Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngo-Oktobha: Umrhumo wonyaka kaVukani! okanye IMboniselo ngeposi ngomnikelo wee-R38,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R19,00. Imirhumo yeqela zii-R24,00 nee-R12,00 ngokwala maxesha angasentla. Yenza umgudu okhethekileyo wokuhambisa imibhalo yamaphephancwadi xa umrhumo ungamkelwa. NgoNovemba: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R3,50. Kuya kwenziwa umgudu okhethekileyo wokubuyela kubo bonke esibahambisele yona, ngenjongo yokuqalisa izifundo zeBhayibhile. NgoDisemba: INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike nencwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R9,10. NgoJanuwari: Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani? ngomnikelo wee-R3,50.
◼ “Ucwangciso Lwesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Lowe-1997” olukobu Bulungiseleli Bethu BoBukumkani lufanele lugcinwe ukuze kwenziwe iimbekiselo kulo kuwo wonke owe-1997.
◼ Ngoku amabandla afanele aqalise ukuodola umxholo wonyaka we-1997, ofumaneka ngee-R13,00 umnye, ngesiBhulu, ngesiNgesi, ngesiSuthu, ngesiXhosa nangesiZulu. Imali yawo iya kutsalwa kwityala loncwadi. Amabandla anetyala elijingayo kwityala lawo loncwadi afanele athumele imali neodolo yawo. Kucetyiswa ukuba onke amabandla awuxhome lo mxholo mtsha wonyaka ngoJanuwari 1, 1997.
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—Yowe-1997 kwiodolo yawo eqhelekileyo ukususela kuOktobha 1. Ezi ncwadana ziya kufumaneka ngesiBhulu, ngesiChichewa, ngesiFrentshi, ngesiGrike, ngesiJamani, ngesiKwanyama, ngesiNgesi, ngesiPedi, ngesiPhuthukezi, ngesiSuthu, ngesiTaliyane, ngesiTsonga, ngesiTswana, ngesiVenda, ngesiXhosa nangesiZulu. De zibe ziyafumaneka yaye zithunyelwe, kuya kubhalwa ukuba “Zothunyelwa” kwii-invoyisi zebandla. Iincwadana ezithi Ukuhlolisisa IZibhalo zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo ibe ziya kufakwa kwityala loncwadi nge-R1,80 inye, ixabiso labavakalisi noovulindlela. Oovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo abebengoovulindlela ngaphambi kukaJulayi 1, 1996, banokufumana umbhalo omnye ngesisa. Amabandla angavulanga tyala loncwadi kuMbutho okanye anetyala elijingayo kwityala lawo loncwadi afanele athumele imali neodolo yawo. Kufanele kwenziwe umgca okhethekileyo kwifomu ethi Uthunyelo-mali Nesicelo Sokuncitshiselwa Ityala (S-AB-20) obonisa imibhalo ethatyathwe ngoovulindlela ngesisa. Ezi ncwadana zifanele ziodolwe ngebandla. SIKHUTHAZA ONKE AMALUNGU ENTSAPHO, KUQUKA ABANTWANA ABAKWAZIYO UKUFUNDA, BABE NOMBHALO WABO WALE NCWADANA.
◼ Kumveleli owongamelayo: Nceda uqiniseke ukuba ingxelo Yesabelo Somhlaba Ongabelwanga Bani iyazaliswa ize ibuyiselwe kuMbutho ngaphambi kukaNovemba 15, 1996. Kwakhona qiniseka ukuba kusetyenziswa isitampu esichanileyo. Ukuba kukho nawaphi na amava asemagqabini eniwafumene kuhlaselo lomhlaba ongabelwanga bani, siya kukuxabisa ukuba unokusithumelela wona kunye nale ngxelo.
◼ Ukususela ngoNovemba 1, 1996 amaxabiso oncwadi aza kunyuka. Ncedani nibone iCost List esiyithumele kwibandla ngalinye ukuze nifumane iinkcukacha ezingakumbi.
◼ Iikhasethi Ezintsha Zevidiyo Ezifumanekayo:
The New World Society in Action (Impinda yomfanekiso oshukumayo we-1954 ongasokuze ulibaleke ezimbalini owawukwanaloo mxholo; ibandla nowonke wonke: R52,00; oovulindlela: R45,00)—NgesiNgesi