Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoJanuwari: Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani? ngomnikelo wee-R4,00. NgoFebruwari: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R12,00. NgoMatshi: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho ngomnikelo wee-R4,00. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo wonyaka weMboniselo ngeposi ngomnikelo wee-R41,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R20,50. Imirhumo yeqela zii-R24,00 nee-R12,00 ngokwala maxesha angasentla. Yenza umgudu okhethekileyo wokuhambisa imibhalo yamaphephancwadi xa umrhumo ungamkelwa.
◼ Bonke abavakalisi ababhaptiziweyo abakhoyo kwiNtlanganiso Yenkonzo kwiveki eqala ngoJanuwari 13 baya kunikwa iqweqwe iAdvance Medical Directive/Release neIdentity Card ukwenzela abantwana babo.
◼ Ukususela ngoMatshi 2, intetho yesidlangalala entsha yabaveleli besiphaluka iya kube isithi “Imfundo Yisebenzisele Ukudumisa UYehova.”
◼ Amabandla afanele enze amalungiselelo afanelekileyo okuqhuba iSikhumbuzo kulo nyaka ngeCawa, ngoMatshi 23, emva kokutshona kwelanga. Nangona intetho isenokuqala kwangethuba, ukuhanjiswa kwesonka newayini yeSikhumbuzo akufanele kuqale ilanga lingekatshoni. Buzani kwimithombo yasekuhlaleni ukuze nazi ixesha elitshona ngalo ilanga kummandla wenu. Ekubeni kungekho zintlanganiso ziya kuqhutywa ngolo suku ngaphandle kweentlanganiso zenkonzo yasentsimini, kufanele kwenziwe amalungiselelo afanelekileyo okuba iSifundo seMboniselo siqhutywe ngelinye ixesha. Abaveleli besiphaluka kuya kufuneka baluhlengahlengisele iimeko zasekuhlaleni ucwangciso lwabo kuloo veki. Nangona ibandla ngalinye linqwenela ukuqhuba esalo iSikhumbuzo, kusenokungasoloko kusenzeka oko. Apho kukho amabandla aliqela aqhele ukusebenzisa iHolo yoBukumkani enye, mhlawumbi elinye okanye angakumbi anokuzifunela eyawo indawo ngaloo ngokuhlwa. ISikhumbuzo asifanele siqale ebusuku kakhulu kangangokuba kube nzinyana ngabantu abanomdla ukuya kuso. Nocwangciso alufanele lusondelelane kakhulu de kungabikho xesha nethuba lokubulisa iindwendwe ngaphambi nasemva kwesikhumbuzo, lokwenza amalungiselelo okuqhubeka kuncedwa ngokomoya abanomdla, okanye elokukhuthazana kwabo bonke abakhoyo. Emva kokuhlolisisa kakuhle bonke oothunywashe, abadala bafanele bagqibe ngamalungiselelo aya kuba luncedo kakhulu kwabo beze kwiSikhumbuzo ukuze bangenelwe ngokuzeleyo kweso siganeko.
◼ Intetho ekhethekileyo yesidlangalala yexesha leSikhumbuzo yowe-1997 iya kunikelwa ngeCawa, ngoAprili 6. Ulwandlalo luya kuthunyelwa. Amabandla aza kuba enotyelelo lomveleli wesiphaluka, enendibano yesiphaluka, okanye indibano ekhethekileyo yosuku olunye ngaloo mpela-veki aya kuba nentetho ekhethekileyo kwiveki eya kulandela. Akukho bandla lifanele libe nentetho ekhethekileyo ngaphambi koAprili 6.
◼ Ngenxa yokubaluleka kwesi siganeko, xa iqumrhu labadala lisabela isithethi sentetho yeSikhumbuzo, lifanele likhethe omnye wabadala abafaneleka ngakumbi kunokumana litshintshana okanye kunokusebenzisa umzalwana omnye nyaka ngamnye.
◼ UAprili 5, 1997, uya kuba luSuku lwethu olukhethekileyo Lwamaphephancwadi. Kwixa elidluleyo abaninzi baye bawunandipha umsebenzi owenziwa ngolu Suku lukhethekileyo Lwamaphephancwadi. Kutheni ungaqali kwangoku ukuceba ukuze ube nesabelo ngokuzeleyo kulo nyaka? Amabandla afanele athumele iiodolo zawo ezikhethekileyo zamaphephancwadi ngokukhawuleza.
◼ ISikhumbuzo sowe-1998 siya kuba ngoMgqibelo, ngoAprili 11, emva kokutshona kwelanga. Esi saziso salo mhla weSikhumbuzo sowe-1998 sikhutshwe kwangethuba ukuze abazalwana bakwazi ukuzifunela indawo kwiiholo ezifumanekayo xa amabandla aliqela esebenzisa iHolo yoBukumkani enye namele afumane enye indawo.
◼ UMbutho uvelise iFayile Yokufaka Amaphephancwadi eyenziwe ngeplastiki nengabizi mali ininzi ethabathel’ indawo eyenziwe ngento esabuthwathwa. Ixabiso lebandla, uwonke wonke noovulindlela zii-R7,50.