Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Ukwenziwa kwempinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki kaMeyi 4 kuse kuAgasti 24, 1998. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.
[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]
Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:
1. Ngokutsho kwengxelo yeBhayibhile, uPawulos watyelela kathathu eKorinte. [si-XO iphe. 214 isiqe. 3]
2. Amanyathelo asa kubhaptizo lwamaKristu aqalisa ngokungenisa entliziyweni yethu ulwazi oluchanileyo ngoYehova uThixo nangoYesu Kristu. [kl-XO iphe. 173 isiqe. 7]
3. Inzondelelo egqithiseleyo yokuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani ayikuthetheleli ukuswela ubuchule bokuthetha, uvelwano nokuthantamisa xa siqhubana nabanye. (1 Kor. 13:2, 3) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w95-XO 10/15 iphe. 31 isiqe. 5.]
4. Sinokubuzuza ubomi ngokukhonza uYehova uThixo. [kl-XO iphe. 182 isiqe. 4]
5. Umbhalo weyabaseGalati 5:26 uyibhebhetha yonke imidlalo yokhuphiswano kumaKristu okwenyaniso. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona g95-XO 12/8 iphe. 30 isiqe. 8.]
6. Xa uPawulos kweyesi-2 kwabaseKorinte 10:4 wathi “izixhobo zomlo wethu azizezenyama,” wayebethelela ukuba amaKristu akafanele abhenele kwizixhobo zenyama, ezinjengentetho enobuqhophololo nebonakalisa ukuziphakamisa, okanye izixhobo zokoqobo, ukuze akhusele ibandla kwiimfundiso zobuxoki. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona rs-XO iphe. 213 isiqe. 2.]
7. Incwadi eya kwabaseFilipi yabhalwa nguPawulos kwiinyanga ezimbalwa nje emva kokuba eseke ibandla eFilipi, ibe wayibhala ngenxa yeengxaki ezinzulu elalinazo. [si-XO iphe. 224 isiqe. 3]
8. UYesu “wavakaliswa elilungisa emoyeni,” njengoko eyoku-1 kuTimoti 3:16 isitsho, ngokuvuzwa ngobomi bomoya ekuvusweni kwakhe; oku kwakufana nokuba uThixo uvakalisa uYesu njengolilungisa ngokugqibeleleyo yaye ekufanelekele ukunikwa izabelo eziphakame ngakumbi. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 1/15 iphe. 13 isiqe. 12.]
9. Kuyabonakala ukuba “ukukhululeka” ekubhekiselwa kuko kweyabaseFilipi 1:23 yayilithemba likaPawulos lokuba kunye noKristu kamsinya emva kokufa kwakhe. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w95-XO 3/1 iphe. 30 isiqe. 5.]
10. UPawulos wabhala eyoku-1 kuTimoti ebudeni bexesha eliphakathi kokukhululwa kwakhe okokuqala ekuvalelweni eRoma nokuvalelwa kwakhe okokugqibela apho. [si-XO iphe. 234 isiqe. 2]
Phendula le mibuzo ilandelayo:
11. Kungayiphi indlela ababesithi abanye eKorinte bathabathe imifuziselo “ngokungafanelekanga” xa babehlanganisana kunye ukuze babhiyozele iSikhumbuzo sokufa kukaKristu? (1 Kor. 11:27) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 2/15 iphe. 19 isiqe. 17.]
12. Yayibubukho boobani obabusisisongelo kwimpilontle yebandla laseKorinte nobashukumisela ukuba uPawulos abhale incwadi yakhe yesibini eya eKorinte? [si-XO iphe. 214 isiqe. 2]
13. UYehova uya kusibuyekeza njani ngayo nayiphi na into esinokuyincama ngenxa yonqulo lwakhe? [kl-XO iphe. 169 isiqe. 20]
14. Yintoni eye yaphunyezwa zizibheno kwiinkundla eziphakamileyo ngemibandela echaphazela unqulo lokwenyaniso? [jv-XO iphe. 683 isiqe. 3]
15. Ekusebenziseni kwakhe iLizwi likaThixo, uPawulos ubamisela umzekelo omhle njani abalungiseleli abangamaKristu namhlanje? [si-XO iphe. 217 isiqe. 19]
16. Wayethetha ukuthini umpostile uPawulos xa wayesithi uMthetho “wongezwa ukuze ukunxaxha kwenziwe kubonakale”? (Gal. 3:19) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona uw-XO iphe. 147 isiqe. 3-4.]
17. Siyintoni isizathu sokuba uPawulos ancome abazalwana kweyabaseFilipi 1:3-7, ibe sinokungenelwa njani kumzekelo wabo? [si-XO iphe. 225 isiqe. 12]
18. Kutheni befanele bonke abalungiseleli abangamaKristu balandele icebiso elibhalwe kweyabaseKolose 4:6? [si-XO iphe. 228 isiqe. 13]
19. Wayethetha ukuthini umpostile uPawulos xa wayesithi wayenqwenela ukuba abafazi “bazihombise . . . ngokuthozama”? (1 Tim. 2:9) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona g90-XO 7/8 iphe. 19 isiqe. 2.]
