Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Impinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki kaSeptemba 2 kuse kwekaDesemba 23, 1996. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.
[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]
Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:
1. Isiprofeto esikuMika 3:12 sibhekisela ekutshatyalalisweni nasekuphanzisweni kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. [si-XO iphe. 156 isiqe. 4]
2. Eneneni ayikho “intlanzi enkulu” enokuginya umntu ephelele. (Yona 1:17) [si-XO iphe. 153 isiqe. 4]
3. Ezalisekisa uDaniyeli 12:1, uMikayeli ‘ebemile’ ukususela ngowe-1914 xa waba nguKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini; kungekudala uza “kusuka eme” emela igama likaYehova njengoKumkani onguMphumi-mkhosi ongoyiswayo, ngokutshabalalisa le nkqubo ingendawo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w93-XO 11/1 iphe. 23 isiqe. 23.]
4. Isiprofeto esikuDaniyeli 9:24, 25 salatha ekuzalweni kukaYesu. [kl-XO iphe. 36 isiqe. 8]
5. Ekubeni amaSamariya ayeneengcamango zonqulo eziphosakeleyo yaye engazange amkele nayiphi na inxalenye yeBhayibhile njengephefumlelweyo, ayengamazi uThixo. [kl-XO iphe. 43 isiqe. 3]
6. Ekubeni uYesu wayigcinayo iSabatha, namaKristu anembopheleleko yokwenjenjalo. (Mat. 12:12) [td-XO 35A]
7. Isiprofeto sikaHoseya sasijoliswe ngokukhethekileyo kubukumkani bezizwe ezimbini zakwaYuda. [si-XO iphe. 144 isiqe. 8]
8. Into yokuqala efunekayo ukuze ubani akhonze kwiKomiti Yokwakha Yenqila ngamava okwakha nolwazi ngemisebenzi yokwakha. [jv-XO iphe. 326 isiqe. 1]
9. Ngokutsho kukaZefaniya 3:9, abantu bakaThixo baya kumanyana kwihlabathi elitsha kuba bonke baya kuthetha ulwimi olunye—isiHebhere. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 6/1 iphe. 30.]
10. UAdam noEva bakhohliswa nguSathana baza ngemvukelo badla isiqhamo esalelweyo, ngaloo ndlela besona uYehova. [td-XO 31C] Phendula le mibuzo ilandelayo:
11. Kutheni kufanelekile nje ukuba iindawo ezinkulu zeentlanganiso zamabandla ehlabathini lonke zibizwe ngokuba ziiHolo zoBukumkani, ibe yayisesaphi isakhiwo sokuqala esathiywa eli gama? [jv-XO iphe. 319 isiqe. 2]
12. Ngawaphi amazwi aseZibhalweni awathethwa ngamaHebhere amathathu abonisa ukuba ayengamthobeli uThixo kuba nje efuna ukukhuselwa nokuhlangulwa nguye? (Dan. 3:16-18) [si-XO iphe. 141 isiqe. 19]
13. Sisiphi isibhalo, isahluko nendinyana yeBhayibhile echaza kwangaphambili indawo awayeza kuzalelwa kuyo uMesiya? [si-XO iphe. 156 isiqe. 6]
14. Kutheni imisebenzi yamandla eyenziwa egameni likaYesu ingenakuba bubungqina obuqinisekileyo bokuba ubani unenkoliseko kaThixo okanye uxhaswa nguye? [kl-XO iphe. 46 isiqe. 6-7]
15. Kutheni amaNgqina kaYehova engathandazeli ukuba uThixo aziphelise ngoko nangoko nje iimfazwe nokunqongophala kokutya nokuba athintele zonke iintshutshiso? [jv-XO iphe. 317 isiqe. 4]
16. Ngoobani “izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke” ekwathethwa ngazo kuHagayi 2:7, ibe ‘zifika’ ngayiphi indlela? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 6/1 iphe. 31 isiqe. 5.]
17. Isiprofeto sikaHabhakuki siwakhuthaza njani amaKristu namhlanje ukuba abe nokholo olomeleleyo? [si-XO iphe. 163 isiqe. 14]
18. Wayeyindoda enjani uMika? [si-XO iphe. 155 isiqe. 1]
19. KuHagayi 2:9, yiyiphi itempile eyaba ‘yindlu yamva,’ iyiyiphi eyaba ‘yeyokuqala,’ ibe kutheni ubuqaqawuli ‘bendlu yamva’ bubukhulu ‘kuneyokuqala’? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 6/1 iphe. 30.]
20. UHoseya 14:2 wayebongoza amaSirayeli ukuba enze ntoni, yaye amaNgqina kaYehova asizalisekisa njani eso siprofeto namhlanje? (Heb. 13:15) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w94-XO 9/15 iphe. 10 isiqe. 1-2.]
