Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona
Njengokuba kuboniswe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 1997, iphepha 1, ngoku sikhupha uludwe lweendawo ekufuneka abadala, izicaka zolungiselelo, noovulindlela kuzo. Nabani na, enokuba utshatile okanye akatshatanga, onokuthanda ukufudukela komnye wale mimandla ufanele ahlolisise inkcazelo ekwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 112 aze ayixubushe nabadala basekuhlaleni. Ukhululekile ukubhalela isebe ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngayo nayiphi na enye yezi ndawo.
EDindini: EBizana. Libandla elikhula ngokukhawuleza elinabavakalisi abangama-76 yaye alinabadala. Kufuneka ngokungxamisekileyo abadala abaneentsapho ezomeleleyo ngokomoya.
EKayamandi: EStellenbosch. Libandla elinabavakalisi abali-18 kufuneka isibini esingoovulindlela esiza kukhokela kubulungiseleli basentsimini. Intsimi yalo inemveliso.
KwaLanga: Kufuneka ngokungxamisekileyo abadala abaneentsapho ezomeleleyo ngokomoya. Eli bandla linabavakalisi abangama-55 likhokelwa zizicaka zolungiselelo.
EMgungundlovu: EMount Frere. Eli bandla lincinane libunjwe ngoodade kuphela lifuna abadala nezicaka zolungiselelo. Oovulindlela bayafuneka ukuze bagubungele intsimi enkulu.
EMjanyana: Engcobo. Iqela labavakalisi abane lifuna uncedo loovulindlela abangabadala okanye izicaka zolungiselelo ukuba zithabathe ukhokelo zize zincede kugutyungelwe intsimi.
ENyanga West: Kukho abadala ababini kuphela kweli bandla linabavakalisi abali-100. Abadala bafuneka ngokungxamisekileyo.
ERocky Park: EQonce. Iqela elincinane lifuna ngokungxamisekileyo abadala okanye izicaka zolungiselelo, ukuba kunokwenzeka babe neentsapho ezomeleleyo.