IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/98 iphe. 1
  • Hayi Indlela Ekukuhle Ngayo Ukusoloko Ukho!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Hayi Indlela Ekukuhle Ngayo Ukusoloko Ukho!
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Simele Sihlanganisane Ukuze Sinqule?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Zingakunceda Njani Iintlanganiso ZamaNgqina KaYehova?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ukuxabisa Iintlanganiso ZamaKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Ukubakho Kwiintlanganiso—Imbopheleleko Enzulu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
km 7/98 iphe. 1

Hayi Indlela Ekukuhle Ngayo Ukusoloko Ukho!

1 Uninzi lwabazalwana bethu abathandekayo belungavunyelwa ukuba luhlanganisane esidlangalaleni kangangamashumi eminyaka eMpuma Yurophu. Khawuthelekelele uvuyo ababa nalo xa bavunyelwa bahlanganisane kwakhona ngemizimb’ engenaxhala!

2 Ethetha ngotyelelo lwakhe kwelinye laloo mabandla, omnye umveleli wesiphaluka wabhala: “Ngengokuhlwa yangoLwesibini, kanye xa ndithi ndiqalisa utyelelo lwam, konakala isixhobo sokufudumeza. Ngaphandle, amaqondo obushushu ayebetha kufutshane neqondo lokukhenkcisa, ibe ngaphakathi, yayilelama-40 ngokukaFahrenheit [elesi-5 ngokukaCelsius]. Abazalwana babambethe ootshotsh’ ufe, izikhafu, iiglavu, bethwele izankwane yaye befake amaquza. Akukho namnye owayekwazi ukuhambisana nesithethi xa sityhila iBhayibhile, kuba wawungenakuze ukwazi ukutyhila amaphepha. Ekubeni ndandimi eqongeni ndinxibe isuti yam, ndagodola ndoma, ibe rhoqo ndithetha, kwakuphokoka umphunga emlonyeni wam. Kodwa into eyandichukumisayo kukuba andizange ndive namnye okhalazayo. Bonke abazalwana bachaza indlela ekwakumnandi nekwakukuhle ngayo ukubakho!” Abo bazalwana abazange bayicinge kwaukuyicinga into yokuphoswa yiloo ntlanganiso!

3 Ngaba Nathi Sivakalelwa Ngolo Hlobo? Ngaba siyalixabisa ithuba lokuhlanganisana ngokukhululekileyo kwiintlanganiso zethu zeeveki ngeeveki? Okanye siye singazixabisi iintlanganiso xa iimeko zisivumela? Kusenokungabi lula ukuya rhoqo ezintlanganisweni, ibe maxa wambi sisenokuba nesizathu esibambekayo sokungabikho. Noko ke, masingaze silibale ukuba phakathi kwethu kukho abo bathi nangona baluphele, benempilo enkenenkene, beneziphene, bexakeke yimisebenzi yaye benezinye iimbopheleleko ezinkulu, bakubone ukubaluleka kokuya ezintlanganisweni baze basoloko bekho. Enjani ukuba mihle imizekelo yokuxeliswa!—Thelekisa uLuka 2:37.

4 Masikwenze umkhwa wethu ukuxhasa unqulo lokwenyaniso ngokuya kuzo zonke iintlanganiso zethu zamaKristu, ukususela kwisifundo sencwadi seqela esincinane ukuya kwindibano enkulu. Kutheni sifanele sikugqale njengento ebalulekileyo ukubakho kwezi ntlanganiso? Kungenxa yokuba kungumyalelo kaThixo ukuba sihlanganisane ndawonye. Kodwa zikho nezinye izizathu ezibalulekileyo. Sonke siyafuna ukungenelwa kwimfundo engokobuthixo nakuncedo lomoya oyingcwele, zinto ezo ezifumaneka kwiintlanganiso. (Mat. 18:20) Siyakheka ngenxa yokukhuthazana xa sidlelana nabazalwana bethu.—Heb. 10:24, 25.

5 Kumbono wokwenziwa kumila kumbi, uPetros wathi, “Myaleli, kuhle ngathi ukuba sibe lapha.” (Luka 9:33) Nathi sifanele sivakalelwe ngaloo ndlela ngazo zonke iintlanganiso zethu zamaKristu. Ngokwenene, hayi indlela ekukuhle ngayo ukusoloko ukho!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share