Iindaba ZobuThixo
◼ Sikuvuyela gqitha ukuba abe la mabandla alandelayo aye anikezela iiHolo zawo zoBukumkani ezintsha: iMkhangazweni (kufutshane neLusikisiki), iMlazi South (kufutshane naseThekwini), iMhlaba Cross (kufutshane neMusina), kunye neLeeufontein (kufutshane neMarble Hall). Sibamba ngazibini kuni bazalwana noodade nakumatsha-ntliziyo eKomiti Yokwakha Yenqila ngokuncedisa ngokuzithandela. Sikhuthaza iiKomiti Zokwakha Zenqila ukuba zigqibe ukwakha zonke iiHolo zoBukumkani ezicwangcise ukuzakha kulo nyaka wenkonzo yaye sicela namabandla ukuba azixhase ngokupheleleyo.