Fakela igama (amagama) okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
21. Isixeko sase-․․․․․․․․ sasibizwa ngokuba ngumzi wamagazi ngumprofeti ․․․․․․․․ kwiminyaka emalunga nama-200 emva kokuba ․․․․․․․․ wawugqibayo umsebenzi wakhe awayewunikwe nguThixo apho. [si-XO iphe. 154 isiqe. 10, iphe. 160 isiqe. 10]
22. Kufuneka simnqule uThixo ․․․․․․․․, sishukunyiswa ziintliziyo ezizaliswe lukholo naluthando; kwakhona simele simnqule ․․․․․․․․ ngokufundisisa iLizwi lakhe. [kl-XO iphe. 45 isiqe. 4]
23. Emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaRoma ngowama ․․․․․․․․, ․․․․․․․․ anyamalala ezimbalini njengabantu, kanye njengokuba uObhadiya waxela kwangaphambili. [si-XO iphe. 152 isiqe. 12]
24. Unqulo lukaMoleki, uthixo omkhulu wobuxoki wama-․․․․․․․․, lwaluquka ․․․․․․․․ okulisikizi nto leyo eyayigwetywa nguMthetho. (Lev. 20:2-5; IZe. 7:42, 43) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 6/1 iphe. 30.]
25. Izinto ezintathu ezibubungqina nezibonisa ukuba uYesu wayenguMesiya zezi (1) ․․․․․․․․, (2) ․․․․․․․․, (3) ․․․․․․․․ . [kl-XO iphe. 34-8 isiqe. 6-10]
Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
26. Ukuqonda uAmos (8:11; 9:2, 3; 9:11, 12) kwanceda iqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala labona ukuba yayikukuthanda kukaThixo ukuba abantu abangengomaSirayeli bahlanganiselwe kwibandla lamaKristu. (IZe. 15:13-19) [si-XO iphe. 150 isiqe. 16]
27. Xa (uAmos; uYoweli; uHabhakuki) wabizwa nguYehova, wayengengomprofeti okanye unyana womprofeti kodwa wayengumalusi wezimvu nombuthi weziqhamo (zeedatilisi; zomthombe; zomnquma). [si-XO iphe. 148 isiqe. 1]
28. (UPetros; uYohane; uPawulos) wacaphula uYoweli 2:32 (kwiZenzo 2:40; kumaRoma 10:13; kweyoku-1 kuTimoti 2:4), xa wayegxininisa ukubaluleka kokubiza egameni likaYehova. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w96-XO 4/1 iphe. 20 isiqe. 16.]
29. Amazwi akuMika 2:12 aye azaliseka namhlanje (kwisihlwele esikhulu, kuSirayeli wokomoya, kwezinye izimvu), ingakumbi ukususela (ngowe-1914, ngowe-1919, ngowe-1922) ukusa phambili xa yenziwa yacaca indlela yokubaleka kwakhe ekuthinjweni lunqulo (lwaseRoma, lweNgqobhoko, lweBhabhiloni Enkulu). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 5/1 iphe. 14.]
30. Umprofeti (uEliya, uNahum, uIsaya) wavakalisa nxamnye nekomkhulu laseAsiriya (iAtene, iBhabhiloni, iNineve) ukuba uThixo wayeza kuziphindezelela kwiintshaba ezazingazinikelanga ngokupheleleyo kuYe. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 5/15 iphe. 24.]
Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neenkcazelo ezidweliswe ngezantsi: Hos. 10:12; Zef. 2:3; Hos. 14:2; Yak. 1:26, 27; 1 Yoh. 2:15-17
31. Ukuze unqulo lwethu lwamkeleke kuThixo, alumele lungangcoliswa zizinto zehlabathi nje kuphela kodwa lumele luquke nazo zonke izinto uThixo azigqala njengezibalulekileyo. [kl-XO iphe. 51 isiqe. 20]
32. Ngokwenza okulungileyo kubomi bethu bemihla ngemihla, siya kufumana ububele bukaYehova obunothando.[Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w96-XO 3/15 iphe. 23 isiqe. 2-3.]
33. Namhlanje amaNgqina kaYehova azalisekisa esi siprofeto ngokudumisa uYehova ngomsebenzi wawo wokushumayela ngoBukumkani. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w94-XO 9/15 iphe. 10 isiqe. 1-2.]
34. NjengamaKristu okwenyaniso, simele siluphephe naluphi na uqheliselo olubonakalisa umoya weli hlabathi lingahloneli Thixo lisingqongileyo.[kl-XO iphe. 50 isiqe. 17]
35. Asinakulindela ukuba uThixo uya kufane nje asenzele inceba. [si-XO iphe. 165 isiqe. 11]