IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/00 iphe. 3-4
  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
km 12/00 iphe. 3-4

Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

Impinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki KaSeptemba 4 kuse KuDisemba 18, 2000. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.

[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]

Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:

1. UDavide wamnqanda uAbhishayi ekubulaleni uShimeyi kuba uDavide wayeziva enetyala ngezityholo zikaShimeyi. (2 Sam. 16:5-13) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w99-XO 5/1 iphe. 32 isiqe. 3.]

2. Isazela esicocekileyo nesiqeqeshwe kakuhle asisikhokeleli nje kuphela ekubeni sibe nobuhlobo obusenyongweni noThixo kodwa sibalulekile ukuze sisindiswe. (Heb. 10:22; 1 Pet. 1:15, 16) [w98-XO 9/1 iphe. 4 isiqe. 4]

3. Ingxelo ekweyoku-1 yooKumkani ayibalulekanga kangako kwimilinganiselo yomKristu kuba kookumkani abali-14 abalawula kwaSirayeli nakwaYuda emva kokufa kukaSolomon, ba-2 kuphela abaphumelela ekwenzeni okulungileyo emehlweni kaYehova. [si-XO iphe. 64 isiqe. 1]

4. ULawulo LukaYesu Lwewaka Leminyaka lunokufaniswa nolawulo olunoxolo nolunempumelelo lukaSolomon olwathabatha iminyaka engama-40. (1 Kum. 4:24, 25, 29) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 6/1 iphe. 6 isiqe. 5.]

5. Ukungcwatywa ngokufanelekileyo kuka-Abhiya kububungqina obucacileyo bokuba wayengumnquli kaYehova othembekileyo, yena kuphela kwintsapho kaYerobhoham. (1 Kum. 14:10, 13) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w95-XO 4/1 iphe. 12 isiqe. 11.]

6. Ukubhaptizwa komKristu kubonisa ukuba lowo uye waba ngumkhonzi kaThixo oqolileyo. [w98-XO 10/1 iphe. 28 isiqe. 2]

7. UYehova wanika uEliya inkalipho engaphezu kweyomntu oqhelekileyo waza wamenza akabi naloyiko. (1 Kum. 18:17, 18, 21, 40, 46) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w98-XO 1/1 iphe. 31 isiqe. 2.]

8. Itempile kaSolomon sisakhiwo esibalulekileyo kungekhona nje ngenxa yozuko nobuhle bezinto eziphathekayo kodwa kuba yayifuzisela itempile kaYehova yokomoya nezukileyo. [si-XO iphe. 69 isiqe. 26]

9. Ukumfameka komkhosi wamaSiriya ngokwelizwi likaElisha kububungqina bokuba bamfameka ngokwengqondo ekubeni babembona uElisha kodwa babengamazi ukuba ngubani na. (2 Kum. 6:18, 19) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona si-XO iphe. 70-1 isiqe. 10.]

10. Ukubeka ‘iSingqino’ esichazwe kweyesi-2 yooKumkani 11:12, kwakungumqondiso wokomfuziselo obonisa ukuba indlela ukumkani awayewutolike ngayo uMthetho kaThixo yayingenakuguqulwa yaye wawufanele uthotyelwe. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w91-XO 2/1 iphe. 31 isiqe. 6.]

Phendula le mibuzo ilandelayo:

11. Ngokuvisisana neyoku-1 kaYohane 2:15-17, yintoni abazali aboyika uThixo abafanele babongoze abantwana babo ukuba bayiphephe xa bebalathisa ekukhetheni umsebenzi ofanelekileyo wempangelo? [w98-XO 7/15 iphe. 5 isiqe. 2]

12. Ithetha ukuthini eyesi-2 kaSamuweli 18:8, xa isithi: “Ihlathi ladla abantu abangakumbi kunabo badliwa likrele”? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w87-XO 3/15 iphe. 31 isiqe. 2.]

13. Ngoobani namhlanje abafana nezalamane zikaGoliyati, inzala kaRefa, yaye bazabalazela ukwenza ntoni? (2 Sam. 21:15-22) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 1/1 iphe. 20 isiqe. 8.]

14. Nguwuphi umgaqo weBhayibhile oyingenelo esiwufunda kweyesi-2 kaSamuweli 6:6, 7? [si-XO iphe. 63 isiqe. 30]

15. Nguwuphi umgaqo obalulekileyo onokufundwa kwisiganeko esibandakanya umntu owayebulawa ngokwaphula iSabatha? (Num. 15:35) [w98-XO 9/1 iphe. 20 isiqe. 2]

16. Singenza ntoni ukuze sixelise ukumkani waseSheba, owahamba umgama omde ukuze aphulaphule “ubulumko bukaSolomon”? (1 Kum. 10:1-9) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w99-XO 7/1 iphe. 31 isiqe. 1-2.]

17. Ngokutsho kweyoku-1 yooKumkani 17:3, 4, 7-9, 17-24, ziziphi iindlela ezintathu uEliya awabonisa ngazo ukholo kuYehova? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w92-XO 4/1 iphe. 19 isiqe. 5.]

18. Kutheni sinokuthi uNabhoti wayengenankani xa wayengazange avume ukunika uAhabhi isidiliya sakhe? (1 Kum. 21:2, 3) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w97-XO 8/1 iphe. 13 isiqe. 18.]

