Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Impinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki kaMeyi 1 kuse kweka-Agasti 21, 2000. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.
[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]
Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:
1. Impendulo kaGidiyon kumadoda akwaEfrayim awayemhlasela ngamazwi abukhali nangekho sikweni yabonisa ubulali nokuthobeka yaye ngaloo ndlela yakuphelisa ukugxeka okungafanelekanga yaza yalondoloza uxolo. (ABagwe. 8:1-3) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki]
2. Nangona uManowa wathi “sibone uThixo,” eneneni yena nomfazi wakhe babona umntu ozambathise ngenyama owayesisithethi sikaThixo kungekhona uYehova ngokwakhe. (ABagwe. 13:22) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w88-XO 5/15 iphe. 23 isiqe. 3.]
3. KuBagwebi 5:31, ibinzana elithi “abamthandayo” ngokuprofetayo libhekisa kwiindlalifa zoBukumkani ezili-144 000. [si-XO iphe. 50 isiqe. 28]
4. Akakho amacandelo encwadi kaRute awafunyanwa kwiMisongo yoLwandle Olufileyo. [si-XO iphe. 51 isiqe. 3]
5. ABagwebi 21:25 babhekisela kwixesha laxa uYehova walushiya uhlanga lwakwaSirayeli lungenalo naluphi na uhlobo lokhokelo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w95-XO 6/15 iphe. 22 isiqe. 16.]
6. Imifanekiso yekherubhi kwityeya yomnqophiso yayibonisa ubukho bukaYehova basebukhosini, ekwakusithiwa ‘uhlala phezu [okanye, “phakathi”] kweekherubhi.’ (1 Sam. 4:4, umbhalo osemazantsi weNW. eneembekiselo) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona (w81-XO 6/1 iphe. 24 isiqe. 2 [w80 11/1 iphe. 29 isiqe. 2.])
7. Xa amajoni kaSawule atya igazi ngenxa yemeko eyayimaxongo aze akohlwaywa, oku kubonisa ukuba kusenokubakho izizathu ezivakalayo zokungawusi so okwexeshana umthetho kaThixo ukuze kulondolozwe ubomi bukabani. (1 Sam. 14:24-35) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w94-XO 4/15 iphe. 31 isiqe. 7-9.]
8. Ngoxa abanye igama elithi “ukweyisela” belinxulumanisa nokuqhatha namaqhetseba, linokusetyenziswa ngendlela efanelekileyo ukudlulisela ingcamango yokweyisela nokuguqula ingqondo ngokusebenzisa ingqiqo. (2 Tim. 3:14, 15) [w98-XO 5/15 iphe. 21 isiqe. 4]
9. ‘Isiqhuma sabaphilayo’ sibhekisela kwilungiselelo lobuthixo lokukhusela nokulondoloza, awayeya kungenelwa kulo uDavide ukuba wayekuphepha ukuba netyala legazi emehlweni kaThixo. (1 Sam. 25:29) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w91-XO 6/15 iphe. 14 isiqe. 3.]
10. Umnqophiso woBukumkani kaDavide, ekubhekiselwa kuwo kweyesi-2 kaSamuweli 7:16, wangqala ngakumbi kulowo ungusingaye eMbewini ekhokelela kuMesiya yaye kwakuqinisekiswe ngokusemthethweni ukuba kwakuya kuvela uthile kumnombo kaDavide owayeya kulawula “ngonaphakade.” [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 2/1 iphe. 14 isiqe. 21–iphe. 15 isiqe. 22.]
Phendula le mibuzo ilandelayo:
11. Sisiphi isiqinisekiso esinikelwa yiNdumiso 34:18? [w98-XO 4/1 iphe. 31 isiqe. 2]
12. Yintoni eboniswa sisibakala sokuba ifani kaYosefu yayinguBharnabhas? (IZe. 4: 36) [w98-XO 4/15 iphe. 20 isiqe. 3, umbhalo osemazantsi weNW. eneembekiselo.]
13. Kutheni ingxelo yeBhayibhile isithi uEli wayebazukisa oonyana bakhe ngaphezu kukaYehova? (1 Sam. 2:12, 22-24, 29) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w96-XO 9/15 iphe. 13 isiqe. 14.]
14. Kutheni incwadi kaRute ifanele iyomeleze intembelo yethu kwisithembiso soBukumkani? [si-XO iphe. 53 isiqe. 10]
15. Ngokutsho kweyoku-1 kaSamuweli 1:1-7, nguwuphi umzekelo obalaseleyo owamiselwa yintsapho yakuloSamuweli? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w98-XO 3/1 iphe. 16 isiqe. 12.]
16. Kunokutshiwo ngayiphi ingqiqo ukuba imali ‘ngamandla akhohlisayo obutyebi’? (Mat. 13:22) [w98-XO 5/15 iphe. 5 isiqe. 1]
17. UYonatan owayemdala wayibonisa njani intlonelo ngomthanjiswa kaYehova, uDavide, yaye kufanekisela ntoni oku namhlanje? (1 Sam. 18:1, 3, 4) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 1/1 iphe. 24, 26 isiqe. 4, 13.]
