IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/98 iphe. 1
  • Banokubona Ukuba Sahlukile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Banokubona Ukuba Sahlukile
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuvuna Ngokulingana Nomgudu Wethu Wobuqu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Isigidimi Esimele Sisivakalise
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • UYehova Uyayalathisa Intlangano Yakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • AmaKristu Anqula Ngomoya Nenyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
km 12/98 iphe. 1

Banokubona Ukuba Sahlukile

1 Kunyaka ophelileyo, bangaphezu kwama-300 000 abantu abatsha abaye basithelela ngokuthi babhaptizwe. Yintoni ebonwe ngaba bantu kumaNgqina kaYehova ebenze bafuna ukuba yinxalenye yentlangano kaThixo? Kutheni sahlukile kwezinye iinkonzo? Nazi impendulo ezicacileyo:

—Sibambelela eBhayibhileni kungekhona kwiimbono zobuqu: Sinqula uYehova uThixo “ngomoya nenyaniso,” kanye njengokuba uYesu Kristu wathi makwenziwe. Oku kuye kwathetha ukugatya ubuxoki bonqulo nokusebenzisa iLizwi likaThixo elibhaliweyo.—Yoh. 4:23, 24; 2 Tim. 3:15-17.

—Siya ebantwini kunokuba silinde bona beze kuthi: Samkele uthumo lukaKristu lokushumayela nokufundisa, yaye silinganisa umzekelo wakhe wokukhangela abantliziyo zinyanisekileyo. Sibakhangela ezindlwini zabo, ezitratweni, okanye naphi na apho banokufumaneka khona.—Mat. 9:35; 10:11; 28:19, 20; IZe. 10:42.

—Sifundisa wonke umntu imfundo yeBhayibhile ngaphandle kwemali: Sichitha ubuncwane bethu namandla ethu ngesisa, sichitha ngaphezu kwewaka lesigidi zeeyure nyaka ngamnye kwinkonzo kaThixo. Singakhethi buso, sifundisisa iBhayibhile nazo zonke iintlobo zabantu.—Mat. 10:8; IZe. 10:34, 35; ISityhi. 22:17.

—Siqeqeshwe ngokusemagqabini ukuze sincede abantu ngokomoya: Ngofundisiso lobuqu lweBhayibhile nemfundiso elungiselelwe kwiintlanganiso zebandla, ezindibanweni ezincinane, nasezindibanweni ezinkulu, sifumana imfundo yobuthixo, ngaphandle kwemali esenza sikwazi ukukhanyisela abanye ngokomoya.—Isa. 54:13; 2 Tim. 2:15; 1 Pet. 3:15.

—Siyithabatha nzulu inyaniso, siyisebenzisa kubomi bethu bemihla ngemihla: Ngenxa yothando lwethu ngoThixo, senza iinguqulelo, sivisisanisa ubomi bethu nokuthanda kwakhe. Ubuntu bethu obutsha obufana nobukaKristu butsalela abanye enyanisweni.—Kol. 3:9, 10; Yak. 1:22, 25; 1 Yoh. 5:3.

—Sizabalazela ukusebenza nokuhlala ngoxolo nabanye: Ukuhlakulela iimpawu zobuthixo kuyasinceda ukuze silinde izenzo nentetho yethu. ‘Sifuna uxolo size silusukele’ nabantu bonke.—1 Pet. 3:10, 11; Efe. 4:1-3.

2 Umzekelo wamaKristu wokuphila obonwa ngabantu kwintlangano kaYehova ubashukumisela ukuba bamkele inyaniso. Ngamana umzekelo wethu unganomphumo ofanayo kwabo basaziyo nabasakhele umkhanya.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share