Ibhokisi Yemibuzo
◼ Sifanele sizinyamekele njani izabelo zebandla?
Ukusebenza kakuhle kwebandla labantu bakaYehova kubangelwa kukusebenza ngaxhathalinye. (1 Kor. 14:33, 40) Cinga nje ngezinto ekufuneka zinyanyekelwe xa kuqhutywa intlanganiso enye yebandla. Ngaphandle kwentlanganiso zininzi izinto ekufuneka zinyanyekelwe ngaphambi nasemva kweentlanganiso, njengoko abazalwana benyamekela izabelo ezahlukeneyo. Nezinye izabelo ezinyanyekelwa ngasese zibalulekile. Anganegalelo njani ngamnye wethu kweli lungiselelo?
Yiba litshantliziyo. Abo banomoya ovumayo baba nento eninzi abanokuyenza. (INdu. 110:3) Baxhalabele abagulayo nabakhulileyo. Yibakho xa kucocwa iHolo yoBukumkani. Sinokwenza izinto ezininzi ngaphandle kokucelwa. Kufuneka nje sibe nomnqweno wokunceda.
Khonza ngokuthozama. Abantu abathozamileyo bayakuvuyela ukukhonza abanye. (Luka 9:48) Ukuthozama kuya kusinceda singamkeli iimbopheleleko ezingaphezu kwamandla ethu. Ukanti, kuya kusinceda singagabadeli kwindlela esilisebenzisa ngayo igunya lethu.—IMize. 11:2.
Thembeka. UMoses wakhuthazwa ukuba azikhethele “amadoda akholosekileyo” ukuze anyamekele izikhundla zembopheleleko kuSirayeli wamandulo. (Eks. 18:21) Olu phawu lusafuneka nanamhlanje. Sinyamekele kakuhle isabelo ngasinye osinikwayo. (Luka 16:10) Ukuba akuyi kukwazi ukusenza eso sabelo, qiniseka ukuba wenza amalungiselelo okuba kubekho umntu oza kusenza.
Zimisele. AmaKristu abongozwa ukuba azibhokoxe kwanakumsebenzi wokuziphilisa. (Kol. 3:22-24) Kukho isizathu esingakumbi sokwenza oko xa uhambisela phambili unqulo lokwenyaniso. Kwanokuba loo msebenzi ubonakala ungabalulekanga, uyintsikelelo kwibandla xa wenziwe kakuhle.
Isabelo ngasinye sisinika ithuba lokubonisa ukuba siyamthanda uYehova nabazalwana bethu. (Mat. 22:37-39) Ngamana singazinyamekela kakuhle izabelo esiziphathisiweyo.