Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi NgoNovemba: Kuseza kuqhutyekwa kusasazwa iKingdom News No. 36. Amabandla aye ayigubungela intsimi yawo ngokuhambisela abaninimzi kwikhaya ngalinye umbhalo weKingdom News No. 36 asenokuhambisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo okanye incwadi ethi Ulwazi. Ukuba abantu sele benazo ezi, kunokusetyenziswa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. NgoDisemba: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade neNguqulelo Yehlabathi Elitsha. NgoJanuwari: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. NgoFebruwari: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila okanye nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 epapashwe ngowe-1986 okanye ngaphambi koko ibandla elinayo esitokhweni.
◼ Emva kokuba iphulo elikhethekileyo lokuhanjiswa kweKingdom News ligqityiwe, amabandla asenezixa zeKingdom News No. 36 asenokukhuthaza abavakalisi ukuba bazihambise ngendlela efanayo naleyo yokuhanjiswa kwamaphecana—kokubini kwindlu ngendlu okanye kwezinye iindawo. Ukuba kunokwenzeka, abavakalisi basenokushiya iphecana libe linye kwindlu nganye engenabantu, kodwa baqiniseke ukuba alibonwa ngumntu odlulayo. Kufanele kwenziwe umgudu wokusasaza yonke imibhalo eseleyo yesi sigidimi sibalulekileyo.
◼ Umveleli owongamelayo okanye othile owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoDisemba 1, okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Akuba ekwenzile oku, makwenziwe isaziso ebandleni emva kokuba kufundwe ingxelo yemali elandelayo.
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola izimemo zesikhumbuzo zonyaka wama-2001 kunye neodolo yawo elandelayo yoncwadi. Izimemo zifumaneka ngesiBhulu, ngesiNgesi, ngesiPedi, ngesiPhuthukezi, ngesiSuthu, ngesiTsonga ngesiTswana, ngesiXhosa nangesiZulu. Zifanele ziodolwe ngokwezixa ze-100 kulwimi ngalunye. Ncedani niodole ngobulumko njengokuba izimemo zenzelwe abantu abanomdla kuphela, kungekhona nje nabani na.