Iindibano Zezizwe Ngezizwe Zowe-1998
Njengoko kwaziswayo kwintlanganiso yonyaka yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania ngoMgqibelo, ngo-Oktobha 5, 1996, iQumrhu Elilawulayo liceba ukuqhuba iindibano zezizwe ngezizwe ngowe-1998. Ndawonye neendibano zesithili eziqhelekileyo, kuza kuqhutywa iqela leendibano zezizwe ngezizwe kuMntla Merika kunye naseAfrika, eAsia, eYurophu, kuMzantsi noMbindi Merika, kummandla weCaribbean nakuMzantsi Pasifiki.
KuMntla Merika kuza kuqhutywa iqela lezi ndibano zikhethekileyo, yaye kuza kumenywa iindwendwe eziphuma kwiimbombo zone zomhlaba. Kwakhona, kwezi ndibano zezizwe ngezizwe sinokulindela ukuba nabavangeli basemazweni. Abavangeli basemazweni nabanye abakwinkonzo ekhethekileyo kumazwe asemzini nabafanelekayo baya kumenyelwa ukuzimasa enye yezi ndibano ezikwilizwe labo lokuzalwa okanye elikufutshane.
Isebe liya kwazisa amabandla ngesixeko ekuza kuqhutyelwa kuso indibano yezizwe ngezizwe abaya kuthi bamenyelwe ukuya kuso abavakalisi. Ingcombolo emayela nemihla namalungiselelo aya kwenzelwa iindwendwe ezikhethiweyo iza kunikelwa. Abavakalisi abacinga ngokuzalisa izicelo zokukhethelwa ukuba ziindwendwe basenokunqwenela ukuqokelela imali ukwenzela ezi zihlandlo zikhethekileyo.