Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoNovemba: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R4,00. Kuya kwenziwa umgudu okhethekileyo wokubuyela kubo bonke esibahambisele yona, ngenjongo yokuqalisa izifundo zeBhayibhile. NgoDisemba: INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike nencwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R10,00. NgoJanuwari: Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani? ngomnikelo wee-R4,00. NgoFebruwari: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R12,00.
◼ Amabandla asenesixa seKingdom News No. 34 asenokukhuthaza abavakalisi bawahambise kwangendlela ahanjiswa ngayo amanye amaphecana, enoba kukwindlu ngendlu okanye nayiphi na enye indawo. Ukuba kuvumelekile, abavakalisi basenokushiya ngalinye kwizindlu ezingenabantu, baqiniseke ukuba alibonwa ngumntu odlulayo. Kufanele kwenziwe umgudu wokusasaza yonke imibhalo eseleyo yesi sigidimi sixabisekileyo.
◼ OKUMELE KUKHUNJULWE: Sonke sikhangele phambili ngolangazelelo kwiNdibano YeSithili “Yabathunywa Boxolo Lobuthixo” kulo Disemba. Ngaba uza kubakho? Ngaba uwenzile amalungiselelo okubakho kuzo zonke ezo ntsuku zintathu? Kulo nyaka siza kuba neendibano ezincinane ekuza kuba lula ukuya kuzo yaye kweminye imimandla siza kusebenzisa iindawo ezintsha. (Bona IMboniselo kaJuni 1, 1996, ukuze ufumane iimbalasane zendibano.) Olu cwangciso lusexesheni luya komeleza ukholo. Nceda uqiniseke ukuba uzifumanela iqweqwe lebheji yendibano kuselithuba. Wonke umvakalisi ufanele alifake ebudeni bendibano, nto leyo eya kukufanisa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Amaqweqwe eebheji akayi kufumaneka ezindibanweni.
◼ Xa nibhalela uMbutho ngomrhumo ongafunyenwanga, ncedani nithumele umbhalo ochanileyo wefomu ethi Imirhumo Yeeveki Ngeeveki (M-203) kunye nephetshana lomrhumo lowo. Oku kuya kuphelisa nakuphi na ukubambezeleka ekusingatheni loo ngxaki.
◼ NCEDANI NIPHAWULE: Indawo entsha ekuza kuqhutyelwa kuyo indibano yesiXhosa eKapa yiVygieskraal Stadium, kwiJohnston Road, eAthlone. Imihla yona ayitshintshanga.