Moyike UYehova Imini Yonke
1 “Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko.” (INdu. 111:10) Kusikhuthaza ukuba senze imisebenzi emihle size sisuke ebubini. (IMize. 16:6) Olu loyiko yintlonelo enzulu ngoMdali wethu, lusishukumisela ukuba soyike ukungamkholisi nokungamthobeli. Yinto ekufuneka siyihlakulele size siyibonakalise imini yonke.—IMize. 8:13.
2 Yonke imihla, umoya wehlabathi likaSathana usicinezela ngendlela engathethekiyo ukuze sihambisane neendlela zalo ezingendawo. (Efe. 6:11, 12) Inyama yethu engafezekanga enesono ngokuqhelekileyo ityekele ebubini. (Gal. 5:17) Kungoko, ukuthobela imithetho kaYehova, ukuze sonwabe nokuze sifumane ubomi, kufuneka simoyike imini yonke.—Dut. 10:12, 13.
3 KumaHebhere 10:24, 25, sikhuthazwa ukuba sihlanganisane ndawonye ukuze sikhuthazane “ngokungakumbi” kula maxesha siphila kuwo. Ukuya rhoqo kwiintlanganiso kubalulekile ukuba siza kusinda kule mihla yokugqibela. Ukoyika ukungamkholisi uThixo kusishukumisela ukuba siye kwiintlanganiso size siyixabise kakhulu injongo yazo. Abo bamoyikayo uThixo bakujonga njengelungelo elingcwele ukuba nesabelo kwiintlanganiso zamaKristu.
4 Ukuthobela umyalelo wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani yenye indlela esibonisa ngayo ukumoyika uThixo. (Mat. 28:19, 20; IZe. 10:42) Usukelo lwethu oluyintloko ngokushumayela iindaba ezilungileyo kukunceda abanye bahlakulele ukoyika uYehova baze bazithobe ekuthandeni kwakhe. Oku sikwenza ngokubuyela, size sizame ukuqalisa izifundo zeBhayibhile, nangokufundisa abanye yonke imithetho kaThixo. Ngaloo ndlela sibonisa ukumoyika kwethu uYehova nothando lwethu ngommelwane.—Mat. 22:37-39.
5 Abo bangamoyikiyo uThixo bayasilela ukukhulisa isimo sengqondo esinoxabiso ngezinto zokomoya, yaye banikezela kumoya ofileyo wehlabathi, okanye kwisimo sengqondo salo. (Efe. 2:2) Ngamana isigqibo sethu singaba ‘kukunikela inkonzo engcwele kuThixo sinoloyiko lobuthixo nentlonelo.’ (Heb. 12:28) Ngaloo ndlela siya kuvuna iintsikelelo zabo boyika uYehova imini yonke.