Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoMatshi: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Kuya kwenziwa umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zeBhayibhile. NgoAprili nangoMeyi: Amaphephancwadi IMboniselo noVukani! Hambisa incwadi ethi Ulwazi okanye incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, ngenjongo yokuqalisa izifundo zeBhayibhile. NgoJuni: Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? okanye ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Nikela ingqalelo ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile zasekhaya.
◼ Abavakalisi abanqwenela ukukhonza njengoovulindlela abangabancedani ngoAprili bafanele bacwangcise ngoku baze bafake izicelo zabo kwangethuba. Oku kuya kunceda abadala ukuba benze amalungiselelo ayimfuneko enkonzo yasentsimini yaye babe nesixa esaneleyo samaphephancwadi nolunye uncwadi. Amagama abo bonke abanconyelwe ukuba bakhonze njengoovulindlela abangabancedani afanele aziswe ibandla.
◼ ISikhumbuzo siya kuba ngeCawa, Aprili 8, 2001. Azikho iintlanganiso eziya kuqhutywa ngolo suku ngaphandle kwezo zenkonzo yasentsimini. Abadala banokwenza amalungiselelo afanelekileyo okuba iSifundo seMboniselo siqhutywe ngelinye ixesha.
◼ UMbutho awusebenzi ngezicelo zeencwadi zabavakalisi ngabanye. Umveleli owongamelayo ufanele alungiselele ukuba kwenziwe isaziso nyanga nganye ngaphambi kokuba kuthunyelwe isicelo saloo nyanga soncwadi kuMbutho ukuze bonke abanomdla wokuzifumanela uncwadi baqhagamshelane nomzalwana onyamekela uncwadi. Nceda usoloko uzikhumbula iimpapasho ezifumaneka ngesicelo esikhethekileyo.
◼ IiNdibano zeSithili ‘Zabenzi Belizwi LikaThixo’ zaba yimpumelelo engathethekiyo ekubeni bonke babeluphulaphule ngolangazelelo olo cwangciso lwakhayo. Kwiindibano ezingama-41, kwabhaptizwa isimbuku sabantu abangama-2 465 Yaye bebonke ababekho babeli-146 277. Ngoku sikhangele phambili kungcelele lweendibano zowama-2001.
◼ Kwakhona siye sanandipha iinyanga ezintathu eziye zachithelwa kwiphulo lentsimi engabelwanga bani. Isimbuku sabavakalisi abangama-5 841 sichithe iiyure ezingama-53 796 sasasaza amaphephancwadi angama-28 836, iincwadi ezingama-4 969 neencwadana ezinemifanekiso neencwadana ezingama-17 722. Senza amabuyelo angama-4 131 saza saqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-508. Le yingxelo ekhuthazayo yaye sikhangele phambili kwiphulo lowama-2001.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
AmaNgqina KaYehova—Angoobani? Yintoni Ayikholelwayo?—ngesiBhulu, ngesiFrentshi, ngesiNgesi, ngesiPedi, ngesiPhuthukezi, ngesiShona, ngesiSuthu, ngesiTsonga, ngesiTswana, ngesiVenda, ngesiXhosa nangesiZulu