Iindaba Ezingokobuthixo
◼ Ngenyanga ka-Agasti noSeptemba kuye kwanikezelwa iiHolo ZoBukumkani ezintsha ezili-16. Eneneni ezi ziindaba ezimnandi nezifudumez’ intliziyo! Ebudeni buka-Agasti kuye kwanikezelwa ezi holo zilandelayo zili-11: EAlice, eNgxaza, ePepeni, eSugarbush, kuNtabankulu, kwaNoncampa, naseXesi (zonke zezaseMpuma Koloni), eyaseBhekuzulu neyaseThandukukhanya (kwaZulu-Natal), eZone 1 eGa-Rankuwa (eGauteng) neyaseMaseru North (eLesotho). Oku kwenza inani leeholo ezinikezelweyo ebudeni bonyaka wenkonzo wowama-2000 zibe ngama-27. Ebudeni bukaSeptemba kuye kwanikezelwa ezi holo zilandelayo: EyaseNseleni (kwaZulu-Natal), eyaseMorija (eLesotho), eyaseGelvandale neyaseJansenville (EMpuma Koloni), naseSomerset West (ENtshona Koloni).
Sithi maz’ enethole kwakhona kwiiKomiti Zenqila Zokwakha (RBC [Regional Building Committees]), kumatsha-ntliziyo nakwiintsapho zawo ngomoya wabo wokuzincama ukuze bancedise ekwakhiweni kwezi Holo ZoBukumkani zifunekayo. Ngokweengxelo zethu ngoku sinikezele iiHolo ZoBukumkani ezingaphezu kwama-500. Noko ke, kusafuneka iiholo ezingama-315 (kumabandla anabavakalisi abangaphezu kwama-30). Sikhuthaza onke amabandla afuna iiholo ukuba (1) afumane isiza, (2) aqhagamshelane neKomiti Yenqila Yokwakha yawo aze (3) aqhubeke enikela kwingxowa-mali yokwakha yawo. IQumrhu Elilawulayo belingathanda ukuba ibandla ngalinye lihlanganisane kwiHolo YoBukumkani yalo. Ngaloo ndlela, kuya kuxatyiswa kakhulu ukuba abangakumbi bethu banokuncedisa iiKomiti Zenqila Zokwakha ekwakheni ezi holo zifunekayo.