Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoFebruwari: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R12,00. NgoMatshi: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R4,00. Nikelani ingqalelo ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile zamakhaya. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo wonyaka weMboniselo ngeposi ngomnikelo wee-R48,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka weenkupho eziphuma kanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu weenkupho eziphuma kabini ngenyanga ngee-R24,00. Imirhumo yeqela zii-R24,00 kunye nee-R12,00 ngokwamaxesha afanayo nangasentla. Yenza umgudu okhethekileyo wokuhambisa imibhalo yala maphephancwadi xa umrhumo ungamkelwa.
◼ Unobhala kunye nomveleli wenkonzo bafanele bahlole umsebenzi wabo bonke oovulindlela abathe ngxi. Ukuba kukho abanobunzima ekufikeleleni isisikelo sabo seeyure, abadala bafanele benze ilungiselelo lokubanceda.
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowe-1998 neodolo yawo yoncwadi kaFebruwari. Incwadi Yonyaka Yowe-1998 iza kufumaneka ngesiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTaliyane, isiXhosa nesiZulu. De zibe ziyafumaneka yaye zithunyelwe ezi ncwadi, ziya kuvela zibhalwe “Back Ordered” kwii-invoyisi zebandla. Iincwadi Zonyaka zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo kwaye ziya kufakwa kwityala loncwadi ibe zii-R6,00 inye. Oovulindlela abaneenyanga ezintandathu beqalisile basenokufumana umbhalo wesisa ibandla elisenokucela isaphulelo ngawo. Oovulindlela basenokufumana imibhalo eyongezelelekileyo ngee-R4,00 umnye.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
Incwadi Yabantu Bonke (ibandla nowonke wonke: R1,20; oovulindlela: R0,80)—IsiBhulu, isiChichewa, isiCroatian, isiDatshi, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiPolish, isiRashiya, iSepedi, isiSerbian, iSesotho, isiShona, isiTaliyane, isiTshayina, isiTsonga, isiTswana, isiVenda, isiXhosa, isiZulu
INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike (ibandla nowonke wonke: R6,00; oovulindlela: R4,00; le Bhayibhile ayingomnikelo okhethekileyo)—IsiTsonga
◼ Iimpapasho Ezintsha ZeBraille Ezifumanekayo:
Incwadi Yabantu Bonke (umqulu omnye; ibandla, uwonke wonke noovulindlela: R3,00)—Grade-two English