18. Nangona “wayegqibelele ethe tye,” ibonisa njani incwadi kaYobhi ukuba oku akuthethi ukuba uYobhi wayefezekile? (Yobhi 1:8) [w98-XO 5/1 iphe. 31 isiqe. 1]
19. Lithetha ukuthini ibinzana elithi “ukuzibhokoxa ngamandla”? (Luka 13:24) [w98-XO 6/15 iphe. 31 isiqe. 1, 4]
20. Njengokuba sisebenza nabanye, ziziphi izifundo ezibalulekileyo esinokuzifunda, njengokuba kubhalwe kweyesi-2 kaSamuweli 12:26-28? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w93-XO 12/1 iphe. 19 isiqe. 19.]
Fakela igama (amagama) okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
21. Ukulugweba kukaYehova ngokuqatha unqulo lukaBhahali kufanele kusishukumisele ukuba sime ngokwahlukileyo nxamnye nezinto zanamhlanje ezifana nalo ezinjengokuthanda ․․․․․․․․, ․․․․․․․․ no․․․․․․․․. (ABagwe. 2:11-18) [si-XO iphe. 50 isiqe. 26]
22. Ngemihla kaSamuweli laphela ixesha ․․․․․․․․, kwaza kwaqalisa ixesha ․․․․․․․․ awayeza kuthi ngalo amaSirayeli ekugqibeleni aphulukane nenkoliseko kaYehova. [si-XO iphe. 53 isiqe. 1]
23. Igama likaThixo elithi Yehova, lithetha “․․․․․․․․” kwaye lithetha ukuba uYehova unokuphumeza nayiphi na indima efunekayo ukuze azalisekise ․․․․․․․․ zakhe. [w98-XO 5/1 iphe. 5 isiqe. 3]
24. Bobabini uEli noSawule basilela, uEli ․․․․․․․․ ukuthabatha amanyathelo waza uSawule wenza isenzo ․․․․․․․․. [si-XO iphe. 57 isiqe. 27]
25. Umzekeliso kaYesu wommelwane womSamariya ubonisa ukuba umntu olilungisa ngokwenene akathobeli nje ․․․․․․․․ kaThixo kuphela kodwa ukwaxelisa ․․․․․․․․ zakhe. (Luka 10:29-37) [w98-XO 7/1 iphe. 31 isiqe. 2]
Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
26. Uphawu olubalaseleyo lukaYehova (bubulumko; ngamandla; luthando) olubonwa ekukhetheni kwakhe umMowabhikazi (uRute; uNahomi; uOrpa), owayefudula engumnquli (kaBhahali; kaKemoshe; kaDagon), owaguqukela kunqulo oluyinyaniso waza waba ngukhokokazi kaYesu Kristu. (Mat. 1:3, 5, 16) [si-XO iphe. 51 isiqe. 1]
27. Ixesha lolawulo lwabagwebi kwaSirayeli laphela xa (uSamuweli; uDavide; uSawule) wamiselwa njengokumkani ngemva koko nje kancinane woyisa (ama-Amoni; amaMowabhi; namaFilisti) exhaswa nguYehova. (1 Sam. 11:6, 11) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w95-XO 12/15 iphe. 9 isiqe. 2–iphe. 10 isiqe. 1.]
28. (Yayingumpostile uPawulos; yayinguyise; yayingunina noninakhulu) owakhokelayo ekufundiseni uTimoti “imibhalo engcwele” ukusa kwinqanaba lokuba ngumvangeli wasemazweni nomveleli osemagqabini. (2 Tim. 3:14, 15; Fil. 2:19- 22) [w98-XO 5/15 iphe. 8 isiqe. 3–iphe. 9 isiqe. 5]
29. Ubulungiseleli bakhe xa wayeselula (uDavide; uSamuweli; uYonatan) bufanele bukhuthaze abaselula ukuba bacinge ngobulungiseleli namhlanje, yaye ukuqhubeka nabo engatyhafi de kwasekwaluphaleni kwemihla yakhe kufanele kubomeleze abo sebaluphele. [si-XO iphe. 58 isiqe. 30]
30. Ixesha eligutyungelwa yeyesi-2 kaSamuweli lisusela (kowe-1077 kuse malunga nowe-1040; 1077 ukusa malunga nowe-1037; 1070 ukusa malunga nowe-1040) B.C.E. [si-XO iphe. 59 isiqe. 3]
Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neenkcazelo ezidweliswe ngezantsi:
ABagwe. 11:30, 31; 1 Sam. 15:22; 30:24, 25; 2 Kum. 6:15-17; Yak. 5:11
31. UYehova unikela isiqinisekiso sokuba uya kusebenzisa imikhosi yakhe yasezulwini ukuze akhusele abantu bakhe ngokuvisisana nokuthanda kwakhe. [w98-XO 4/15 iphe. 29 isiqe. 5]
32. Abaveleli bebandla banembopheleleko yokubambelela kwizivumelwano abazenzileyo nangona kusenokuba buhlungu yaye kube ziindleko maxa wambi. [w99-XO 9/15 iphe. 10 isiqe. 3-4]
33. Ukulondoloza ingqibelelo ngaphantsi kokuvavanywa kukhokelela kwimivuzo emikhulu evela kuYehova uThixo. [w98-XO 5/1 iphe. 31 isiqe. 4]
34. Uthando lokwenene ngoThixo lufuna ukuthotyelwa kolwalathiso lobuthixo kungekhona ukunikela amadini nje kuphela. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w96-XO 6/15 iphe. 5 isiqe. 1.]
35. UYehova ubonisa uxabiso olunzulu ngabo bakhonza kwizigxina ezibalulekileyo kwintlangano yakhe namhlanje. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w86-XO 9/1 iphe. 28 isiqe. 4.]