Isingxobo Semibuzo
◼ Kutheni sifanele singenise ingxelo yethu yenkonzo yasentsimini ngokukhawuleza nyanga nganye?
Sonke siyavuya xa sisiva ngezinto ezintle ezenziwa ekushumayeleni isigidimi soBukumkani. (Bona IMizekeliso 25:25.) IZenzo 2:41 zithi emva kwentetho ehlab’ umxhelo kaPetros ngomhla wePentekoste, “kongezelelwa imiphefumlo emalunga namawaka amathathu.” Kwixeshana nje elingephi kamva, elo nani lantinga laya kutsho “malunga namawaka amahlanu.” (IZe. 4:4) Hayi indlela ezimele ukuba zawavuyisa ngayo amaKristu enkulungwane yokuqala ezo ngxelo! Nakuthi kuba njalo xa sisiva iingxelo ezikhuthazayo namhlanje. Kuyasivuyisa ukuva impumelelo efunyanwa ngabazalwana bethu ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kwihlabathi lonke.
Ekubeni kubandakanyeke ixesha nomgudu ekuhlanganiseni iingxelo ezinjalo, intsebenziswano yomvakalisi woBukumkani ngamnye ibalulekile. Ngaba ukuphaphele ukufaka ingxelo yakho ngokukhawuleza nyanga nganye?
Iingxelo ezingolwando zisivuyisa gqitha. Ngaphezu koko, iingxelo zinceda uMbutho ubone inkqubela yomsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Kuye kufuneke kwenziwe izigqibo ngendawo olusenokufuneka kuyo uncedo olungakumbi okanye ngohlobo loncwadi nangenani lalo olufuneka luvelisiwe. Abadala bebandla ngalinye basebenzisa iingxelo zenkonzo yasentsimini ukubona apho kufuneka kuphuculwe khona. Iingxelo ezintle ziyakha, ziyasikhuthaza sonke ukuba sihlole apho sinokuphucula khona kubulungiseleli bethu.
Bonke abavakalisi kufuneka bayixabise imbopheleleko yabo njengomntu ngamnye yokungenisa ingxelo yenkonzo yasentsimini ngokukhawuleza nyanga nganye. Abaqhubi beZifundo Zencwadi Zebandla ngabona bafanelekileyo ekukhumbuzeni abavakalisi ngale mbopheleleko, ekubeni bekuphaphele nokunceda abo basenokuba nengxaki yokuya kwinkonzo yasentsimini rhoqo nyanga nganye. Oku bamele bakukhunjuzwe kwisifundo sencwadi sokugqibela nyanga nganye okanye ngesinye isihlandlo esifanelekileyo. Ukuba akukho ndlela yokungenisa ingxelo yenkonzo yasentsimini kwiHolo yoBukumkani, umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla unokuyiqokelela aze aqiniseke ukuba uyinika unobhala kwangethuba ukuze ifakwe kwingxelo yebandla eya kuMbutho yanyanga zonke.
Ukuba nenkuthalo ekungeniseni ingxelo yethu yenkonzo yasentsimini rhoqo nangokukhawuleza kwenza izinto zibe lula kwabo banembopheleleko yokunyamekela impilo-ntle yethu yokomoya.