukholo lwethu silubonakalisa ‘ngokubathobela abo bakhokelayo’ ebandleni. (Heb. 13:17) Ukusebenzisana ngokuthobeka namalungiselelo obuthixo kubonisa ukuba sikholose ngoYehova. (1 Pet. 5:6) Sifanele sishukunyiselwe ukuwuxhasa ngokupheleleyo umsebenzi le ntlangano ewunikwe ukuba iwenze. Oku kuya kusenza simanyane ngakumbi nabazalwana bethu kwiqhina elomeleleyo lothando nomanyano.—1 Kor. 1:10.

4 Indlela Yokomeleza Ukholo: Asimele siluvumele ukholo lwethu ukuba lube buthathaka. Simele silwe ngamandla ukuze silomeleze. Ukufundisisa, ukuthandaza nokuya kwiintlanganiso rhoqo kuya kusinceda silomeleze ukholo lwethu, ukuze luthi ngoncedo lukaYehova, lukwazi ukumelana nalo naluphi na uvavanyo. (Efe. 6:16) Ngaba uye wazenzela ucwangciso oluhle lokufunda iBhayibhile mihla le nokulungiselela iintlanganiso? Ngaba usoloko ucamngca ngoko ukufundayo, yaye ngaba uyathetha noYehova ngomthandazo? Ngaba kulisiko lakho ukuya kuzo zonke iintlanganiso uze ube nenxaxheba kuzo xa kuvela ithuba?—Heb. 10:23-25.

5 Ukholo olomeleleyo lubonakaliswa ngemisebenzi emihle. (Yak. 2:26) Enye yezona ndlela zilungileyo zokubonakalisa ukholo lwethu kukuvakalisa ithemba lethu kwabanye. Ngaba uzabalazela amathuba okwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo? Ngaba unokuzihlengahlengisa iimeko zakho ukuze wenze okungakumbi kubulungiseleli? Ngaba uyawasebenzisa amacebiso esiwafumanayo angendlela yokuphucula umgangatho nokuba nempumelelo kubulungiseleli bethu? Ngaba uzenzela usukelo lobuqu lokomoya uze uzibhokoxe ekulufikeleleni?

6 UYesu walumkisa ngokuzixakekisa ngokugqithiseleyo ngemicimbi yobomi bemihla ngemihla nokuvumela ukuthanda izinto eziphathekayo okanye izilangazelelo zokuzingca zisenze sibone mfiliba ngokomoya. (Luka 21:34-36) Simele siyiphaphele indlela esihamba ngayo ukuze singaphukelwa ngumkhombe wokholo lwethu. (Efe. 5:15; 1 Tim. 1:19) Sonke siyathemba ukuba ekugqibeleni siya kukwazi ukuthi ‘siwulwile umlo omhle, ugqatso silubaleke kwada kwesa ekugqibeleni, yaye ukholo silugcinile.’—2 Tim. 4:7.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share