IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/07 iphe. 1
  • Uthando—Eyona Nto Inokusenza Siphumelele Entsimini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uthando—Eyona Nto Inokusenza Siphumelele Entsimini
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko Kuthethwa Kukuthanda Ummelwane
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Xelisa UYesu—Ufundise Ngothando
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Mthande UThixo Okuthandayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • ‘Masithande Ngezenzo Nangenyaniso’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 1/07 iphe. 1

Uthando—Eyona Nto Inokusenza Siphumelele Entsimini

1 “Yizani kum, . . . yaye ndiza kunihlaziya.” (Mat. 11:28) Loo mazwi avuyisayo abonisa indlela uYesu abathanda kakhulu ngayo abantu. Njengabalungiseleli abangamaKristu, sifuna ukuxelisa uYesu ngokuthi sibathande abantu abathezw’ amandla leli hlabathi lingenaluthando. Sinokukwenza njani oku xa sishumayela iindaba ezilungileyo?

2 Ngokuthetha Nabo: Luthando olwabangela uYesu ukuba asebenzise naliphi na ithuba ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo. (Yoh. 4:7-14) Uthando luya kusinceda singabi madolw’ anzima ukushumayela ngokungacwangciswanga. Enye intombazana eneminyaka emithandathu ubudala yashumayela kwelinye ibhinqa elalihleli ecaleni kwayo esibhedlele. Yintoni eyayibangela ukuba yenjenjalo? Ithi, “Eli bhinqa lalibonakala lifuna ukwazi ngoYehova.”

3 Sinokubonakalisa umdla ebantwini ngokuncuma ngokusuka entliziyweni nokuthetha ngendlela enobubele. Xa siyiphulaphula ngenyameko into abayithethayo abanye, siziqonde izinto ezibaxhalabisayo, size sibe nomdla wokwenene kubo sibonisa ukuba siyabathanda. (IMize. 15:23) Ekubeni sixelisa uYesu, sifanele sibethelele isigidimi soBukumkani esikhuthazayo size sibaxelele nangemfesane uYehova anayo ngabantu.—Mat. 24:14; Luka 4:18.

4 Ngezenzo: UYesu wayeziphaphela iintswelo zabanye ngendlela ebonakalayo. (Mat. 15:32) Nathi sisenokuxhakamfula amathuba okuba nobubele bothando xa sisentsimini. Omnye udade waphawula elinye ibhinqa elalingevani ngentetho nomntu elalithetha naye emnxebeni. Lo dade walinceda ngokulitolikela amazwi aloo mntu lalithetha naye. Esi senzo sobubele savula ithuba lokuba bancokole ngeZibhalo laza elo bhinqa lamkela isifundo seBhayibhile. Kanti, omnye umzalwana owayesenza ibuyelo wafika umninimzi ecaphukile, ngenxa yokuba isofa awayezama ukuyingenisa yayixinge emnyango. Emva kokumnceda, lo mzalwana wahlala kwakule sofa inye waza waqalisa isifundo nale ndoda inombulelo.

5 Njengoko sishumayela entsimini, sibonisa uthando lwethu ngoThixo nommelwane. (Mat. 22:36-40) Xa oko sikubonisa ngamazwi nangezenzo abantu abantliziyo zinyanisekileyo bayabona ukuba sinenyaniso.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share