IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/01 iphe. 2-7
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 2/01 iphe. 2-7

Izaziso

◼ Umnikelo woncwadi NgoFebruwari: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila okanye nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 epapashwe ngowe-1986 okanye ngaphambi koko ibandla elinayo esitokhweni. NgoMatshi: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Kuya kwenziwa umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zeBhayibhile. NgoAprili nangoMeyi: Amaphephancwadi IMboniselo noVukani! Hambisa incwadi ethi Ulwazi okanye incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ngenjongo yokuqalisa izifundo zeBhayibhile.

◼ Umveleli owongamelayo okanye uthile owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoMatshi 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Xa oku kwenziwe, yenza isaziso ebandleni emva kokwenziwa kwengxelo yemali elandelayo.

◼ Unobhala nomveleli wenkonzo bafanele bahlolisise wonke umsebenzi wabo bonke oovulindlela abathe ngxi. Ukuba nabaphi na banengxaki yokuzalisa isisikelo seeyure, abadala bafanele balungiselele ukuba kunikelwe uncedo. Ngokuphathelele amacebiso, hlolisisa iileta iiS-201 zoMbutho zaminyaka le. Bona nesiqendu 12-20 sesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 1986.

◼ Unobhala ufanele aqinisekise ukuba iKomiti Yokwakha Yenqila iyazi ngemeko yabo bonke abavakalisi ababhaptiziweyo abaye bathumela iifomu ezithi Kingdom Hall Construction Worker Questionnaire (S-82). Xa kukho utshintsho kwimeko yetsha-ntliziyo elithile, njengaxa uthile eye wafuduka okanye wamiselwa njengesicaka solungiselelo okanye umdala, kufanele kuzaliswe iifomu ezintsha zize zithunyelwe ngokukhawuleza. Ukuba idilesi yetsha-ntliziyo elithile okanye inombolo yomnxeba zitshintshile, okanye alisenako ukuma okuhle nebandla, ngaphandle kokulibazisa abadala bafanele bazise iKomiti Yokwakha Yenqila ngeleta.

◼ Ncedani niphawule ukuba iSikhumbuzo sonyaka wama-2002 siya kuba ngoLwesine, Matshi 28, emva kokutshona kwelanga kungekhona ngoLwesihlanu, ngoMatshi 22, njengokuba kubonisiwe ekupheleni kweKhalenda Yowama-2001. Esi saziso senziwe kuselithuba ukuze abazalwana bakwazi ukwenza amalungiselelo ayimfuneko okanye bafune iiholo ezifumanekayo apho kukho amabandla amaninzi asebenzisa iHolo yoBukumkani enye namele afumane enye indawo. Ngenxa yokubaluleka kwesi sihlandlo, xa kukhethwa isithethi seSikhumbuzo, iqumrhu labadala lifanele likhethe omnye wabona badala bafanelekayo kunokuba bamane betshintshana okanye basebenzise umzalwana omnye minyaka le. Ukuba kukho umdala ofanelekayo ongumthanjiswa onokunikela intetho, oku kuya kusingathwa ngendlela eyahlukileyo.

◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2001 neodolo yawo yoncwadi kaFebruwari. Incwadi Yonyaka Yowama-2001 iza kufumaneka ngesiFrentshi, ngesiGrike, ngesiJamani, ngesiJapan, ngesiNgesi, ngesiPhuthukezi, ngesiSuthu, ngesiTaliyane, ngesiTsonga, ngesiXhosa nangesiZulu. De zibe ziyafumaneka yaye zithunyelwe ezi ncwadi, ziya kuvela zibhalwe “Pending” kuludwe lwezinto ezithunyelwa emabandleni. Incwadi Yonyaka Yowama-2001 yinto yesitokhwe esiqingqiweyo, nto leyo ethetha ukuba ifanele iodolwe libandla kuphela xa kukho abantu abathile abayifunayo; isicaka soncwadi asinakuodolela ibandla isixa esikhulu. Ngaloo ndlela kufanele kugcinwe ingxelo echanileyo yazo zonke iiodolo. (Bona iWatch Tower-Isikhokelo Sokucela Uncwadi, Icandelo 3.)

◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu I—ngesiBhulu, ngesiFrentshi, ngesiGrike, isiJamani, ngesiJapan, ngesiNgesi, ngesiPedi, ngesiPhuthukezi, ngesiPolish, ngesiShona, ngesiSuthu, ngesiTaliyane, ngesiTsonga, ngesiTswana, ngesiVenda, ngesiXhosa nangesiZulu

INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele (Uhlelo oluqhelekileyo)—ngesiSuthu, ngesiTswana

Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!—ngesiBhulu, ngesiChichewa, ngesiFrentshi, ngesiGrike, isiJamani, ngesiJapan, ngesiNgesi, ngesiPedi, ngesiPhuthukezi, ngesiShona, ngesiSuthu, ngesiSpanish, ngesiTaliyane, ngesiTsonga, ngesiTswana, ngesiVenda, ngesiXhosa nangesiZulu

◼ Ikhasethi Ezintsha Ezifumanekayo:

Kingdom Melodies No. 9 (ikhasethi enye)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share