Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiveki eqala ngoFebruwari 27, 2006. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda yemizuzu engama-30 esekelwe kumbandela wezabelo zeveki esusela kuJanuwari 2 ukusa kuFebruwari 27, 2006. [Isaziso: Kwimibuzo engenazimbekiselo, kuya kufuneka uzenzele uphando ukuze ufumane iimpendulo.—Bona incwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphe. 36-7.]
UPHAWU LWENTETHO
1. Ziziphi iindlela iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo esisinceda ngazo ‘sinikele umbingelelo wendumiso size sivakalise ekuhleni igama lakhe’? (Heb. 13:15) [be-XO iphe. 5 isiqe. 3–iphe. 6 isiqe. 1]
2. Kutheni simele senze umgudu ongakumbi wokufunda ngendlela echanileyo? [be-XO iphe. 83 isiqe. 1-5]
3. Xa sithetha yaye sifundisa, kutheni kubalulekile nje ukuthetha ngokucacileyo? [be-XO iphe. 86 isiqe. 1-6]
4. Kutheni lubalulekile ubizo-magama oluchanileyo, yaye ngabaphi oothunywashe esimele sibaqwalasele? [be-XO iphe 89 isiqe. 1–iphe. 90 isiqe. 2, ibhokisi]
5. Ngawaphi amacebiso anokusinceda sithethe ngokutyibilikayo? [be-XO iphe. 94 isiqe. 4-5, ibhokisi]
ISABELO. 1
6. Eyesi-2 yeziKronike 36:17-23 isiqinisekisa njani ukuba iziprofeto zeBhayibhile zinokuthenjwa? [si-XO iphe. 84 isiqe. 35]
7. Ziziphi iziganeko ezavulel’ ithuba amaYuda ukuba abuyele kwilizwe lawo ngowama-537 B.C.E. ukuze aphinde akhe indlu kaYehova? [si-XO iphe. 85 isiqe. 1-3]
8. Incwadi kaEzra imzukisa njani uYehova njengoThixo wenyaniso yaye isikhuthaza njani ukuba sithembele kuye? [si-XO iphe. 87 isiqe. 14, 18]
9. Kutheni ‘unyaka wamashumi amabini ka-Artashashta ukumkani’ ubalulekile kwimbali yeBhayibhile? (Neh. 2:1, 5, 6, 11, 17, 18) [si-XO iphe. 88 isiqe. 2, 5]
10. UNehemiya ungumzekelo omhle njani kubakhonzi bakaThixo namhlanje? [si-XO iphe. 90 isiqe. 16-17]
UFUNDO LWEBHAYIBHILE LWEEVEKI NGEEVEKI
11. Ngaba iUrim neTumim, ezazisetyenziselwa ukufuna impendulo kuYehova, zazifumaneka kubathinjwa ababuyiselweyo? (Ezra 2:61-63)
12. Kwakutheni ukuze amaYuda amaninzi eBhabhiloni angafuni ukuhamba noEzra ukuya eYerusalem? (Ezra 7:28–8:20)
13. Lwalunokuphinda lwakhiwe njani udonga ngesandla esinye? (Neh. 4:17, 18)
14. Ekubeni iincwadi eziyimfihlelo zazidla ngokufakwa engxoweni evaliweyo, kwakutheni ukuze uSanebhalati athumele “incwadi evulekileyo” kuNehemiya? (Neh. 6:5)
15. Ngaphezu ‘kokuwahlaba amadlala’ amaYuda awexukileyo, njengoko wenzayo kwixesha elidluleyo kwiinkosana nakwizidwangube, ziziphi ezinye izinto awazenzayo uNehemiya ukuze awalungise? (Neh. 13:25, 28)