19. Amazwi akweyesi-2 yooKumkani 6:16 abakhuthaze njani abakhonzi bakaYehova namhlanje? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w98-XO 6/15 iphe. 18 isiqe. 5.]

20. Ziziphi iindlela amaKristu okwenyaniso namhlanje anokuzikhusela ngazo kunaniselwano ngamalungelo enkonzo? [w98-XO 11/15 iphe. 28 isiqe. 5]

Fakela igama (amagama) okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:

21. UmKristu wokwenene akamele ․․․․․․․․ aze abe nenxaxheba kumasiko angamkholisiyo ․․․․․․․․. (IMize. 29:25; Mat. 10:28) [w98-XO 7/15 iphe. 20 isiqe. 5]

22. Ekunikeleni ubungqina kuKumkani uAgripa, uPawulos wasebenzisa ․․․․․․․․, egxininisa kwiingongoma yena noAgripa ․․․․․․․․. (IZe. 26:2, 3, 26, 27) [w98-XO 9/1 iphe. 31 isiqe. 3]

23. Kuba uThixo ․․․․․․․․, abanye banokuvakalelwa kukuba akangomntu, kodwa ․․․․․․․․ oluthe rhoqo nokumilisel’ ingqondo kuya kunceda umntu ‘ambone Lowo ungenakubonwa.’ (Heb. 11:27) [w98-XO 9/15 iphe. 21 isiqe. 3-4]

24. Njengoko sibona kwimeko yenjengele ․․․․․․․․ eyayingumSiriya, maxa wambi zininzi iingenelo ezifumanekayo ․․․․․․․․ nje okuncinane. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w99-XO 2/1 iphe. 3 isiqe. 6–iphe. 4 isiqe. 1.]

25. Njengoko intliziyo kaYehonadabhi yayinoKumkani uYehu, ngentliziyo iphela namhlanje ․․․․․․․․ siyaqonda yaye siyasebenzisana noYehu Omkhulu, ․․․․․․․․, omelwa ․․․․․․․․ emhlabeni. (2 Kum. 10:15, 16) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w98-XO 1/1 iphe. 13 isiqe. 5-6.]

Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:

26. (NguSathana; nguYehova; nguYowabhi) owabangela uDavide ukuba one ‘ngokubala amaSirayeli.’ (2 Sam. 24:1) ) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w92-XO 7/15 iphe. 5 isiqe. 2.]

27. Ngokuvisisana neyoku-1 yooKumkani 8:1 neNtshumayeli 1:1, uSolomon wabahlanganisela abantu ukuze (bakhe itempile; basukele iintshaba zikaSirayeli; banqule uYehova). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona si-XO iphe. 112 isiqe. 3.]

28. Iminyaka engama-20 yokwakha kukaSolomon itempile nendlu eYerusalem iyafana nethuba lokuhlengahlengiswa kweemfundiso ezisisiseko nokwentlangano okwaqala (ngowe-1919; ngowe-1923; ngowe-1931) kwaza kwaphela (ngowe-1938; ngowe-1942; ngowe-1950). (1 Kum. 9:10) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w92-XO 3/1 iphe. 20 ibhokisi.]

29. Igama elithi “emazulwini” njengoko lisetyenziswe kweyesi-2 yooKumkani 2:11 libhekisela (kwindawo yokomoya ahlala kuyo uThixo; isibhakabhaka esibonakalayo; kwisibhakabhaka esikufutshane nomhlaba, ekubhabha kuso iintaka nekuvuthuza kuso imimoya). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w97-XO 9/15 iphe. 15 ibhokisi.]

30. (NguHerode Omkhulu; nguKesare Agasto; nguTibheriyo Kesare) owayalela ubalo olwabangela ukuba uYesu azalelwe eBhetelehem kunaseNazarete. [w98-XO 12/15 iphe. 7 ibhokisi]

Ngqinelanisa izibhalo ezilandelayo nenkcazelo nganye kwezi zidweliswe ngezantsi:

INdu. 15:4; 2 Sam. 12:28; 2 Sam. 15:18-22; 2 Kum. 3:11; Kol. 3:13

31. Ubuntloko kwilungiselelo likaYehova lolawulo lobuthixo bufanele buhlonelwe. [si-XO iphe. 63 isiqe. 30]

32. Simele sinyaniseke kwintlangano kaYehova nakubameli bayo. [si-XO iphe. 63 isiqe. 30]

33. Ukuxabisa inceba kaYehova kunokushukumisela ubani ukuba azibambe aze akwazi nokoyisa iziphoso. [w98-XO 11/1 iphe. 6 isiqe. 3]

34. Kulilungelo ukubonakalisa umoya wokubuka iindwendwe nokulungiselela abakhonzi abathembekileyo bakaYehova abakwinkonzo ekhethekileyo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w97-XO 11/1 iphe. 31 isiqe. 1.]

35. Umntu owoyika uThixo wenza konke okusemandleni akhe ukuze agcine isibhambathiso asenzileyo sokuhlawula amatyala akhe, enoba iimeko ezingalindelekanga zenza kube nzima kakhulu kunokuba ebelindele. [w98-XO 11/15 iphe. 27 isiqe. 1]

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share