IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/06 iphe. 3
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
km 5/06 iphe. 3

IZaziso

◼ NgoMeyi kuza kuhanjiswa IMboniselo noVukani! NgoJuni: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Yenza umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zeBhayibhile. NgoJulayi nangoAgasti: Nayiphi na kwezi ncwadana zinemifanekiso zilandelayo: Hlalani Nilindile!, Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi, Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, Xa Umntu Omthandayo Esifa, nethi Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? NgoSeptemba: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

◼ Ekubeni uJulayi eneeveki ezintlanu ezipheleleyo, unokuba yinyanga efanelekileyo yokuba nguvulindlela ongumncedani.

◼ Umveleli owongamelayo okanye omnye umntu owabelwe nguye ufanele ahlole imali yebandla ngoJuni 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Ukuba kukho iakhawunti yebhanki eyahlukileyo, njengeyokulungiswa okanye yokwakhiwa kweholo, kufanele kwenziwe amalungiselelo okuhlola loo mali. Xa sele kugqityiwe oku, kufanele kwenziwe isaziso ebandleni kwingxelo yemali elandelayo. Amabandla asele efake isicelo sokubhaliswa njengePublic Benefit Organizations (PBOs) afanele athumele ingxelo yawo yemali kaMatshi, ka-Aprili nekaMeyi kwiofisi yesebe emva kokuba iye yahlolwa. Ngaphandle emvulophini bhalani Accounting Office.

◼ Silungiselele indibano yesiphaluka ngentetho yezandla kwiHolo Yendibano yase-Eikenhof ngoAgasti 26, 27, 2006. Le iza kuba yindibano yokuqala eqhutywa yonke ngentetho yezandla. Bonke abo banokungenelwa kolu cwangciso bamenywa ngokufudumeleyo. Nangona kubandakanyeke iindleko, le ndibano iya kuvula ithuba elihle lobudlelane kwabo bentsimi yentetho yezandla eMzantsi Afrika nakumazwe aselumelwaneni.

◼ Kunconyelwa ukuba izicelo zobuvulindlela obuthe ngxi zithunyelwe kwiofisi yesebe ubuncinane kwiintsuku ezingama-30 ngaphambi komhla wokuqalisa. Unobhala webandla ufanele azihlole ezi zicelo ukuze aqiniseke ukuba zizaliswe kakuhle. Ukuba abo bafaka ezi zicelo abasayikhumbuli imihla yabo yokubhaptizwa, banokuyiqikelela baze bayibhale phantsi. Unobhala ufanele awubhale lo mhla kwikhadi leNgxelo Yomvakalisi Webandla (S-21).

◼ IiCD Ezintsha Ezifumanekayo:

A Satisfying Life—How to Attain It—NgesiNgesi

Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?—NgesiNgesi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share