Iindaba Ezingokobuthixo
◼ Ebudeni bempela-veki yokugqibela kaJanuwari kwanikezelwa enye iHolo yoBukumkani eClernaville (ePinetown), KwaZulu-Natal. Eli bandla lasekwa ngowe-1947 yaye abangama-207 ababekho bavuyiswa kakhulu yile mbali yokomoya baye bazakhela yona njengebandla. Oku kwenza iiholo ezinikezelweyo kulo nyaka wenkonzo zibe li-14. Abo basakha iiholo zabo bakhuthazwa ukuba benze konke okusemandleni ukuze bazigqibe ngokukhawuleza, ukuze iholo ikwazi ukunikezelwa ngaphambi kokuphela kwalo nyaka wenkonzo.
Kwiindaba Ezingokobuthixo zikaDisemba 2000 kwathiwa: “IQumrhu Elilawulayo belingathanda ukuba ibandla ngalinye lihlanganisane kwiHolo yoBukumkani yalo.” Ingongoma yayikukuba ibandla ngalinye lifanele lihlanganisane kwiHolo yoBukumkani ethile, nokuba ayiyoyalo. Kuhle ukuba amabandla amathathu, amane okanye ngaphezulu abelane ngeHolo yoBukumkani. Noko ke, ngabo bahlanganisana etyotyombeni okanye esikolweni abakufanelekelayo ukuba neHolo yoBukumkani.