20. Kutheni amaKristu efanele athobele isilumkiso sikaPawulos esikweyoku-1 kuTimoti 6:4 ngokuphathelele ‘ukuxambulisana ngamazwi’? [si-XO iphe. 236 isiqe. 15]
Fakela igama (amagama) okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
21. Ebudeni bowe-_________________________, kwatyikitywa isivumelwano phakathi kwe_________________________ neJamani yamaNazi yaye uHitler waqalisa iphulo lokuphelisa _________________________ eJamani. [jv-XO iphe. 659 isiqe. 2]
22. Incwadi yokuqala kaPawulos eyayisiya kwabaseKorinte iyingenelo gqitha ekukhuliseni ukuqonda kwethu i_________________________, ecaphule kanobom kuzo. [si-XO iphe. 213 isiqe. 23]
23. Kwincwadi yakhe eya kwabaseGalati, uPawulos ungqina ukuba umntu ugwetywelwa _________________________ kuKristu Yesu, kungengamisebenzi yo_________________________, nokuba ngoko ke _________________________ aluyomfuneko kumaKristu. [si-XO iphe. 218 isiqe. 6]
24. Kwincwadi yakhe yokuqala eya kwabaseTesalonika, uPawulos ukhankanya _________________________ bukaYesu Kristu kangangezihlandlo ezine, ekubonakala ukuba kungenxa yomdla elalinawo ibandla kule mfundiso. [si-XO iphe. 231 isiqe. 15]
25. Incwadi yesibini eya kwabaseTesalonika yabhalwa ngu_________________________ xa wayese_________________________ ngonyaka wama-_________________________ . [si-XO iphe. 232 isiqe. 4]
Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
26. Ekuxubusheni ilungelo lakhe lokuphila ngobulungiseleli, uPawulos ubhekisela (kwiTalmud; kwiMishnah; kuMthetho kaMoses), othi izilwanyana ezisebenzayo azimele zifakwe isicheme ukuze zingadli nokuthi (abaLevi; amaNethini; intsapho ka-Aron yababingeleli) ababesebenza etempileni babefumana inxalenye yabo esibingelelweni. [si-XO iphe. 213 isiqe. 24]
27. Incwadi kaPawulos kwabaseGalati inikela inkcazelo kaIsaya 54:1-6, ifanisa umfazi kaYehova (njengeYerusalem yasemhlabeni; iYerusalem yaphezulu; iYerusalem Entsha). (Gal. 4:21-26) [si-XO iphe. 219 isiqe. 16]
28. Kweyabase-Efese 1:10, “ulungiselelo” lubhekisela (kuBukumkani bukaMesiya; kwiQumrhu Elilawulayo; kwindlela uThixo azisingatha ngayo izinto zendlu yakhe). [si-XO iphe. 221 isiqe. 8]
29. ‘Umntu wokuchas’ umthetho’ okhankanywe kweyesi-2 kwabaseTesalonika 2:3 unokuchazwa (njengabaguqulela abantu ebuYudeni; njengodidi lwabefundisi beNgqobhoko; njengeBhabhiloni Enkulu). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 1/15 iphe. 18 isiqe. 11.]
30. Ukuba unezinto ezikuthandabuzisayo ngomntu othile ebudeni bokuthandana ngaphambi komtshato, kubhetele (uvumele iimvakalelo zakho zothando ziwagubungele loo mathandabuzo; uluqhawule olo lwalamano; uzibethe ngoyaba iziphako ezinzulu unethemba lokuba kuza kulunga emva komtshato). [fy-XO iphe. 23 isiqe. 19]
Ngqinelanisa impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
2 Tes. 1:8, 9, 12; 1 Kor. 10:11, 12; 2 Kor. 4:7; Fil. 4:6, 7; 2 Kor. 8:14
31. Xa umntu ebeka ubulungiseleli bobuKristu kuqala ebomini bakhe, uya kuba namandla anikelwa nguThixo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 3/1 iphe. 29 isiqe. 5.]
32. Sifanele sifunde kumzekelo osisilumkiso wamaSirayeli awayekhokelwa nguMoses size siphephe ukukholosa ngeziqu zethu. [si-XO iphe. 213 isiqe. 23]
33. Izipho zesisa ezivela kumaKristu afumileyo zinokunceda ekuhlangabezaneni neentswelo zabo bakwiindawo ezingemanga kakuhle, ngoxa inzondelelo yabo bahlelelekileyo inokuba ngumthombo wovuyo nokhuthazo kwabo banikelayo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w93-XO 12/15 iphe. 21 isiqe. 20.]
34. Asimele siyeke ukushumayela iindaba ezilungileyo, kuba ngokutsho kweBhayibhile, bonke abantu abaphilayo namhlanje nabaqhubeka bephila de kuse esiphelweni sale nkqubo ingendawo nabagwetywa njengeentshaba zonqulo lokwenyaniso baza kutshabalala ngonaphakade. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 5/1 iphe. 19 isiqe. 4.]
35. UYehova unika ukuzola nokuphola phakathi kwezona meko zilingayo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w88-XO 11/1 iphe. 30 isiqe. 19-20.]