Ukwakha IiHolo ZoBukumkani—Inkalo Ebalulekileyo Yenkonzo Engcwele
1. Yintoni eye yaphunyezwa kumsebenzi wokwakha iiHolo zoBukumkani, kodwa yintoni esafunekayo?
1 Kwiminyaka emihlanu edluleyo, kwintsimi yaseMzantsi Afrika kuye kwakhiwa iiHolo zoBukumkani ezingama-262, kwaza kwahlaziywa nezinye ezininzi. Siwuxabisa ngokwenene umsebenzi weeKomiti Zokwakha Zeenqila nabo bonke abazixhasayo. Ngoxa kuye kwenziwa umsebenzi oncomeka kakhulu, usemninzi umsebenzi omele wenziwe ekwakheni iiHolo zoBukumkani. Yintoni esinokuyenza ukuze sixhase le nkalo ibalulekileyo yenkonzo yethu engcwele esiyenzela uYehova?—ISityhi. 7:15.
2. Sinokuwuxhasa njani ngendlela engqalileyo umsebenzi wokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani?
2 Yiba Nentliziyo Evumayo: Ukuba ungumvakalisi obhaptiziweyo, siyakumema ukuba ufake isicelo sokuya kusebenza neKomiti Yokwakha Yenqila ngokuzalisa iKingdom Hall Volunteer Worker Questionnaire. (INdu. 110:3) Bonke abo baba ngamatsha-ntliziyo bafanele babe ngabasebenzi abakhutheleyo kwaye babe nomoya wentsebenziswano. (INdu. 133:1) Kwanokuba akukwazi ukwakha, unokuba negalelo elikhulu ekwenzeni lo msebenzi uphumelele. Unokude uqeqeshwe ukuze usetyenziswe ngakumbi kwixesha elizayo.
3. Ziziphi ezinye iindlela esinokulixhasa ngazo eli lungiselelo?
3 Ukuba akukwazi kuba litsha-ntliziyo, unokuwuxhasa ngokukhuthaza abo bafak’ isandla kweli lungiselelo. Unokunceda ngokwenza izabelo zabo zebandla xa bengekho beye kusebenza. Xa beceba kusengaphambili, abadala bayakwazi ukuqiniseka ukuba ibandla linyanyekelwa kakuhle xa abanye bengekho beye kwakha iHolo yoBukumkani. Alithandabuzeki elokuba uYehova uyakholiswa kukusebenza kwethu ngomanyano, sixhasa izilangazelelo zoBukumkani.—Heb. 13:16.
4. Sinokubakhuthaza njani abo babandakanyeka kumsebenzi wokwakha iiHolo zoBukumkani?
4 Yiba Lukhuthazo: Ukwakha iindawo zokunqulela kubandakanya ixesha nomsebenzi omninzi. Iyaqondakala ke ngoko into yokuba abo bamenywa ukuba baye kuncedisa ekwakheni abayi kubakho kumabandla abo ngamaxesha athile. Ngamana singawancoma yaye siwakhuthaze amatsha-ntliziyo akhayo, ancama izinto ezithile ngenjongo yokusingatha lo “mcimbi uyimfuneko.”—IZe. 6:3; Roma 14:19.
5. Amatsha-ntliziyo akhayo anokulungelelana ngayiphi indlela?
5 Lungelelana: Ukushumayela ngoBukumkani bukaThixo ngowona msebenzi wobuthixo ubalulekileyo siwenzayo. (Marko 13:10) Ngenxa yoko, iiKomiti Zokwakha Zeenqila zizabalazela ukucwangcisa umsebenzi ngohlobo lokuba kungafuneki ukuba amatsha-ntliziyo angabikho kumabandla awo ngokungeyomfuneko. Ngendlela efanayo, amatsha-ntliziyo azabalazela ukulungelelana ekusingatheni iimbopheleleko zawo ezininzi. Enza amalungiselelo ukuze aqiniseke ukuba iimbopheleleko zawo zebandla ziyasingathwa xa engekho kumabandla awo.
6. Yintoni ephunyezwayo xa wonk’ ubani ebandleni esebenzisana ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zonqulo lwenyaniso?
6 Umpostile uPawulos wachaza amalungu ebandla ngokuthi asebenzisana ngomanyano ‘ukuze umzimba ukhule uze wakheke eluthandweni.’ (Efe. 4:16) Ukuthanda kwethu uYehova nonqulo lwenyaniso kusenza sisebenzisane ekushumayeleni iindaba ezilungileyo nasekuxhaseni umsebenzi wokwakha iiHolo zoBukumkani.