IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/98 iphe. 1
  • Amangqina KaYehova—Abahambisi Bevangeli Bokwenene

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amangqina KaYehova—Abahambisi Bevangeli Bokwenene
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Amanqaku Afanayo
  • “Yenza Umsebenzi Womvangeli”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ngoobani Abashumayeli Bokwenyaniso?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Onke AmaKristu Okwenyaniso Amele Abe Ngabahambisi Bevangeli
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Onke AmaKristu Okwenyaniso Angabashumayeli Bevangeli
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
km 2/98 iphe. 1

Amangqina KaYehova—Abahambisi Bevangeli Bokwenene

1 UYesu Kristu wabeka imbopheleleko yokuhambisa ivangeli kubo bonke abafundi bakhe, ebalathisa ngokukhethekileyo ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Mat. 24:14; IZe. 10:42) Abafundi bakhe bokuqala bahlahl’ indlela ekwenzeni oku njengoko babethetha ngoBukumkani benganikezeli—kungekuphela nje kwiindawo zonqulo kodwa naphi na apho babedibana nabantu khona nakwizindlu ngezindlu. (IZe. 5:42; 20:20) NjengamaNgqina kaYehova namhlanje, siye sazingqina singabahambisi bevangeli abangamaKristu okwenene, sishumayele isigidimi soBukumkani kumazwe angama-232 saza sabhaptiza abafundi abatsha abangaphezu kwesigidi kwiminyaka nje emithathu edluleyo! Kutheni umsebenzi wethu wokuhambisa ivangeli uye wanempumelelo kangaka?

2 Iindaba Ezilungileyo Zisibangel’ Imincili: Abahambisi bevangeli ngabashumayeli, okanye abathunywa, beendaba ezilungileyo. Ngenxa yoko, sinelungelo elibangel’ imincili lokuvakalisa uBukumkani bukaYehova—ekuphela kweendaba ezilunge ngokwenene ezinokuvakaliswa kubantu abaxhwalekileyo. Luyasichwayitisa ulwazi esilufumene kuselithuba ngokuphathelele amazulu amatsha aza kulawula ngobulungisa kumhlaba omtsha oyilwe luluntu oluthembekileyo kwiParadesi ezayo. (2 Pet. 3:13, 17) Sithi sedwa abaye balamkela eli themba, kwaye sitsha ziintambo sifuna ukwabelana nabanye ngalo.

3 Uthando Lokwenene Luyasishukumisa: Ukuhambisa ivangeli ngumsebenzi osindisa ubomi. (Roma 1:16) Kungoko sifumana uvuyo olukhulu ngokusasaza isigidimi soBukumkani. Njengabahambisi bevangeli bokwenene, siyabathanda abantu, nto leyo esishukumisela ukuba sabelane nabo ngeendaba ezilungileyo—iintsapho zethu, abamelwane, abantu esibaziyo kunye nabanye abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Ukwenza lo msebenzi ngomphefumlo uphela kuyenye yezona ndlela zibalaseleyo esinokubonakalisa ngazo ukuba sibathanda ngokwenene abanye.—1 Tes. 2:8.

4 Umoya KaThixo Uyasixhasa: ILizwi likaThixo liyasiqinisekisa ukuba xa sisenza umsebenzi wethu wokutyala nokunkcenkceshela imbewu yoBukumkani, nguYehova ‘okhulisayo.’ Yiloo nto kanye esiyibona isenzeka kwintlangano yethu namhlanje. (1 Kor. 3:5-7) Ngumoya kaThixo osixhasayo nosenza siphumelele kakhulu kumsebenzi wethu wokuhambisa ivangeli.—Yoweli 2:28, 29.

5 Ngokuvisisana nokhuthazo olukweyesi-2 kuTimoti 4:5 oluthetha ‘ngokwenza umsebenzi womvangeli’ nangenxa yokubathanda kwethu bonke abantu, ngamana singashukunyiselwa ekubeni sisasaze iindaba ezilungileyo zoBukumkani ezibangel’ imincili ngawo onke amathuba, siqinisekile ukuba uYehova uya kuqhubeka ewusikelela umsebenzi wethu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share