IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/96 iphe. 3
  • Ngaba Uyayixabisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyayixabisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
km 11/96 iphe. 3

Ngaba Uyayixabisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?

1 Hayi indlela esasichwayite ngayo xa kwakhululwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngeelwimi ezine zasekuhlaleni kwiindibano zakutshanje! Abaphulaphuli bayamkela ngentswahla yokuqhwatywa kwezandla. Ngaba usawukhumbula umbono wabavakalisi njengoko babenemincili bemi emigceni ukuze bazifumanele imibhalo yayo? Abanye baqalisa kwangoko ukuyifunda, yaye izithethi zayisebenzisa eqongeni kwangolo suku. Kwakuluvuyo ukubona abavakalisi noovulindlela bezifunela izixa ukwenzela izifundo zeBhayibhile neentsapho zabo.

2 Omnye umzalwana wathi: “Kudala silindele inguqulelo echanileyo.” Omnye waqala ngokuvakalisa uxabiso lwakhe kuYehova, weza ngoMbutho nangabaguquleli ngalo lonke ixesha nomgudu abawenzileyo kulo msebenzi.

3 Ukubaluleka Kwayo: Elona gama likhulu kwindalo yonke livela izihlandlo ezingama-237 kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike kuphela. (Bona ISihlomelo 1-2.) Ngoxa abaguquleli beNgqobhoko namaYuda bedla ngokulikhupha igama likaThixo kwiiBhayibhile zabo, amaNgqina kaYehova aye alibeka kwindawo yalo aza alihlonela elo gama. Ngaba oku kukodwa nje akusosizathu sihle sokusebenzisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?

4 Liyinene elokuba, uninzi lwethu kuye kwafuneka luziqhelanise nesigama esiyintetho-ngqo seNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Kodwa IMboniselo iye yasiqhelanisa noninzi lwala mabinzana nendlela achane ngayo. Nangona sisenokuba siqhelene kakhulu neeBhayibhile zethu ezindala zolwimi lomthonyama, zona azichananga ngendlela echane ngayo ibe azilula njengokuba injalo INguqulelo Yehlabathi Elitsha. Akukho mfuneko yakuzixhalabisa ngeendinyana ezifakelweyo okanye iimfundiso zobuxoki ngokuphathelele ubuThixo bukaYehova, imeko yabafi, neminye imibandela. Omnye umdala wathi: “Icace gca yaye kulula gqitha ukuyiqonda, ibe kungekudala siza kuzazi ngentloko izibhalo ezikuyo njengokuba besizazi kwiBhayibhile endala.” Indlela ecace ngayo nendlela echane ngayo le nguqulelo iyenza ibalasele.

5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha isisixhobo esisemagqabini sokufundisisa iBhayibhile. Malunga nekhulu lamaphepha lisetyenziselwe ukubhala uludwe lweencwadi zeBhayibhile, ISalathiso Samagama EBhayibhile, isihlomelo, Imixholo YeBhayibhile Yengxubusho kunye neemaphu. Konke oku kunokwenza ufundo lweBhayibhile lube yinto emnandi ngokwenene.

6 Yisebenzise Kakuhle: Ngaba ide yakho INguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwakho ulwimi? Ukuba kunjalo, ngaba uyifunde wayigqiba? Kuthekani ngamalungu entsapho yakho nezifundo zeBhayibhile? Kutheni ningayifundi kunye njengentsapho okanye nomhlobo wakho? Ngokwenjenjalo unokuqhelana nayo uze uyixabise.

7 Qiniseka ukuba uyayiphatha kwiintlanganiso. Nanini na unesabelo kucwangciso, yisebenzise xa ufunda iZibhalo zesiGrike. Ukuphatha iBhayibhile yesibini kusenokungabi lula, kodwa uya kufumana uyolo olukhulu ekusebenziseni le nguqulelo isemagqabini.

8 Ukuba uYehova uyavuma, kungekudala sinethemba lokuba neBhayibhile epheleleyo. Noko ke, okwangoku sifuna ukuphelisa sonke isitokhwe esininzi esinaso seNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. Ungasinceda njani? Yisebenzise entsimini xa ufunda iZibhalo zesiGrike. Mchazele ngobuchule umninimzi ukuba ufunda kwinguqulelo asenokuba akayiqhelanga. Mbonise izinto ezininzi eziluncedo ekufundeni iBhayibhile ezikwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha uze umbuze enoba ebengathanda na ukufumana umbhalo wayo. Kwakhona thetha ngayo kwizifundo zeBhayibhile ekubeni ngokuqinisekileyo iya kuba negalelo kwinkqubela yazo yokomoya.

9 Kutshanje kwiintlanganiso, umvakalisi oneminyaka esithoba ubudala wayebukelwe njengoko wayephethukela ngobunono kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha yakhe nanini na efunda iZibhalo zesiGrike. Onjani wona ukuba mhle umzekelo wokuba noxabiso olungazenzisiyo! Ngamana singabonisa uxabiso olufanayo ngendlela esisisebenzisa ngayo esi sipho sihle sivela kuBawo wethu wasezulwini onothando.—Yak. 1:17.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share